IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/07 iphe. 11
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukungqongophala Kwamanzi ETshayina
  • “Ningoobani? NingamaNgqina KaYehova?”
  • Umculo Ukhuthaza Ukuziphatha Kakubi Ngokwesini
  • Abantu Abasafazayo
  • Ngaba Ngokwenene Umculo Unokundenzakalisa?
    Vukani!—1993
  • Ndinokwenza Njani Ukuze Umculo Ungabi Yeyona Nto Ibalulekileyo Kum?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Apho Le Ngxaki Igquba Khona
    Vukani!—1997
  • Ulutsha Lusebugxwayibeni
    Vukani!—2005
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 5/07 iphe. 11

Okwenzeka Ehlabathini

◼ Umbane osetyenziswa zizixhobo zombane ezishiywa zingacinywanga ufikelela kwisi-5 ekhulwini semali yombane ehlawulwa ziintsapho zaseKhanada.—NATIONAL POST, EKHANADA.

◼ Kolunye uhlolisiso kwafunyaniswa ukuba ezona ngxaki urhulumente waseRashiya afanele azisingathe ziquka ukulwa “urhwaphilizo nokuntinga kwamaxabiso.”—PRAVDA, ERASHIYA.

◼ Ngokutsho kolunye uhlolisiso, abantwana abafunda kwibanga lesihlanu nelesithandathu abanokuba ngama-26,4 ekhulwini eTaiwan “bakhe bacinga ngokuzibulala.”—THE CHINA POST, ETAIWAN.

◼ Ngoxa ubugcisa buye balicutha ixesha abantu abalisebenzayo veki nganye eMerika ngama-38 ekhulwini kwinkulungwane edluleyo, abaqeshwa abafumani xesha lingakumbi lokuzonwabisa, kuba bachitha ixesha elingakumbi besendleleni eya okanye ebuya emsebenzini, abantu abadala bayafunda yaye imisetyenzana yasekhaya yandile.”—FORBES, EUNITED STATES.

◼ Amazwe ahambele phambili kwezoqoqosho aye akhupha iigesi ezingcolileyo ezingakumbi nge-1,6 ekhulwini phakathi konyaka wama-2003 nowama-2004 “owona mlinganiselo uphakamileyo kwiminyaka engaphezu kwelishumi.”—REUTERS, EOSLO, ENORWAY.

Ukungqongophala Kwamanzi ETshayina

ETshayina “amanzi acocekileyo akanelanga.” Kwinkoliso yezixeko kukho amaziko okucoc’ amanzi, kodwa kwizixeko ezininzi akukho mali yaneleyo yokuwenza asebenze. IThe Wall Street Journal ithi: “Inkoliso yemilambo, amachibi nemijelo yalapho inamanzi angcolileyo asuka kwiinkampani zalapho kunye namanzi anetyhefu yokubulala izinambuzane asuka kwiifama.” Ukongezelela, “abantu abanokuba ngamawaka angama-300 abanawo amanzi acocekileyo okusela.” IJournal, ithi izinto “zimbi” yaye ziya zisiba mbi nangakumbi.

“Ningoobani? NingamaNgqina KaYehova?”

Kunyaka ophelileyo kunxweme olukwiSiqithi saseItali, i-Elba, amaKatolika aselula awayekhuthazwe ngubhishophu wenqila yaseMassa Marittima-Piombino ashumayela kubakhenkethi ababelapho. Lo bhishophu wathi, ukuba la maKatolika aselula afuna ukuba ngamaKristu aze ahlale engawo, afanele aluvakalise ukholo lwawo. Oku kwabothusa aba bakhenkethi. Ngokutsho kwephephandaba i-Il Tempo, inkoliso yabantu xa ibona olu lutsha yabuza, “Ningoobani? NingamaNgqina kaYehova?”

Umculo Ukhuthaza Ukuziphatha Kakubi Ngokwesini

Kuhlolisiso olwenziweyo, iAssociated Press ithi abantwana abakwishumi elivisayo abaphulaphula umculo “onamazwi angcolileyo” kusenokwenzeka ukuba “baqalise ukuba neentlobano zesini ngaphambi kwabo bakhetha ezinye iingoma.” Le ngxelo yathi: “Iingoma ezithetha ngamadoda ‘njengatshiswa yinkanuko,’ namabhinqa njengezinto nje zokuzanelisa ngokwesini nezinamazwi athetha ngokungqalileyo ngeentlobano zesini zisenokubenza abanye baqalise ukuba neentlobano zesini ngaphambi kwexesha kunabo baphulaphula iingoma ezithetha ngokungangqalanga ngesini nezibonakala zigxininisa kulwalamano oluhlala luhleli. Abazali, ootitshala nabantwana abakwishumi elivisayo bafanele bawalumkele amazwi abawaphulaphula kwezo ngoma.”

Abantu Abasafazayo

Umbutho wophando iThe Australia Institute ithi, ngowama-2004, abemi baseOstreliya balahla ukutya okuxabisa isi-5,3 samawaka ezigidi zeedola. Oku kukutya okukuphindaphinda ngaphezu kwe-13 ukutya okwanikelwa ngabemi baseOstreliya kumazwe ahlwempuzekileyo ngowama-2003. Iyonke imali echithwa ngabemi baseOstreliya kwizinto nakwiinkonzo abangafane bazifune ifikelela kumawaka ezigidi ezingama58,4 zeerandi nyaka ngamnye—imali engaphezu kwaleyo esetyenziswa kwelo lizwe kwiiyunivesithi nasezindleleni.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share