IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 9/8 iphe. 23-25
  • Amathuba Okukhenketha Kwixesha Elizayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amathuba Okukhenketha Kwixesha Elizayo
  • Vukani!—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iingxaki Zemekobume
  • Iingxaki Ekuhlaleni
  • Iingenelo Zokukhenketha
  • Okusenokwenzeka Kwixesha Elizayo
  • “Elona Shishini Liqesha Abantu Abaninzi Ehlabathini”
    Vukani!—2005
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2014
  • Iintshayelelo Zamaphephancwadi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Ukuxhatshazwa Kwabantwana Ngokwesini—Ingxaki Yehlabathi Lonke
    Vukani!—1997
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 9/8 iphe. 23-25

Amathuba Okukhenketha Kwixesha Elizayo

“Phantse kuwo onke amazwe kukho izinto, ezingqina ukuba ukukhula kwezokhenketho kuye kwangoyena nobangela wokonakala kwemekobume.”—Incwadi ethi An Introduction to Tourism, ebhalwe nguLeonard J. Lickorish noCarson L. Jenkins.

UKUKHULA kwezokhenketho akusongeli imekobume kuphela kodwa kunokuba negalelo nakwezinye iingxaki. Ngokufutshane nje makhe sihlolisise ezinye kwezi ngxaki. Emva koko, siza kuxubusha ngamathuba exesha elizayo okukhenketha lo mhlaba umhle ngendlela emangalisayo nesihlala kuwo size siqhelane nezinto ezintle ezikuwo, ingakumbi abantu abathandekayo abahlala kuwo.

Iingxaki Zemekobume

Inyambalala yabakhenkethi namhlanje iye yabangela iingxaki. “EIndiya, uyehla umgangatho weTaj Mahal ngenxa yeendwendwe,” babhala batsho abaphengululi uLickorish noJenkins, besalek’ umsundulo ngelithi: “EYiputa iipiramidi ziyonakala ngenxa yenyambalala yabakhenkethi.”

Ukongezelela, aba babhali balumkisa ngelithi ukhenketho olungalawulwa kakuhle lunokubulala okanye luphazamisane nokukhula kwezityalo xa kuza kungena inyambalala yeendwendwe kwiindawo ezilondolozwa kuzo. Ngaphezu koko, izinto zendalo zinokuba sengozini xa abakhenkethi beqokelela izinto ezinjengoonokrwece neekorale ezinqabileyo ezithengiswa ngabantu basekuhlaleni kubo.

Abakhenkethi bayangcolisa—mkhenkethi ngamnye kubo ushiya umlinganiselo wekhilogram enye yenkunkuma ngosuku, ngokoqikelelo lwe-Environment Programme yeZizwe Ezimanyeneyo. Kwaneyona mimandla ikwanti ibonakala isengxakini. Ingxelo yakutshanje evela kwiRainforest Action Network ithi: “Kwindawo yokunyuka ethandwa ngabakhenkethi kwiiHimalayas, kuthe saa nje inkunkuma yaye amahlathi aphezulu kuloo ntaba aye atshatyalaliswa ngabakhenkethi abatheza iinkuni ukuze bapheke baze bafudumeze amanzi okuhlamba.”

Ukongezelela, abakhenkethi badla ngokuzisebenzisa kakhulu izinto ebezimele ukuba zisetyenziswa ngabemi basekuhlaleni. Ngokomzekelo, uJames Mak ubhala athi kwincwadi yakhe ethi Tourism and the Economy: “Abakhenkethi abaseGrenada bawasebenzisa amanzi ngokuphindwe kasixhenxe kunabemi balapho.” Wongezelela ngelithi: “Ngokungqalileyo nangokungangqalanga, ama-40 ekhulwini azo zonke izibaso ezisetyenziswa eHawaii, aphelela kukhenketho, nakuba ngokomlinganiselo emnye kuphela umntu kwabasibhozo eHawaii ongumkhenkethi.”

Ngoxa abakhenkethi benokuchitha imali eninzi betyelela amazwe asakhasayo, inkoliso yaloo mali ayifunyanwa ngabemi bendawo abatyelele kuyo. IBhanki Yehlabathi iqikelela ukuba ngama-45 ekhulwini kuphela emali eyenziwe kukhenketho efunyanwa lilizwe ekukhenkethwa kulo—eyona mali ininzi ibuyela kumazwe afumileyo, kuba balapho abaququzeleli bokhenketho yaye abanini beendawo zokuhlala bakumazwe aphesheya.

Iingxaki Ekuhlaleni

Abakhenkethi abafumileyo nabasuka kumazwe aseNtshona abatyelela kumazwe asakhasayo banokubangela ezinye iingxaki ezifihlakeleyo—nezingafihlakalanga kangako maxa wambi—kwindlela yokuphila yabantu belizwe abalityeleleyo. Ngokomzekelo, abakhenkethi badla ngokuza nezinto zabo zobunewunewu. Kusenokwenzeka ukuba abemi basekuhlaleni abaziqhelanga ezi zinto. Abantu abaninzi basekuhlaleni basenokuzinqwenela ezi zinto zibiza imali kodwa babe bengenakuzifikelela ngaphandle kokuba batshintshe indlela abaphila ngayo—tshintsho olo olunokuba nemiphumo emibi kwindlela abantu balapho abaziphatha ngayo.

