Kutheni Abantu Besiba Ezivenkileni?
“Ukuba evenkileni andikujongi njengobusela, kodwa yindlela nje yokuzifumanela imali xa usengxakini.”—UMFUNDISI WECAWA YASETSHETSHI.
UKUBA iintsomi ziyinyaniso, uRobin Hood wayeziva ekhululekile ukuba angeba. Amabali esiNgesi asixelela ukuba waphanga izityebi waza wanikela ngezo zinto kumahlwempu. Lo mfundisi ucatshulwe ngasentla naye ukholelwa ukuba ungeba xa ulihlwempu. Uthi ngabo beba ezivenkileni: “Ndinovelwano ngabo, enyanisweni ndicinga ukuba bayathetheleleka ngoko bakwenzayo.” Ucebisa ukuba nyaka ngamnye ivenkile ezinkulu zifanele zibe nosuku eziza kuvumela ngalo amahlwempu ukuba athabathe nantoni na ayifunayo ezishelufini aze angahlawuli.
Phofu ke, amasela amaninzi, aqhele nje ukuba kungekhona ukuba angamahlwempu. EJapan amapolisa abamba amapolisa amabini asebenza nawo ngenxa yobusela. EUnited States, omnye wabaphathi kwinkampani yokutya, wabhaqwa esiba. Amaxesha amaninzi abakwishumi elivisayo bathi benemali epokothweni babe izinto ezingenamsebenzi. Yintoni ebangela ukuba abantu babe ngamasela?
‘Bumnandi’
Bubangel’ imincili. Bukwenza uhlale uthe phatsha. Bukwenza ube unesibindi. Njengala mantombazana mabini kuthethwe ngawo kwinqaku elidluleyo, abanye abantu abebayo bavakalelwa ngendlela efanayo yaye oku kubenza baqhubeka besiba ngokuphindaphindiweyo. Emva kokuba libe okwesihlandlo sokuqala, elinye ibhinqa lathi: “Ndaziva ndonwabile. Ndandivuyiswa kukuba ndingakhange ndibhaqwe.” Emva kokuba libe kangangexesha elide, kamva lathi xa lihlomla ngendlela elivakalelwa ngayo: “Ndandisiba neentloni—kodwa kwangaxeshanye ndibe nemincili. Ukuba ndize ndingabhaqwa kwakundenza ndizive ndinegunya.”
Umfana ogama linguHector uthi kangangeenyanga eyekile ukuba, waba nomnqweno wokuphinda ebe.a “Ndandikunqwenela ngamandla ukuba. Xa ndikummandla weevenkile ndize ndibone unomathotholo efestileni yevenkile ndiye ndicinge ukuba ‘bekunokuba yinto nje elula ukumthabatha. Ndingakwazi ukwenjenjalo ndize ndingabhaqwa.’”
Abanye abasuka nje bazive befuna ukuba, beba izinto abangazifuniyo. Elinye iphephandaba laseIndiya lithi: “Izazi ngengqondo zithi uvuyo abanalo ngenxa yokwenza into eyalelweyo yeyona nto ibangela ukuba bayenze. . . . Abanye bade bazibuyisele izinto abazibileyo.”
Ezinye Izizathu
Abantu abangamashumi ezigidi badandathekile. Maxa wambi, ukudandatheka kwabo kuye kubabangele ukuba benze izinto ezimbi—njengokuba evenkileni.
Enye intwazana eneminyaka eli-14 ubudala yayizalwa kwintsapho ezinzileyo nemi kakuhle ngokwezinto eziphathekayo. Nakubeni kwakunjalo, le ntwazana yaphelelwa lithemba. Yathi: “Ndandingakwazi ukwahlukana nale mvakalelo.” Yaqalisa ukusebenzisa utywala neziyobisi. Ngoko ngenye imini yabhaqwa isiba evenkileni. Emva koko yazama ukuzibulala kangangezihlandlo ezibini.
Ukuba oselula ebeziphethe kakuhle aze ngesiquphe aqalise ukuba lisela, abazali basenokucinga ukuba umntwana wabo unengxaki yokubandezeleka ngokweemvakalelo. UGqr. Richard MacKenzie, ingcali ngempilo yabo bafikisayo, yathi: “Ndikholelwa ukuba naluphi na uhlobo lwesimilo esingaqhelekanga somntwana wakho isenokuba ludandatheko de kufunyaniswe ukuba akunjalo.”
Abanye abantu abaselula bangamasela ngenxa yengcinezelo yoontanga—ukuze bamkeleke kwiqela elithile labahlobo kufuneka babe. Abanye basenokuba kuba nje benesithukuthezi. Amasela avunyiweyo aphila ngokuba. Enoba siyintoni na isizathu, amasela aba ezivenkileni izinto ezixabisa izigidi zeerandi suku ngalunye. Kufanele kubekho umntu oza kuhlawulela le lahleko.
[Umbhalo osemazantsi]
a Amanye amagama kolu ngcelele atshintshiwe.
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
UKUPHAZAMISEKA ENGQONDWENI OKUBANGELA UKUBA UMNTU EBE
UMaria uthi: “Ukususela kwixesha endandikwishumi elivisayo ndandinengxaki yokuba ezivenkileni. Lo mnqweno wakhula ngakumbi de ngosuku ndaba izinto ezixabisa ii-R3 000.
“Andikuthandi ukuba, kodwa ndiba nomnqweno onamandla. Ndikufuna ngokwenene ukutshintsha.” Kuba engakwazi nokuzibamba uMaria, ukrokrela ukuba usenokuba uphazamisekile engqondweni yaye oko kumbangela ukuba abawele ukuba.
Oku “kukuphazamiseka kwengqondo okungapheliyo okubangela ukuba ubawele ukuba ungenazinjongo zakuyisebenzisa loo nto uyibileyo.” Awubi likhoboka nje kuphela, kodwa le iba yingxaki enzulu engokwemvakalelo.
Abanye abantu baye bacinge ukuba nabani na onalo mkhwa uphazamisekile, kodwa oogqirha bakholelwa ukuba abantu abanesi sigulo banqabile. Ngokutsho kweAmerican Psychiatric Association, bangaphantsi nakwi-5 ekhulwini abo bebayo abanoku kuphazamiseka. Ngoko ke, ukuba nengqiqo kuya kusinceda singathi nabani na esimbona esiba sithi uphazamisekile. Kusenokuba kukho ezinye izizathu ezibangela ukuba umntu abe lisela.
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Abazali abanenkathalo bafuna ukwazi isizathu sokuba umntwana wabo elisela