IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g05 11/8 iphe. 23-26
  • Indlela Onokuzuza Ngayo Kumaphephandaba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Onokuzuza Ngayo Kumaphephandaba
  • Vukani!—2005
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubaluleka Kweendaba
  • Ziqonde Iingxaki
  • Ukuziva Unyanzelekile Ukuhamba Nomndilili
  • Kufuneka Ukulungelelana
  • Ukwanelisa Umdla Wabantu Wokuthand’ Iindaba
    Vukani!—2005
  • Ngaba Unokuwathemba Amajelo Eendaba?
    Vukani!—2013
  • Impembelelo Anayo Amaphephandaba
    Vukani!—2005
  • Ngaba Ngokwenene Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Khangela Okunye
Vukani!—2005
g05 11/8 iphe. 23-26

Indlela Onokuzuza Ngayo Kumaphephandaba

“Ayilumkanga indoda engawafundiyo amaphephandaba; ayilumkanga ngakumbi ekholelwa yonke into eyifundayo kuba nje ikwiphephandaba.”—August von Schlözer, umbhali-mbali nentatheli engumJamani, eyayiphila ekupheleni kwenkulungwane ye-18.

KOLUNYE uhlolisiso abantu angamawaka aliqela baseBritani nabaseFransi babuzwa ukuba bazithemba kangakanani izinto ezili-13 ezazidwelisiwe. Amaphephandaba akathenjwa kwaphela, nangaphezu kwemibandela yobupolitika namashishini amakhulu. EUnited States, inkoliso yabantu abafunda amaphephandaba bathi bayawakholelwa. Kodwa uhlolisiso olwenziwa yiPew Research Center lubonisa ukuba lehlile inani labantu abawakholelwayo.

Zidla ngokuba zininzi izizathu zokuwakrokrela amaphephandaba, ingakumbi xa kuthethwa ngemibandela echaphazela ilizwe elishicilelwe kulo elo phephandaba. Yintoni ebangela kube njalo? Inyaniso idla ngokungxengwa. Njengokuba uArthur Ponsonby, igosa likarhulumente wamaNgesi lenkulungwane yama-20, wakhe wathi: “Xa izinto zingahambi kakuhle kurhulumente, akubikho nyaniso.”

Enoba izinto zihamba kakuhle, kububulumko ukuba ungafane nje uzikholelwe iindaba. Isaci seBhayibhile sithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” (IMizekeliso 14:15) Ukuba ungumntu olumkileyo, amaphephandaba anokuwanelisa umdla onawo kwiindaba.

Ukubaluleka Kweendaba

Amajelo eendaba abalulekile namhlanje kuba asigcina siyazi into eqhubekayo ehlabathini. Yaye kubalulekile ukwenjenjalo. Ngoba? Ngoba inkoliso yezinto ezenzekayo namhlanje zaprofetwa ngoyena mprofeti mkhulu, uYesu Kristu. Xa ebuzwa ngokuphela kwale nkqubo yezinto, wathi ixesha lokuphela liya kubonakala ngeemfazwe, ukwanda kokuchas’ umthetho, ukunqongophala kokutya, izifo ezinganyangekiyo, iinyikima nezinye izinto ezinjalo.—Mateyu 24:3-14; Luka 21:7-11.

Kwakhona iBhayibhile ithi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.” Esi siprofeto songezelela sisithi, ebudeni bale “mihla yokugqibela,” abantu baya kuba “ngabazithandayo, abathandi bemali,” ‘nabangathobeli bazali.’ Baya kuba ngabantu “abangenawo umsa wemvelo,” yaye “abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.”—2 Timoti 3:1-5.

Alithandabuzeki elokuba uyasibona esi siprofeto sizaliseka apho uhlala khona. Yaye oko kwenzekayo ehlabathini lonke—njengokuba kuchazwa kumaphephandaba—kungqina ukuba iziprofeto zeBhayibhile ziyinyaniso. Ngaba oku kuthetha ukuba sinokukholelwa yonke into esiyifunda ephepheni? Akunjalo, kwanabo bakwishishini lamaphephandaba bathi sifanele silumke.

