Iicawa—Zisingise Phi?
KWENZEKA ntoni kwiicawa “zamaKristu”? Ngaba kwindawo ohlala kuyo amarhamente ayancipha okanye ayanda? Usenokuva kuthethwa ngemvuselelo, kusithiwa iinkonzo ziyaphuphuma eAfrika, eMpuma Yurophu naseMerika. Noko ke, kwamany’ amazwe, ingakumbi eNtshona Yurophu, iindaba zithi iicawa ziyavalwa, amabandla ayancipha, yaye abantu abaninzi abasenamdla kunqulo.
Ekubeni amarhamente encipha, iicawa zixoza mphini wumbi. Ezinye zithi “azigwebi mntu,” ngokungathi uThixo wamkela nayiphi na indlela yokuziphatha. Kwiicawa ezininzi, abantu baya ukuze nje bazonwabise nokuva ezidl’ umzi kunokuphulaphula imfundiso yeLizwi likaThixo. Ngoxa amany’ amarhamente esithi ezi nguqulelo bezifuneka ukuze icawa ihambisane namaxesha, abantu abaninzi abanyanisekileyo babona ngathi iicawa ziyaphambuka kwisigidimi sikaYesu. Makhe sihlole oko kwenziwa ezicaweni mvanje.