IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/08 iphe. 16-18
  • Ukufudumala Kwikhephu Eliqhaqhazelisa Amazinyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufudumala Kwikhephu Eliqhaqhazelisa Amazinyo
  • Vukani!—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphila Ngaphantsi Kwekhephu
  • Ukusuka Phezulu Ukuya Ezantsi Ekhephini!
  • Ukuxhobela Ubusika
  • Umbhiyozo WaseSapporo Wekhephu Nomkhenkce
    Vukani!—1994
  • Ngaba UYesu Wazalwa Ebusika?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Vukani!—2008
g 2/08 iphe. 16-18

Ukufudumala Kwikhephu Eliqhaqhazelisa Amazinyo

NGUMBHALI KAVUKANI! EFINLAND

UKUBA abanxibanga iimpahla nezihlangu ezifudumeleyo, abantu bebeya kuchachatheka bade bafe bubusika obuqhaqhazelis’ amazinyo kuMntla Okude. Izilwanyana ezininzi eziphila kweli lizwe, ziphila ubomi obuqhelekileyo kungakhathaliseki ukuba kuxesha liphi enyakeni. Nakuba zinoboya neentsiba ezifudumeleyo, zizakhela iindlwane ekhephini ukuze zizikhusele kumoya obandayo.

Ikhephu liyilwa ziikristale zomkhenkce ovela kumphunga wamanzi, yaye ikhephu elimalunga neesentimitha ezingama-25 lilingana namanzi aziisentimitha ezimbini ezinesiqingatha. Lo nto ithetha ukuba ikhephu linomoya omninzi ophakathi kweekristale. Le ndlela liyilwe ngayo ilenza ikhephu likwazi ukukhusela iimbewu nezityalo engqeleni kude kube sentwasahlobo. Njengokuba ikhephu lisiwa phezu komhlaba liba ngathi ngamanzi angumkhenkce agcinwe kuvimba, anyibilikayo ekuhambeni kwexesha aze amanzise umhlaba andise nomthamo wamanzi emilanjeni.

Ukuphila Ngaphantsi Kwekhephu

Ngaphantsi kwekhephu kukho izilwanyana ezinoboya obufukufuku ezehla zinyuka zikhangela ukutya. Ezi zilwanyana ziquka iilemming, iivole, iishrew neentuku. Kwangaxeshanye, iimpuku zidla ngokubonwa ziletsheza zikhangela amaqunube, amandongomane, iimbewu namaxolo ezithole zemithi.

Izilwanyana ezanyisayo zikwazi njani ukuhlala zifudumele? Uninzi lwezi zilwanyana azinaboya bufukufuku nje kuphela kodwa zinenkqubo yokuzifudumeza engaphakathi kuzo. Nawe usenokuqonda ukuba ukuze le nkqubo yokuzifudumeza isebenze kakuhle kufuneka zitye kakhulu. Ngokomzekelo, iishrew suku ngalunye itya imibungu noophunguphungu abalingana nobunzima bayo. Ngokomlinganiselo esona silwanyana sincinane ipygmy shrew itya ngaphezu kwazo zonke ezinye izilwanyana. Ngaloo ndlela, usuku ngalunye ziphantsi phezulu zifuna ukutya.

Izilwanyana ezincinane ezanyisayo zezona zithandwayo kuquka isikhova nezinye iinyamakazi ezincinane. Ezi nyamakazi zinemizimba emincinane nebhetyebhetye ziyakwazi ukuhamba emkhenkceni, nazo zehla zinyuka kwezo ndledlana zifuna ukutya. Ezi nyamakazi zizingela nemivundla emikhulu kunazo.

Izikhova zikwakho kweli phulo lokufuna ukutya. Isikhova esikhulu ekuthiwa yigray owl sineendlebe ezibukhali ezinokuva ivole ihamba ngaphantsi kwekhephu, xa ikhephu lingekho lininzi kakhulu. Sithi isikhova sakulibona ixhoba laso, siziphose kwikhephu size silithi hlasi ngezo nzipho zaso zibukhali. Noko ke, ikhephu elininzi linokuthetha iphango kwizilwanyana eziphila ngokuzingela nokungcuchalaza kwizilwanyana ezizingelwayo.