Ziqonde Iingxaki

Akukho mntu ungazenziyo iimpazamo, kwanabasebenzi abanyanisekileyo nabangamachule. UAriel Hart wathi kwiColumbia Journalism Review: “Kwiminyaka emithathu endikhe ndasebenza njengomntu ohlola ubunyaniso beendaba, akukho nalinye ibali endakha ndalifumanisa lingenampazamo, enoba linamaphepha amahlanu ubude okanye ziziqendu nje ezibini.” Wakhankanya izinto ‘ezinjengonyaka ongachananga; inkcazelo engaseyonyaniso; amagama apelwe kakubi; ulwimi olungundaba-mlonyeni.’

Iintatheli zifumana iindaba ezingeyonyaniso kumaziko eendaba. Maxa wambi, amaphephandaba athunyelelwa iindaba ezibubuxoki. Ngowe-1999 elinye ibhedengu lasasaza ubuxoki lisithi kuza kwakhiwa “indawo yokudlala engathi ngamangcwaba,” laza liqinisekisa oku lakha iWeb site entle ebizwa ngegama lenkampani yokwakha engekhoyo nenombolo yefowuni yobuqhinga ukuze abantu babuzise ngayo, yaye lo mkhohlisi wayesithi usisithethi saloo nkampani. Iziko leAssociated Press, labukholelwa obu buxoki, yaye amaphephandaba amaninzi aseUnited States ayeneli bali. Kuthiwa ukuze abantu balikholelwe ibali elibubuxoki lifanele “libangel’ umdla lize libe nemifanekiso engaqhelekanga nengathi yeyokwenene.”

Kwaneentatheli ezinyanisekileyo azisoloko ziziqonda kakuhle izinto. Umbhali wasePoland uthi: “Iintatheli zihlala zingxamile. Amaphephandaba akhuphisana ngeendaba. Ngalinye lifuna ziqale ziviwe ngalo. Ngenxa yeso sizathu, uninzi lwethu, nangona sinqwena, asikwazi kuphanda ngayo yonke into esiyibhalayo.”

Ukuziva Unyanzelekile Ukuhamba Nomndilili

IFreedom of the Press 2003—A Global Survey of Media Independence ithi amazwe ali-115 kwali-193 akanankululeko okanye akanayo ngokupheleleyo kwizinto azibhalayo kumaphephandaba. Noko ke, nakumazwe ekuthiwa anenkululeko kulo mba, kusenokwenzeka ukuba ngandlel’ ithile amaphephandaba ayalawulwa.

Maxa wambi, ezinye iintatheli aziyifumani inkcazelo ebalulekileyo, ngoxa ezo zihamba nomndilili zidlan’ indlebe nabantu ababalulekileyo okanye zihambe namalungu athile ezobupolitika xa etyelela amanye amazwe. Kanti nemali efumaneka kwiintengiso isenokuba negalelo kwizinto ezibhalwayo kumaphephandaba. Intatheli yasePoland yathi: “Inkampani ehlawulela intengiso ethile isenokugrogrisa ngokuyishenxisa loo ntengiso ehlawulelwa imali eninzi ukuba umhleli welo phephandaba ushicilela into ethile embi ngayo.” Yaye umhleli wephephandaba laseJapan walumkisa esithi: “Khumbulani ukuba kunzima ukufumana ingxelo enyanise kwaphela.”

Usenokubuza, ‘Ukuba kanti kunzima kangako ngeentatheli ukufumana inkcazelo eyinyaniso, umfundi unokuyazi njani into afanele ayikholelwe?’

Kufuneka Ukulungelelana

Ngokucacileyo, kulo mbandela kufuneka ukuqonda. Usolusapho uYobhi wabuza: “Ngaba indlebe ayiwavavanyi amazwi njengoko inkalakahla ingcamla ukutya?” (Yobhi 12:11) Umfundi ufanele akuqwalasela ngenyameko oko kubhaliweyo ukuze aqiniseke enoba kuyinyaniso kusini na. Ufanele akuhlolisise aze akhethe oko kuyinyaniso. Umfundi kaYesu Kristu wenkulungwane yokuqala wabancoma abo bamphulaphulayo umpostile uPawulos baza bakuhlolisisa oko wayekufundisile ukuze baqinisekise enoba kuyinyaniso kusini na.—IZenzo 17:11; 1 Tesalonika 5:21.

