IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/06 iphe. 3-4
  • Owona Mbuzo Unzima

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Owona Mbuzo Unzima
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umbhodamo Wonqulo
  • Ithini IBhayibhile Ngeentlekele Zemvelo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Kutheni Zixhaphake Kangaka Iintlekele Zemvelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba UThixo Usebenzisa Iintlekele Zemvelo Ukohlwaya Abantu Namhlanje?
    Vukani!—2012
  • Ngaba UThixo Usohlwaya Ngeentlekele Zemvelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 11/06 iphe. 3-4

Owona Mbuzo Unzima

“KUTHENI sibandezeleka?” Kulusizi ukubona ukubandezeleka nentlungu ebangela abantu babuze lo mbuzo. Abantu basoloko bebuza lo mbuzo emva kokuba kuye kwehl’ intlekele okanye isihelegu: Xa inkanyamba itshayela ummandla ishiya abantu befile yaye itshabalalise yonk’ into. Xa inyikima itshintsha isixeko siba yingqushu. Xa kuhlasele abagrogrisikusuku oluzolileyo noluqhelekileyo lutshintsha lube loluzaliswe luloyiko nogonyamelo. Okanye xa ingozi ingxwelerha okanye ibulala isalamane okanye umhlobo.

Ngelishwa amaxhoba adla ngokuba ngabona bantu bamsulwa nabangenakuzikhusela. Kutshanje, ziye zaninzi iintlekele ezibangele ukuba abantu abaninzi bambuze oku uThixo, “Kutheni sibandezeleka?” Khawuqwalasele eminye imizekelo:

◼ “Kutheni Thixo usenza le nto? Senze ntoni engakukholisanga?” Iziko leendaba iReuters lanikela ingxelo yokuba ixhegokazi elithile laseIndiya labuza le mibuzo emva kwetsunami eyathwaxa idolophana elalihlala kuyo.

◼ “Ebephi uThixo? Ukuba uThixo nguye olawulayo, kutheni evumele ukuba oku kwenzeke?” Le mibuzo yabuzwa liphephandaba laseTexas, eUnited States emva kokuba enye indoda yadubula abantu ecaweni, isenzakalisa yaye ibulala abantu abaninzi.

◼ “Kutheni uThixo evumele ukuba afe?” Elinye ibhinqa labuza lo mbuzo emva kokuba umhlobo walo wabulawa ngumhlaza, eshiya umyeni enyamekela abantwana abahlanu.

Aba bantu asingabo bodwa abacinga ukuba uThixo ungunobangela wokubandezeleka. Ngokomzekelo, kuhlolisiso olwenziwe kutshanje ngeInternet kuye kwafunyaniswa ukuba abantu bathi iinkanyamba zivela kuThixo. Kutheni abantu abaninzi bevakalelwa ngaloo ndlela?

Umbhodamo Wonqulo

Kunokuba ziphendule ngendlela eyanelisayo, iinkokeli zonqulo ziyabadida abantu. Makhe nje sihlolisise indlela ezintathu eziye zaphendula ngayo.

Okokuqala, iinkokeli ezininzi zonqulo zifundisa ukuba uThixo ubohlwaya ngokubazisel’ intlekele abantu abangendawo. Ngokomzekelo, iNew Orleans, eLouisiana eUnited States, emva kokuba ithwaxwe yiNkanyamba uKratrina abanye abefundisi bathi uThixo uyasohlwaya eso sixeko. Bathi ukwenza oko ngenxa yokuxhaphaka kobuqhetseba, ukungcakaza nokuziphatha okubi kweso sixeko. Abanye bade bacaphula ubungqina obuseBhayibhileni, bebalula izihlandlo xa uThixo watshabalalisa abangendawo ngamanzi okanye umlilo. Noko ke, izityholo ezinjalo ziyibek’ amabala iBhayibhile.—Funda ibhokisi ethi “Ngaba Zibangelwa NguThixo?”

Okwesibini, abanye abefundisi baqiqa ngelithi uThixo unezizathu ezivakalayo zokubangela iintlekele ezehlela abantu kodwa ezo zizathu kunganzima ngathi ukuba siziqonde. Abantu abaninzi ayibanelisi loo ngcamango. Bayazibuza, ‘Ngaba uThixo ngokwenene onothando angabangela ububi aze angabaphenduli abantu abafuna intuthuzelo nabambuza enoba, “Kutheni sibandezeleka?”’ IBhayibhile ithi: “UThixo uluthando.”—1 Yohane 4:8.

Okwesithathu, ezinye iinkokeli zonqulo zicinga ukuba mhlawumbi uThixo akanamandla yaye akanaluthando. Kwakhona loo nkcazelo yenza kubekho imibuzo ebalulekileyo. Ngaba Lowo uye “wadala zonke izinto”—kuquka nobukhulu obungenakuthelekiswa nanto bendalo iphela—akanakukwazi ukuthintela ukubandezeleka emhlabeni? (ISityhilelo 4:11) Inokwenzeka njani into yokuba Lowo usidale sakwazi ukubonakalisa uthando, iLizwi lakhe elimchaza njengoThixo oluthando, angavakalelwa xa abantu bebandezeleka?—Genesis 1:27; 1 Yohane 4:8.

Ezi ngongoma zintathu zisandul’ ukukhankanywa zezinye nje zeendlela abantu abaye basichaza ngayo isizathu sokuba uThixo evumele ukubandezeleka—umbuzo oye wadida abantu kangangeenkulungwane. Inqaku elilandelayo, liza kusichazela ngoko iBhayibhile ikufundisayo ngalo mbandela ubalulekileyo nosexesheni. Njengokuba uza kubona, inkcazelo yeBhayibhile evakalayo nesengqiqweni isinceda singadideki. Ukongezelela, iBhayibhile iyabathuthuzela bonke abaye behlelwa ziintlekele.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 4]

Ngaba Zibangelwa NguThixo?

Ngaba iBhayibhile ifundisa ukuba nguThixo ongunobangela weentlekele esizibonayo namhlanje? Akunjalo! Imigwebo kaThixo njengokuba ichaziwe eBhayibhileni yahlukile kwiintlekele zemvelo. Ngokomzekelo, uThixo ukhangela iintliziyo zabantu aze atshabalalise kuphela abo bangendawo. (Genesis 18:23-32) Ngaphezu koko, uyabalumkisa abantu kuqala, ngaloo ndlela uvulela ithuba abantu abangamalungisa ukuba basinde.

Ngokwahlukileyo, iintlekele zemvelo azilumkisi ngaphambi kokuba zehle yaye zibulala zize zenzakalise abantu, azikhethi. Ukusa kumlinganiselo othile, abantu baye bangunobangela weentlekele ngokonakalisa imeko-bume yemvelo nangokwakha kwiindawo ezidla ngokuba neenyikima, izikhukula nezinemozulu embi.

[Inkcazelo]

SENA VIDANAGAMA/AFP/Getty Images

[Umfanekiso okwiphepha 4]

Iinkokeli zonqulo ziye zaneempendulo ezahlukahlukeneyo nezididayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share