Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Indlela Yokufumana Umsebenzi Uze Uwulondoloze (Julayi 8, 2005) Ndilithandile icebiso lenu lokuba nomdla kuyo yonke imisebenzi, kungakhathaliseki ukuba ukhangeleka ngathi ngumsebenzi ophantsi. Mvanje ndiye ndacinga ngokufumana umsebenzi wesingxungxo ukuze ndibe nexesha elaneleyo lokushumayela. Kodwa bendingafuni nokuba nguwuphi na umsebenzi. Ngoku ndiye ndafumana omnye umsebenzi ndaza ndawamkela. Ngumsebenzi nje ophantsi, kodwa ndenza okusemandleni ukuba ndiwuthande. Ngaphezu koko, ndigoduka ndingadinwanga engqondweni nto leyo endinika ithuba lokunikela ingqalelo kufundisiso lwam lweBhayibhile.
M. I., Japan
IMay Day—Ithetha Ntoni Kuwe? (Aprili 22, 2005 wesiNgesi) Ndikunyaka wokugqibela kwisikolo samabanga aphakamileyo kwaye umbhiyozo weMay Day wenziwa nyaka ngamnye esikolweni. Kunxitywa iimpahla zomdlalo ukuze abafundi bamabanga aphakathi naphakamileyo babukele. Ndikhe ndaya kukubukela oku ngaphambili kodwa kwasikhathaza isazela sodade wethu. Eli nqaku liye landinceda ukuze ndibone ukuba wayechanile! Enkosi kakhulu. Eli nqaku lifike ngexesha elifanelekileyo!
C. C., United States
Ukujamelana Nokugula Uchwayitile(Aprili 22, 2005 wesiNgesi) Bendisilwa nomhlaza wesibeleko kangangeminyaka emithandathu kwaye izihlandlo ezininzi kuye kwafuneka ndiye kutyandwa okanye ndenze unyango olubizwa ngokuba yichemotherapy. NjengoConchi, ndiye ndazama ukuxhasa ibandla yaye ndiya kuzo zonke iintlanganiso zebandla nakwiindibano zesithili kangangoko ndinako. Umhlaza sisifo ekunzima ukujamelana naso, ngenxa yoko ndiyayithanda indlela uChonchi ayichaza ngayo indlela aye wajamelana ngayo neendaba ezimbi, ekubonakala ukuba thina bantu abagula ngumhlaza sizifumana rhoqo koogqirha. Ibali likaConchi liye landikhuthaza!
B. F., United States
Bendinengxaki yolusu (lupus) kwaye ndiye ndalahlekelwa yinkumbulo kangangexesha elithile. Njengoko ndichacha ndizama ukuzigcina ndichwayitile. Kutshanje ndikhe ndalala esibhedlele ngenxa yokukrala kwesisu ngaphakathi kodwa nalapho ndiye ndazama ukwenza okufanayo. Ndiyavumelana namazwi kaConchi athi “Ukugula akuyondlwan’ iyanetha, kodwa kufuneka uzigcine uchwayitile kangangoko kunokwenzeka.”
M. A., Venezuela
Okwenzeka Ehlabathini (Julayi 8, 2005 wesiNgesi) Ngokuphathelele inqaku elithi “Iivithamin Kunye Nomhlaza,” ndifuna ukuthi imbono kaGqr. Sullivan ochatshulwe kweli nqaku ayixhaswa luninzi lweengcali zokutya. Iingxelo kwiincwadi ezininzi kunye nohlolisiso olwahlukahlukeneyo luye lwabonisa ukuba oko niye nathetha ngako kukhusela—kuze kunyange—ezinye iintlobo zomhlaza. Ndicinga ukuba ukupapasha iingxelo ezijonge calanye kunokwenza kubonakale ngathi uVukani! uxhasa icala elithile.
A. B., Netherlands
“UVukani!” uyaphendula: Ngokucacileyo, njengoko lo mfundi esitsho, uhlolisiso olwahlukahlukeneyo luye lwabonisa ukuba amayeza akweli nqaku anokunceda umguli onomhlaza. Sicela uxolo ngako nakuphi na ukubhidanisa iikomityi ngalo mbandela. “UVukani!” akancomeli naluphi na uhlobo lonyango. Ngokubhala inkcazelo yezonyango akuthethi kuthi loo nkcazelo siyijonga njengesemagqabini. Ngokufanayo, xa sicaphula incwadi okanye ingcali ethile siyaqonda ukuba—njengokuba kusoloko kunjalo—ezinye iincwadi kunye nezinye iingcali zisenokuba nembono eyahlukileyo. Siyekela kubafundi bethu ukuba benze isigqibo ngenkcazelo abayifumanayo ngemibandela yezonyango.