“Ngaba Uyalubhiyozela USuku Loomakhulu?”
KWAKUNGENTSASA ebandayo yasebusika. UNatalia intombazana eneminyaka eli-16 ubudala yasePoland, yayilinde uloliwe xa abacholacholi beendaba ababini bephephandaba lasekuhlaleni baya kuye baza bambuza, “Ngaba uyalubhiyozela uSuku Loomakhulu?”
EPoland, uSuku Loomakhulu, uSuku Lootatomkhulu, uSuku Loomama, uSuku Lwamabhinqa noSuku Lootitshala zonke ziintsuku ezikhethekileyo. Ngokuqhelekileyo abantwana abancinane babhiyozela uSuku Loomakhulu noSuku Lootatomkhulu, ngokwenza amakhadi, ngoxa abantwana abasele bebadala babebapha izipho okanye iintyatyambo oomakhulu nootatomkhulu babo.
Xa wayebuzwa lo mbuzo ungasentla, uNatalia wayengaqinisekanga ukuba makathini ukuphendula. Kodwa emva kokuba ethandazele ngaphakathi, wathi kubacholacholi beendaba: “NdiliNgqina likaYehova yaye andilubhiyozeli uSuku Loomakhulu.” Ababacholacholi beendaba babemangalisiwe. UNatalia wancuma waza wongezelela esithi: “Ndihlala nomakhulu, ngoko ke ndinokumpha nanini na iintyatyambo, ndincokole naye ndize ndimbulele ngokuba nobubele. Kutheni ndifanele ndibonise imbeko kuye kube kanye ngonyaka?”
Bachukumiseka abacholacholi beendaba ngendlela entle awaphendula ngayo, njengokuba nawe unjalo. Ngentsasa elandelayo iphephandaba labhala ngaye yaye lalikwanayo nefoto yakhe.
Ngaba lo mzekelo awukwenzi uzibuze enoba nawe ukulungele kusini na ukuchaza iinkolelo nendlela ophila ngayo, ngokukodwa xa ubuzwa ungalindelanga? Abanquli bakaThixo abanyanisekileyo bafanele bamzukise ngokusoloko bekulungele ukuchaza izizathu zoko bakukholelwayo yaye baya kukulungela ukwenjenjalo nanini na.—1 Petros 3:15.