Ngokufanayo, umfundi wephephandaba usenokuzibuza imibuzo efana nethi: Waziwa njani lo mbhali? Yintoni ayithandayo nangayithandiyo? Ngaba eli bali lichaza izinto eziyinene nabanye abanokuziqinisekisa? Ngoobani abasenokuthanda ukuyigqwetha inyaniso? Ngobulumko, umfundi usenokuhlolisisa imithombo eyahlukahlukeneyo ukuze aqinisekise enoba loo nkcazelo iyinyaniso kusini na. Usenokuthetha nabanye ngento ayifundileyo. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.”—IMizekeliso 13:20.

Kwangaxeshanye, musa ukulindela ukuba kumaphephandaba akusayi kufumana mpazamo. Njengokuba sesibonile, zininzi izinto ezibangela ukuba kube nzima ngamaphephandaba ukupapasha iindaba eziyinyaniso ngokupheleleyo. Sekunjalo, anokukunceda wazi into eyenzekayo ehlabathini. Kubalulekile ukuhlala uzazi izinto ezenzekayo, kuba uYesu wathi xa ethetha ngamaxesha amanqam esiphila kuwo: “Hlalani niphaphile.” (Marko 13:33) Iphephandaba olifundayo lisenokukunceda wenjenjalo, nangona ungakholelwa yonke into oyifundayo.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 26]

XA AMAPHEPHANDABA ETHETHA INTO ENGEYONYANISO

Ngamaxesha amaninzi, xa iindaba zithetha into engeyonyaniso oku kudla ngokubangelwa kukushicilelwa kweendaba ngokukhawuleza okanye ukufumana iindaba ezibubuxoki. Sekunjalo, loo mabali acingisiswe kakuhle asenokusasaza ubuxoki ngokukhawuleza. Kwelinye icala, maxa wambi abanye abantu bathetha ubuxoki ngabom, njengokuba kwakunjalo kwiJamani yamaNazi xa kwasasazwa ubuxoki ngabantu beentlanga neenkonzo ezithile.

Khawuqwalasele ubuxoki obuphandle obathethwa ebudeni betyala lamalungelo abantu eMoscow, eRashiya. Iphephandaba laseToronto, eKhanada, iThe Globe and Mail lathi: “Xa amantombazana amathathu azibulalayo eMoscow, amaphephandaba aseRashiya ngoko nangoko athi abo ngabalandeli abanenzondelelo yempambano abangamaNgqina kaYehova.”

Ezo ndaba zavela ngoFebruwari 9, 1999—ngemini kwakuqaliswa ukuthethwa kwetyala lokuvala umsebenzi wamaNgqina kaYehova kwisixeko saseMoscow. UGeoffrey York weOfisi yaseMoscow yeThe Globe and Mail wathi: “Kamva amapolisa avuma ukuba loo mantombazana ayengenanto yakwenza neli hlelo lonqulo. Kodwa ngelo xesha umabonwakude waseMoscow wayesele eqalise iphulo elitsha lokuhlasela amaNgqina kaYehova ngokuthi ayengamahlakani kaAdolf Hitler kwiJamani yamaNazi—nangona imbali yayingqina ukuba amalungu awo amaninzi abulawa kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi.”

Ngenxa yoko, abaninzi abangazinto ngembali nabo bangamagwala, babecinga ukuba amaNgqina kaYehova alihlelo labantu abazibulalayo okanye amahlakani amaNazi!

[Umfanekiso okwiphepha 23]

UYesu waprofeta ngenkoliso yezinto esifunda ngazo ngoku kumaphephandaba

[Imifanekiso ekwiphepha 24]

Esikufunda kumaphephandaba kuzalisekisa iziprofeto zeBhayibhile

[Inkcazelo]

FAO photo/B. Imevbore

[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]

Banconywa abo bahlolisisa umthombo weemfundiso zikampostile uPawulos, yaye esi sisenzo sobulumko xa sifunda ingxelo engaqhelekanga kwiphephandaba

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share