Xa wayethetha ngeengxaki ezisenokubakho, uMak wathi, ukukhula kokhenketho “kunokubangela ukutshintsha kwezithethe zabantu, kuze kubangele iingxwabangxwaba phakathi kwabantu ngokusetyenziswa komhlaba wabo nezinto zemvelo kuze kukhuthaze izinto ezimbi njengolwaphulo-mthetho nokwanda koonongogo.”

Abakhenkethi badla ngokukhululeka gqitha, kangangokude benze izinto abebengenakuzenza xa bekunye neentsapho nezihlobo zabo. Ukuziphatha kakubi kwabakhenkethi kuye kwabangela iingxaki ezinkulu. Ethetha ngengxaki eyaziwayo, lo kaMak wathi: “Ehlabathini lonke, abantu baxhalabile ngenxa yegalelo ukhenketho olube nalo ekuthengiseni kwabantwana ngemizimba yabo.” Ngowama-2004, ijelo leendaba leCNN lanikela le ngxelo: “‘Imithombo enokuthenjwa isixelela ngabantwana abali-16 000 ukuya kutsho kuma-20 000’ abangoonongogo eMexico, ‘ubukhulu becala abasezidolophini nakwiindawo ezinabakhenkethi.’”

Iingenelo Zokukhenketha

Umhlaba ulikhaya elihle gqitha, yaye unezinto ezininzi ezibangel’ umdla—ukutshona kwelanga okuthi ndijonge, ukuqaqamba kweenkwenkwezi esibhakabhakeni, kwakunye nezityalo nezilwanyana ezahlukahlukeneyo. Enoba sihlala phi na, siyayoliswa zezi zihombo zekhaya lethu elingumhlaba. Kanti bekuya kuba kuhle ukuxhakamfula ithuba esilifumanayo lokukhenketha size sibone ezinye izinto ezihombise umhlaba!

Nakuba bebuthanda ubuhle bomhlaba, abakhenkethi abaninzi bathi eyona nto bayithandayo xa behambile kukwazi abantu abanamasiko nezithethe ezahlukileyo kwezabo. Abakhenkethi badla ngokufumanisa ukuba izinto ezimbi ezithethwa ngezinye iintlanga aziyonyaniso. Ukukhenketha kwabo kubanceda baqonde abantu bezinye iintlanga baze bakhe ubuhlobo nabo.

Isifundo esibethelelekayo kubakhenkethi abaninzi sesokuba asizozinto ziphathekayo ezenza abantu bonwabe. Eyona nto ibalulekileyo lulwalamano lomntu nabanye—ukuba nabahlobo abanyanisekileyo nokwenza abanye abatsha. Ingxelo eseBhayibhileni isichazela ngendlela “ubuntu” obaboniswa ‘ngabantu abantetho yasemzini’ baseMalta obabanceda ngayo abakhenkethi benkulungwane yokuqala abaphukelwa yinqanawa kwelo. (IZenzo 28:1, 2) Ukutyelela amanye amazwe nabantu kuye kwanceda abaninzi baqonda ukuba ngokwenene siyintsapho enye yabantu yaye sinokuhlala kunye emhlabeni ngoxolo.

Okwangoku bambalwa abantu abanandipha amathuba okukhenketha ihlabathi. Kodwa kuthekani ngexesha elizayo? Ngaba kunokwenzeka ukuba baya kuba baninzi okanye bonke abantu baya kukhenketha?

Okusenokwenzeka Kwixesha Elizayo

Inyaniso ikukuba, bonke abantu bayazalana. Isibini sokuqala safa, kanye njengokuba kwakuthiwe kuya kwenzeka xa singamthobeli uThixo. (Genesis 1:28; 2:17; 3:19) Ngoko yonke inzala yaso namhlanje, kuquka nathi, siyaluphala size sife. (Roma 5:12) Kodwa uThixo uthembisa ukuba iya kuzaliseka injongo yakhe yokuba umhlaba umiwe ngabantu abamthandayo. ILizwi lakhe lithi: “Ndikuthethile oko . . . yaye ndiya kukwenza.”—Isaya 45:18; 46:11; 55:11.

Khawufan’ ucinge. IBhayibhile ithembisa ukuba, xa kulawula uBukumkani bukaThixo: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29; Mateyu 6:9, 10) Xa ichaza indlela abaza kuphila ngayo abantu emhlabeni kwixesha elizayo, iBhayibhile ithi: “Naye abe nguThixo [wabo]. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:3, 4.

Cinga nje ngethuba elihle esiya kuba nalo lokukhenketha umhlaba nokubona izinto zawo ezintle, ingakumbi abantu abathandekayo abahlala kuwo. Ngelo xesha asisayi kuzikhathaza ngokhuseleko! Bonke abantu abaya kuba besemhlabeni ngelo xesha baya kuba bengahlobo bethu—abantu ethi iBhayibhile ‘ngabazalwana bethu bonke abasehlabathini.’—1 Petros 5:9.

[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]

Eyona nto imnandi ngokukhenketha kukwakha ubuhlobo nabantu bezinye iintlanga

Kwixesha elizayo siza kutyelela abantu neendawo kungekho mida

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share