IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/06 iphe. 30
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
  • Vukani!—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
    Vukani!—2007
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
    Vukani!—2006
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
    Vukani!—2006
  • Izimvo Zabafundi BakaVukani!
    Vukani!—2006
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 3/06 iphe. 30

Izimvo Zabafundi BakaVukani!

Umhlaza Wolusu—Indlela Onokuzikhusela Ngayo (Juni 8, 2005) Inkcazelo ekolu ngcelele isemagqabini. Ndiyingcali kwikliniki yolusu. Ndingakuvuyela ukufumana amanye amaphephancwadi ongezelelekileyo ukuze ndiwanike abanye abantu.

K. W., waseDenmark

Ndiyabulela ngeli nqaku, kuba ndandineqhuma elikhulayo emqolo yaye ndacela ugqirha ukuba andixilonge. Ugqirha wandixelela ukuba ndiphantse ndanomhlaza ekuthiwa sisifo sikaBowen. Ndakhawuleza ndatyandwa. Olu ngcelele luye lwandinceda ndakhawuleza ndafuna uncedo.

S. M., waseJapan

Ibhokisi ekwiphepha 7 indenze ndaya kugqirha wam ukuze axilonge ubomi (mole) endandinabo. Wafumanisa ukuba ndinomhlaza wolusu yaye usaqala. Njengokuba eli nqaku lisitsho, ukuba umhlaza wolusu awunyangwa usaqala, usenokufa umntu onawo. Ndiyambulela ugqirha wam kwaye ndiyawabulela namanqaku alo Vukani!, asenokuba aye asindisa ubomi bam!

L. S., waseUnited States

Impinda Yentsapho (Meyi 8, 2005 wesiNgesi) Bendidla ngokufunda nje kuphela amanqaku endiwathandayo, kodwa emva kokuba ndibone lo mxholo, ndalifunda lonke elo phephancwadi ukuze ndikwazi ukuphendula imibuzo ebuziweyo kwelo nqaku. Emva koko ibisele ingumkhwa wam ukufunda iphephancwadi lonke!

Y. Z., waseRashiya

Ndakuvuyela ukuwubona lo mxholo. Ngaphandle nje kokuba ndakuvuyelayo ukuwufunda, wandenza ndaqonda ukuba kufuneka ndinikele ingqalelo engakumbi kwinto endiyifundayo!

D. S., waseBritani

Abantu Abaselula Bayabuza . . . Kutheni Nditsaleleka Kubantu Abanempembelelo Embi? (Agasti 8, 2005) Kuyabonakala ukuba kwanasemva kweminyaka elishumi ndisoloko ‘ndinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi,’ sekunjalo andikwazi ukulungisa esi siphako kubuntu bam. (1 Korinte 15:58) Ndaqonda ukuba ndandingekaqoli ngokwemvakalelo, kodwa ndandingayazi ukuba ndingajamelana njani nale ngxaki. Ndiyambulela uYehova ngamanqaku anjengala, asinceda siphumelele nakule nkqubo yezinto.

J. F., waseUnited States

Eli nqaku lithi ‘asifanele sibaphephe ngokupheleleyo abantu abangazaziyo iinyaniso zeBhayibhile.’ Ngaba ningakhe ninabe ngalo mbandela? Kuthekani ukuba umKristu ufuna ukwakha ubuhlobo obusenyongweni nomntu ongakholwayo? Ngaba oko akufanele kusixhalabise?

D. P., waseUnited States

“UVukani!” uyaphendula: Eli nqaku aliwakhuthazi amaKristu ukuba akhe ubuhlobo obusenyongweni nabantu abangakholwayo. Enyanisweni, nakwiyiphi na imeko umgaqo weBhayibhile uyasebenza: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Korinte 15:33) Kodwa oku akuthethi kuthi sifanele sibagatye ngokupheleleyo abantu abangakholwayo. Njengokuba lisitsho eli nqaku, iBhayibhile isibongoza isithi “masenze okulungileyo kubo bonke”—kungekuphela nje kwabo sihlobene nabo elukholweni. (Galati 6:10) Eneneni, indlela esiwenza ngayo umsebenzi wethu ifuna sibe ngabantu ababonisa umdla onyanisekileyo ebantwini, sibaphatha ngesidima kwaye sibe nentlonelo. UYesu wasimisela umzekelo omhle kule nkalo. Ngokuqinisekileyo akazange akhe ubuhlobo obusenyongweni nabo bangenamdla ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. (Yohane 15:14) Kwangaxeshanye, wayethetha nabantu kwaye wayekwazi nokuncokola nabo. Ngenxa yoko, uYesu wafumana ithuba lokushumayela kubo ngokuphumelelayo. (Ngokomzekelo, funda ingxelo ekuLuka 7:36-50.) NjengoYesu, nathi sinokuhlala sinesimo sengqondo esihle ngabantu abangakholwayo. Usukelo lwethu ‘kukuba nengqiqo, sibonise nobulali kubantu bonke.’—Tito 3:2.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share