Ukuze zingabethwa linxele likaKhetsekile ebusika izilwanyana ezininzi zixhomekeka kukutya ebeziye zakuqokelela ehlotyeni. Nasebusika zikhona izilwanyana ezinokuzingelwa. Ngokomzekelo, imoose itya amagatya emithi ngakumbi umthi wompayina. Oonomatse batya iimbewu ezinezondlo abazigcine koovimba babo imivundla ikrekretha amaxolo emithi, amasebe notyani. Ezinye iintaka zithanda ukutya amaqunube anomkhenkce namasebe omthi wompayina.

Ukusuka Phezulu Ukuya Ezantsi Ekhephini!

Iintaka ezininzi zizifudumeza ngekhephu emini xa ziphumlile nasebusuku xa zilele. Ezi ntaka ziquka ihazel hen, iblack grouse, iptarmigan iintaka ezincinane ezinjengelinnet, ibullfinch nongqatyana. Xa ikhephu lilininzi yaye lithambile, ezinye iintaka zehla zisuka phezulu njengengabangaba isithi dyumpu emanzini. Eli cebo lihle kangaka lenza ukuba zingabonwa nangetshengele zezinye izilwanyana ezizingelayo.

Zithi zakungena ngaphakathi kweli khephu, ezi ntaka zakhe indlwane emalunga nemitha ubude, ebizwa ngokuba yikieppi ngesiFinnish. Ngobusuku nje obunye umoya ovuthuzayo uyayivala indlwane ngokungathi akukho nto. Xa ezi ntaka zikwindlwane zazo ziyabeva abantu xa behamba ekhephini. Ingxolo eyenziwa zezintaka xa ziphuma kwiindlwane zazo inokumothusa umntu ohamba kufutshane nayo.

Ukuxhobela Ubusika

Njengokuba amaxesha onyaka etshintsha, zimbi izilwanyana zasentla ziyahluba ukuze kukhule uboya obufukufuku basebusika obulungele ikhephu. EFinland, impungutye zearctic, imivundla, nezinye iinyamakazi zasendle ziba noboya obumhlophe ekwindla.

Ngokufanayo, intaka ebhanyabhanya ekuthiwa yiptarmigan iyahluba ize ibe neentsiba ezimhlophe qhwa. Amanqina azo aneentsiba ezincinane ehlotyeni, ebusika ziba ninzi ukuze zizikhusele engqeleni. Xa zihluba iintsiba kuze kuphume ezinye, iintaka eziba ngamaxhoba ziyakwazi ukufihla amanqina azo abhanyabhanya.

Ngaba wakha wazibuza ukuba kutheni iintaka ezihamba phezu kwekhephu okanye komkhenkce zingangenwa yingqele? Imilenze yazo inenkqubo yokuzifudumeza. Igazi elishushu elivela entliziyweni liyehla liye kufudumeza amanqina.

Ukususela kwincam ezibandayo zomhlaba ukuya kwezona ndawo zishushu, izinto eziphila kwezo ndawo azichanatywa zezo mozulu. Kunoko ziyakwazi ukuphila kwezo ndawo. Amadoda nabafazi abafota ezi zilwanyana badla ngokuzukiswa ngenxa yenkonzo yabo entle—befanele ke phofu. Abekephi ukudunyiswa uMdali wezinto ezimangalisayo eziphila emhlabeni. ISityhilelo 4:11 sithi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 18]

AmaKristu Ayashumayela Nangona Kubanda!

Ngexesha lasebusika amaNgqina kaYehova aseFinland anxiba impahla efudumeleyo, aye kwiintlanganiso nasentsimini. Amanye amaNgqina ahamba imigama emide ukuze abekho kwiintlanganiso zamaKristu. Eyona nto imangalisayo kukuba alinciphi inani labantu abeza ezintlanganisweni kwiinyanga zasebusika eziqhaqhazelis’ amazinyo. Kwakhona amaNgqina kaYehova amaxhaphetshu kwinkonzo yasentsimini. Ngokwenene, alijonga njengelungelo elingathethekiyo ukunikela ubungqina ngoMdali, uYehova uThixo, kangangokuba akulungele ukushiya amakhaya awo ashushu ukuze abelane nabanye ngoBukumkani bakhe.—Mateyu 24:14.

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

IiPetrel zisemqolombeni

[Inkcazelo]

By courtesy of John R. Peiniger

[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

IErmine

[Inkcazelo]

Mikko Pöllänen/Kuvaliiteri

[Umfanekiso okwiphepha 17]

IiSwan

[Umfanekiso okwiphepha 17]

Umvundla

[Umfanekiso okwiphepha 17]

Impungutye yaseArctic

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share