Zikhusele Ekuhluthelweni Imoto!
NGUMBHALI KAVUKANI! EMZANTSI AFRIKA
UKUHLUTHELWA imoto yingxaki eyandayo kwizixeko zehlabathi lonke, ukususela eKarachi ukusa eLisbon nokususela eNairobi ukusa eRio de Janeiro. ISebe Lobulungisa laseUnited States likhuphe ingxelo ediza ukuba phakathi kowe-1993 ukusa kowama-2002 kuye kwahluthwa iimoto ezingama-38 000 nyaka ngamnye kwelo lizwe.
Abemi baseUnited States baninzi ngokuphindwe kathandathu kunabemi baseMzantsi Afrika, kodwa umlinganiselo wokuhluthwa kweemoto uphakame kakhulu—zingama-14 000 iimoto ezihluthwa nyaka ngamnye. Emva kokuqwalasela imizekelo embalwa, unokusiqonda isizathu sokuba ukuhluthelwa imoto kusesona senzo solwaphulo-mthetho soyikwayo ngabaninzi. Khawuphulaphule njengoko abantu abahlala kwesona sixeko sikhulu eMzantsi Afrika, eRhawutini, bebalisa okwenzeka ngokwenene kubo. Ngokufunda oko kwabehlelayo, usenokubona oko unokukwenza ukuba ngenye imini uhluthelwa imoto okanye, okubhetele nangakumbi, usenokubona indlela onokunciphisa ngayo amathuba okuba lixhoba.
Amabali Okwenene
◼ “Mna nomhlobo wam uSusan besishumayela kunye kangangonyaka. NgoLwesithathu othile, ngaphambi kokuba siye kwisifundo sethu esilandelayo seBhayibhile, semisa ukuze siphunge iti phantsi komthi ngakumzi othile. USusan waphuma ukuze akhuphe ibhaskiti emva emotweni. Kanye xa wayendinika ikomityi yam ukuze ndiphunge, kwathi gqi amadoda amabini, enye yakhomba uSusan ngompu entanyeni. Ndothuka, ndazama ukuphuma emotweni, kodwa enye kula madoda yandityhala indibuyisela phakathi. Sasilapho, singabafazi ababini siqhutyelwa ngamadoda amabini—ndandicinga ukuba ayeza kusidlwengula okanye asibulale.”—UAnika, umfazi oselula.
◼ “Ndandiqhuba imoto yam ngentsimbi yesi-7 kusasa ndisiya emsebenzini. Ndamisa kwindawo apho kudla ngokuma abantu abafuna umsebenzi. Andizange ndiphawule kwanto, de kwavela omnye umntu endikhomba ngompu entanyeni kwifestile engakum yemoto evuliweyo waza wathi, ‘Phuma okanye ndiza kukudubula.’ Kanye ngaloo mzuzu kwavela ihelikopta yamagosa endlela. Icinga ukuba ngamapolisa, le ndoda yadubula yaza yabaleka. Yandichana entanyeni, ndaza ndenzakala kumnqonqo. Ngoku andikwazi nokushukuma ukususela entanyeni ukusa ezinyaweni. Andikwazi ukusebenzisa izandla nemilenze yaye andivakalelwa nakancinane kuzo.”—UBarry, uyise womfana okwishumi elivisayo.
◼ “Mna nomkam uLindsay, sasilungiselela ukuya kufumana isidlo sasemini. Ndalinda emotweni. Iingcango zitshixiwe kodwa iifestile zivulwe kancinane ngenxa yobushushu. Ndandijonge phambili ndikwisitulo somqhubi xa kwathi gqi amadoda amabini ethe chu. Xa ayemalunga namanyathelo asibhozo ngaphambi kwemoto, enye indoda yajika yaza ekhohlo enye yaya ngasekunene. Ngesiquphe ayeme ecaleni kwemoto ephethe imipu yaye ekhwaza endixelela emandikwenze. Emva kokuba ndidumise imoto ngokutsho kwawo, andingxolisa esithi mandiphume emotweni ndize ndihlale kwisihlalo sangasemva. Enye yaqhuba imoto enye yandinyanzela ukuba ndijonge phantsi. Enye yathi, ‘Sisiphi isizathu esivakalayo sokuba ndingakubulali? Ndaphendula ndathi, ‘Ndingomnye wamaNgqina kaYehova.’ Yayisoloko ithetha ngokundibulala, ndandithandaza ndicinga ngomfazi wam, ndicinga nangento anokuyicinga xa ebona umyeni wakhe nemoto zingasekho.”—UAlan, umzali nokwangumveleli wesiphaluka.
Oko kungasentla kubonisa indlela ukuhluthwa kwemoto okunokwenzeka ngesiquphe ngayo. Kwakhona, kusibonisa iimeko ezibeka esichengeni sokuhluthelwa imoto. Kwiindawo ezininzi, akukhuselekanga ukumisa nje imoto uze uphumle kufutshane nezindlu. Ezinye iindawo eziyingozi ziziphambuka zeendlela nendledlana ephuma emzini wakho.
