IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/06 iphe. 24
  • Iiseli Ezibomvu Zegazi Ziyamangalisa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iiseli Ezibomvu Zegazi Ziyamangalisa
  • Vukani!—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Olona Lwelo Luxabisekileyo Ehlabathini
    Vukani!—1990
  • Eyona Ndlela Lixabiseke Ngayo Igazi
    Vukani!—2006
  • Imolekyuli Yehemoglobin Edalwe Ngokungummangaliso
    Vukani!—2010
  • Iindlela Ezizezinye Ezisemgangathweni Ezinokusetyenziswa Kunotofelo-gazi
    Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 1/06 iphe. 24

Iiseli Ezibomvu Zegazi Ziyamangalisa

NGUMBHALI KAVUKANI! EMZANTSI AFRIKA

Eyona seli iqhelekileyo emzimbeni wakho inika igazi ibala elibomvu, ibe ngaloo ndlela ibizwa ngokuba yiseli ebomvu. Ithontsi nje elinye legazi lakho linezigidi ezingamakhulu zeeseli ezinjalo. Ukuba ujonga ngemicroscope, zifana needoughnut kodwa zona zinesangqa esimgobongqo kuneso sivulekileyo. Iseli nganye inezibomvisi-gazi (hemoglobin) ezingamakhulu ezigidi. Isibomvisi-gazi ngasinye simile bungqukuva yaye sibunjwe ziiathom zehydrogen, ikharbon, initrogen, kunye nesulphur kuze kubekho nezinye iiathom zeiron, ezenza igazi likwazi ukuhambisa ioksijini. Izibomvisi-gazi zikhupha ikharbon diokside emzimbeni, zize ziyise emiphungeni, apho ikhutshwa khona.

Enye into ebalulekileyo kwiiseli zakho ezibomvu yinwebu egqume iiseli. Le nwebu yenza ukuba iseli ibe lucwecwe ukuze ikwazi ukuthubeleza kwimithambo yegazi emincinane ize igcine ilungu ngalinye lomzimba lisebenza.

Iiseli ezibomvu zakhiwa kumongo. Xa iseli entsha ingena kumthambo wakho, inokujikeleza umzimba wonke izihlandlo ezingama-100 000. Ngokungafaniyo nezinye iiseli, iiseli ezibomvu azinayo inucleus. Oku kuzinika umthamo omkhulu wokuthutha ioksijini kuze kuzenze zibe khaphukhaphu, nokuze incede intliziyo impompe izigidi ngezigidi zeeseli kumzimba wonke. Noko ke, kuba zingenayo inucleus, ezi seli azikwazi ukuzenza ntsha ngokwazo. Ngenxa yoko, emva kweentsuku ezili-120, iiseli zakho ezibomvu ziphelelwa ngamandla okubuyela kwimo yazo yangaphambili. Iiseli ezimhlophe ezibizwa ngokuba ziiphagocytes zizondla ngezi seli zifileyo zize zikhuphe iiathom zeiron. Ezi athom zeiron zihamba ngeeplasma protein zize ziye kumongo ukuze kwenziwe ezinye iiseli ezibomvu. Mzuzwana ngamnye, umongo wakho ukhupha iiseli ezibomvu ezintsha ezizizigidi ezibini ukusa kwezintathu ukuze zihambe emithanjeni.

Ukuba iiseli zakho ezizizigidi ngezigidi zinokusuka zime zingasebenzi, ungafa kwimizuzu engephi. Hayi indlela esimele simbulele ngayo uYehova uThixo ngale nkalo ibalasele kangaka yendalo yakhe, esenza siphile! Ngaphandle kwamathandabuzo uyavumelana nomdumisi xa wathi: “Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi. Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo. Imisebenzi yakho iyamangalisa, njengoko umphefumlo wam uqonda kakuhle.”—INdumiso 139:1, 14.

[Umzobo okwiphepha 24]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Iiseli ezibomvu

Inwebu

IHemoglobin (yenziwe yankulu)

IOksijin

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share