IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/11 iphe. 2-3
  • Incwadi Ebalaseleyo Neye Yasinda Kwiintlaselo Eziliqela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Incwadi Ebalaseleyo Neye Yasinda Kwiintlaselo Eziliqela
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Incwadi Ekhethekileyo
    Vukani!—2007
  • Eyona Ncwadi Isasazwe Ngokubanzi Ehlabathini
    Incwadi Yabantu Bonke
  • IBhayibhile Ngumyalezo Esiwunikwa NguThixo
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Kutheni Simele Sifunde IBhayibhile?
    IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 12/11 iphe. 2-3

Incwadi Ebalaseleyo Neye Yasinda Kwiintlaselo Eziliqela

“Ayikho incwadi eye yahlaselwa njengale . . . , kodwa iye yasinda kubahlaseli bayo, kungakhathaliseki ukuba bebenamandla, italente okanye ubuciko obungakanani na.”

KUTHENI ufanele ube nomdla eBhayibhileni? Kungenxa yokuba ithi iqulethe umyalezo ovela kuThixo. (2 Timoti 3:16) Ukuba oku kuyinyaniso, uya kuphoswa kokuthile okubalulekileyo xa ungayifundi.

Kwakhona, ufanele ube nomdla eBhayibhileni kuba iyenye yezona ncwadi zindala kwezikhoyo yaye ukuza kuthi ga ngoku ayikho enye incwadi eye yaguqulelwa yaza yasasazwa njengayo. Yeyona ncwadi iye yathengwa kakhulu embalini yaye nanamhl’ oku iseyeyona ithengwa kakhulu nyaka ngamnye.

Izinto ezithethwa yiBhayibhile, ubudala bayo nendlela esasazwe ngayo ehlabathini ziyamangalisa, ingakumbi xa ujonga amalinge aliqela okuyitshabalalisa aye enziwa ukutyhubela imbali. Unyawo-ntle wenkulungwane ye-19 uAlbert Barnes wathi: “Ayikho incwadi eye yahlaselwa njengale; kodwa iye yasinda kubahlaseli bayo, kungakhathaliseki ukuba bebenamandla, italente okanye ubuciko obungakanani na.”

Kwalo mbhali mnye walek’ umsundulu esithi, abantu badla ngokuba nomdla kuyo nantoni na ebonakala inguphuncuka bemphethe. Lo kaBarnes wahlabela mgama esithi: “Awukho umkhosi oye waphumelela amadabi amaninzi njengeBhayibhile, alukho udonga lwesixeko samandulo olwakha lwaxhathisa ukungqingwa okungaka lwaza lwema ukutyhubela iimfazwe zelo xesha; lingekho nelitye elakha lantlithwa zizikhukula izihlandlo ezininzi kangaka laza alanikezela.”

Iincwadi ezininzi zamandulo ziye zalahleka, zatshabalala okanye zalityalwa kodwa yona iBhayibhile isekho nanamhl’ oku nangona iye yahlaselwa ngokungenalusini. Abanye abantu baye bazilahlela nofele, bebeka ubomi babo esichengeni kuba befuna iBhayibhile ifunyanwe ngabo bonke abantu. Kwelinye icala, abanye baye bayihlutha ebantwini baza bazitshisa esidlangalaleni iiBhayibhile kunye nabanikazi bazo.

Kutheni abanye abantu beyithanda kangaka le ncwadi ngoxa abanye beyicaphukela? Ziziphi iintlaselo eye yasinda kuzo? Ngoobani ababezama ukuyitshabalalisa? Ukanti umbuzo obaluleke nangakumbi ngowokuba, kutheni ikwazile ukusinda? Yaye kutheni umyalezo wayo ubalulekile kuwe? Amaphepha alandelayo aza kuyiphendula le mibuzo.

[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 2, 3]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

IMBALI YOKUPAPASHWA KWEBHAYIBHILE

1513 B.C.E.–malunga IBhayibhile ibhalwa ngesiHebhere,

nowama-98 C.E. isiAramiki nesiGrike

100 Yenziwa ibe yimiqulu yecodex

405 UJerome uyiguqulela ngesiLatini

1380 UWycliffe uyiguqulela ukusuka kwisiLatini ukuya kwisiNgesi

1455 UGutenberg ushicilela iBhayibhile yokuqala

1525 UTyndale uyiguqulela ngesiNgesi

1938 Ishicilelwa ngeelwimi ezingaphezu kwe-1 000

2011 Ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-2 500

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share