Ukuhlangabezana Nemiphumo
Okuvuyisayo kukuba oko kwenzeka kuSusan nakuAnika kwaphela izinto sele zihamba kakuhle. Njengokuba loo madoda ahamba nabo ngemoto, la mabhinqa acacisa ngomsebenzi wawo wokufundisa ngeBhayibhile. Kusenokwenzeka ukuba oku kwazikhathaza izazela zala madoda. UAnika uthi: “Acela uxolo ngoko aye akwenza, kodwa athi ngenxa yexesha esiphila kulo, ayeziva enyanzelekile ukuba ebe aze ahluthe neemoto ukuze agxoth’ ikat’ eziko. Sacacisa isizathu sokuba uThixo evumele intlupheko nokubandezeleka.” Isigidimi seBhayibhile sachukumisa iintliziyo zawo, aza abanika imali kunye neewotshi awayezithathile, aza aqinisekisa uSusan noAnika ukuba akasokuze abenzakalise. USusan uthi: “Omnye wawo wasiyalela ngendlela esimele sizikhusele ngayo ukuze singahluthelwa imoto.” UAnika wongezelela ngelithi asenza sathembisa ukuba asisokuze sime ecaleni kwendlela ukuze siphunge iti.” Kanye njengokuba ebetshilo, la madoda amisa imoto, aphuma, aza amkela iincwadi zeBhayibhile, akhulula uSusan noAnika ukuba bahambe bekhuselekile.
Yena uAlan, umveleli wesiphaluka, waxelelwa yimigewu ukuba aphume emotweni yakhe xa yafika kwindawo eyinkangala. Nakuba walahlekelwa zizinto ezininzi eziphathekayo, wavuya kakhulu kukuphuma apho engenzakalanga. UAlan uthi: “Ndicinga ukuba akukho nto ingako ibuhlungu yenzekayo, ngenxa yokuba ndandisebenzisana nayo yaye ndizolile. Eneneni ndandifanele ndilumke ngakumbi. Ndifunde ukuba ubani ufanele ahlale elumkile, ingakumbi njengokuba singene nzulu kule nkqubo kaSathana ingendawo.” Kusuku olulandelayo uAlan noLindsay babuyela kummandla ababemele bashumayele kuwo kunye nebandla ababekunye nalo. UAlan uthi: “Sathandaza yaye sasithe qwa imini yonke. Kwakungelula, kodwa uYehova wasinika ‘amandla angaphaya kwaqhelekileyo.’”—2 Korinte 4:1, 7.
Oyena mntu wenzakala ngokumasikizi nguBarry, obehleli kwisitulo esiqhutywayo kule minyaka ili-11 idluleyo. Okuncomekayo kukuba uBarry ebesoloko enesimo sengqondo esihle yaye akazange avumele esi sihelegu simenze abe nenqala. Ukholo lwakhe kumathemba kaYehova uThixo ehlabathi lobulungisa aluzange lugungqiswe. (2 Petros 3:13) UBarry usaya rhoqo kwintlanganiso zebandla kwaye usebenzisa naliphi na ithuba elivelayo ukuze athethe nabanye ngokholo lwakhe. Uthi: “Ukukhonza uYehova bekusoloko kundonwabisa. Nakuba ndikwesi situlo yaye zimbalwa izinto endinokuzenzela zona, ndisoloko ndicinga ngoko uYehova andenzele kona yaye oko kundenza ndiqhubeke ndinyamezela. Kungekudala le nkqubo iza kuphela, hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo ukuhamba kwakhona!”—Isaya 35:6; 2 Timoti 3:1-5.
Amanyathelo aye athatyathwa ngabasemagunyeni eMzantsi Afrika aye awunciphisa umgangatho wokuhluthwa kweemoto. Nakuba kunjalo, iimoto zisahluthwa kwaye oko kusanda kwamanye amazwe. AmaKristu okwenyaniso akhangele phambili kuBukumkani bukaThixo njengokuphela korhulumente oya kuluphelisa lonke uhlobo lolwaphulo-mthetho kunye nobundlobongela.—INdumiso 37:9-11; Mateyu 6:10.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 14]
AMACEBISO OKUNCIPHISA AMATHUBA—OKUHLUTHELWA IMOTO
◼ Ukuba uhamba kwindawo apho kudla ngokuhluthwa iimoto, tshixa iingcango uze uvale neefestile zemoto.
◼ Ukuba usondela kufutshane nendawo enesiphambuka, khangela umntu orhanelekayo ozulazulayo kumacala omabini endlela.
◼ Gcina umgama osengqiqweni phakathi kwakho nemoto engaphambi kwakho ukuze ukwazi ukubaleka ukuba kuvela ingozi.
◼ Ukuba kukho imoto ekungquba ngasemva, lumka ngaphambi kokuba ukhangele umonakalo. Kusenokwenzeka ukuba liqhinga. Ukuba ungqutywa yenye imoto ngasemva kwindawo ekudla ngokuhluthwa kuyo iimoto, hamba uye kwisikhululo samapolisa esikufutshane.
◼ Balumkele abantu ongabaziyo abangqunga kufutshane nomzi wakho. Ukuba ubona abantu abanjalo, kuya kuba bubuchule ukugqitha uze ubuyele ngelinye ixesha, okanye uye kwisikhululo samapolisa esikufutshane.
◼ Ukuba kufuneka ulinde emotweni kwindawo eyaziwa ngokuhluthwa kweemoto okanye kwindawo engenabantu baninzi, kubek’ esweni oko kwenzekayo phambi kwakho nangasemva kwakho. Ukuba ucingela ukuba kungakho ingozi, dumisa imoto uze ujikele kwelinye icala lesitrato.
[Umfanekiso okwiphepha 14]
UBarry unesimo sengqondo esihle nakuba ehleli kwisitulo esiqhutywayo