Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Kutheni Ndimele Ndifunde? (May 2006) Ndineminyaka eli-15 ubudala yaye eli nqaku lindincede kakhulu. Ndikhe ndaya esikolweni neli phephancwadi yaye utitshala wam uye walibona. Xa ebefundisa uye wathetha ngeendlela zokufunda waza wabonisa abantwana endifunda nabo lo Vukani!. Uthe uye wakuvuyela ukufunda eli nqaku yaye ukhuthaza nabanye ukuba balifunde.
UD.A.C., waseBrazil
Ngaphambili bendidla ngokufunda nje imixholo endiyithandayo xa ndifumana iphephancwadi. Ngoku ndenza konke okusemandleni am ukuba ndifunde onke amanqaku naxa elinye lisenokubonakala ngathi alibangel’ umdla. Ngamanye amaxesha ndidla ngokubona loo manqaku sele ingawona ndiwathandayo. Enkosi kakhulu.
UE. G., waseUnited States
Ndiyakuvuyela ukwazi ukuba kukho abanye abaselula abafana nam. Ndabhaptizwa ndineminyaka eli-14 ubudala yaye ngoku ndineminyaka engama-40 ubudala. Ngaphambi kokuba ndibhaptizwe yayingumkhwa ukufunda amaphepha ambalwa kaVukani! okanye eMboniselo suku ngalunye. Ndicinga ukuba kungenxa yalo mkhwa endiye andaphosa nelinye inqaku ukulifunda yaye oku kuye kwandenza ndahlala ndomelele ngokomoya.
US. O., waseJapan
UMichael Servetus—Wema Yedwa Kwiphulo Lakhe Lokufuna Inyaniso (May 2006) Sithi maz’ anethole ngeli nqaku lihlab’ umxhelo. Liye landikhuthaza ukuba ndiqhubeke ndishumayela yaye ndikhusela igama likaYehova.
UM. R., waseBrazil
Abantu abaninzi bamazi lo kaServetus njengengcali yamayeza. Kodwa ke, eli nqaku livelise ezinye izinto ngobuntu balo mphengululi njengokufuna kwakhe inyaniso nokuba sele kumnyam’ entla. Enkosi ngokupapasha eli nqaku.
UM. J., waseSpeyin
Ukuphulaphula Isilumkiso Kwandisindisa (June 2006) Kumnandi gqitha ukuba kwintlangano kaYehova enothando olungaka! Ndifuna ukubulela bonke abazalwana noodade abaye banceda ekulungiseni indlu yam eyantlithwa kanobom sisiTshingitshane uKatrina. Ngoku indlu yam likhaya elizele uthando lwabo.
UI. F., waseUnited States
ISilika—“Owona Mchako Wodidi”(June 2006) Ndisengumntwana, kudala ndizibuza indlela isilika eyenziwa ngayo. Hayi indlela endavuya ngayo ukubona eli nqaku kuVukani! Lisemagqabini yaye liye landisa uxabiso lwam ngendalo kaYehova.
UA.C. L., waseBrazil
Iimpawu Eziziintloko Zomntu Onomhlaza Wolusu (June 8, 2005) Ngenxa yokuba nisebenzise iifoto eziyimibalabala kweli nqaku, ndiye ndakwazi ukuzixilonga ndaza ndaphawula ukudumba okumnyama endiye kamva ndafumanisa ukuba ngumhlaza wolusu. Okuvuyisayo kukuba, ndiye ndatyandwa yaza yasuswa intsumpa isaqala. Ngokusuka entliziyweni ndibamba ngazibini kuYehova ngenxa yolu ncedo.
UK. N., waseJapan