Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ngaba Ndinengxaki Kwindlela Enditya Ngayo? (Oktobha 2006) Emva kokuba ndifunde eli nqaku, ndaziva ndixinezelekile. Bendisoloko ndinengxaki kwindlela enditya ngayo ubomi bam bonke. Eli nqaku liye landenza ndavakalelwa kukuba bekufanele ukuba “ndayilungisa” le ngxaki ndisengumntwana. Noko ke, nanamhl’ oku ndisenayo le ngxaki yaye ndixhom’ izandla, ndoyisiwe. Eli nqaku livakala ngokungathi umntu angakwazi ukwahlukana nale ngxaki ngokuba nokholo nje olomeleleyo.
UJ. J., waseUnited States
“UVukani!” uyaphendula: Nangona imixholo ekuthethwa ngayo kungcelele oluthi “Abantu Abaselula Bayabuza . . .” lulungiselelwe ngokukhethekileyo abantu abaselula, kodwa imigaqo yeBhayibhile ekula manqaku iyasebenza enoba badala kangakanani na. Siyayazi ukuba, ukuba nengxaki kwindlela otya ngayo kuphakathi kwezona zinto ekunzima ukuzoyisa. Eli nqaku alikhange lithi abantu abanengxaki kwindlela abatya ngayo abanalukholo. Liye lacebisa nje ukuba abantu abanale ngxaki banokuthandaza kuYehova ukuba abancede boyise le ngxaki. Ukongezelela ekuceleni uncedo kuThixo, abantu abanale ngxaki baye bakhuthazwa ukuba bacele uncedo “kumzali okanye omnye umntu omdala.” Eli nqaku liye lavuma ngokuphandle ukuba “akulula ukoyisa le ngxaki” yaye umntu usenokuvukwa likakade. Kwainto yokuba nangoku ube usazama ukoyisa le ngxaki emva kweminyaka emininzi kuthetha ukuba akukaphelelwa lithemba.
Imibuzo Yabantu Abaselula . . . Ndifanele Ndenze Ntoni Ngobomi Bam? (Julayi 2006) Sele ndiza kugqiba esikolweni yaye ngoku lixesha lokuba ndikhethe into endifuna ukuyenza ebomini. Eli nqaku liye landenza ndazimisela ngakumbi ukuqalisa inkonzo yexesha elizeleyo. Awukho umsebenzi ofana nawo nonokundivuyisa.
H. W., waseHong Kong
Ndiyabulela ngeli nqaku yaye lindincede ndabona ukuba kweli hlabathi lithanda izinto eziphathekayo, eyona nto ifanelekileyo inokwenziwa lulutsha olunjengam kukubeka usukelo lokomoya kwindawo yokuqala.
UA. S., waseBrazil
Kangangendlela endixakeke ngayo, ndidla ngokuzilibala izinto ezilusukelo lwam. Emva kokuba ndifunde eli nqaku ndiye ndazimisela ukwenza nantoni na ukuze ndikhonze uYehova. Ndiyabulela kakhulu ngokuba niluxhalabele ulutsha.
UE. M., waseJapan
Ukwakha Umtshato Owonwabisayo (Julayi 2006) La manqaku asemagqabini. Umzekelo kaYesu wendlela awabaphatha ngayo abapostile bakhe ufanelekile ukubonisa indlela abantu abatshatileyo abafanele baphathane ngayo. Qhubekani nomsebenzi omhle. Siwalindela ngolangazelelo amaphephancwadi nyanga nganye.
US. C., waseUnited States
Ndandiphelelwe Lithemba Kodwa Ngoku Ndonwabile (Julayi 2006) NjengoMzalwan’ uGonzález, nam ndinengxaki yokuziva ndingafaneleki. Ndandiqiqa ngelithi, ‘Andiqondi ukuba uYehova uyandithanda ngenxa yezinto endandizenza ngaphambili.’ Kundikhuthazile ukwazi indlela uYehova anenceba, axolela nanothando ngayo! Amacebiso, inkxaso enothando endiyifumana ebandleni nomoya oyingcwele kaYehova, konke oku kuye kwandinceda ukuba ndiphile ngokuvisisana neenyaniso zeBhayibhile ebomini bam. Ndibamba ngazo zozibini ngoku kutya kokomoya kufike ngexesha elifanelekileyo.
UT. A., waseUnited States