Ngubani Ofanele Enze Isigqibo Ngonqulo Lwenyaniso?
UYESU wabonisa ngokucacileyo ukuba ezinye iindlela zonqulo azamkelekanga kuThixo. Wathetha ‘ngabaprofeti bobuxoki,’ ebafanisa nomthi ovelisa isiqhamo esingento yanto ‘ogawulwayo uze uphoswe emlilweni.’ Yaye wathi: “Asingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kungena ebukumkanini bamazulu.”—Mateyu 7:15-22.
Ebhekisela kwabo baya kuzibiza ngokuba bangabalandeli bakhe, uYesu wathi: “Ndiya kwandula ndivume kubo ndithi: Andizange ndinazi! Mkani kum, nina benzi bokuchasene nomthetho.” (Mateyu 7:23) Kwakhona, ebhekisela kwiinkokeli zonqulo zexesha lakhe uYesu wathetha amazwi awathethwa nguThixo ngamaSirayeli awayewexukile, athi: ‘Bandinqulela ilize, kuba bafundisa iimfundiso eziyimiyalelo yabantu.’—Marko 7:6, 7.
Ngoko, kucacile ukuba asizizo zonke iinkonzo ezamkelekileyo kuThixo noNyana wakhe. Ngenxa yoko, asizizo zonke iinkonzo ezichanileyo. Ngaba oku kuthetha ukuba inye kuphela inkonzo efundisa inyaniso? Akunakwenzeka ukuba abe uThixo uyazamkela ezinye iinkonzo ngoxa echasa ezithile? Okanye mhlawumbi akunakwenzeka ukuba abe uThixo unabantu abathile akholiswayo ngabo okanye abachasayo, kungakhathaliseki ukuba iinkonzo abakuzo zifundisa ntoni na?
Ephefumlelwe nguThixo, umpostile uPawulos wabhala: “Ke kaloku ndiyanibongoza, bazalwana, ngegama leNkosi yethu uYesu Kristu ukuba nonke nithethe ngokuvumelanayo, nokuba kungabikho kwahlukana phakathi kwenu, kodwa nimanyane engqondweni enye nasengcamangweni enye.” (1 Korinte 1:10) IBhayibhile ibongoza amaKristu ukuba ‘abe nengqondo efanayo, nothando olufanayo, abandakanywe ndawonye emphefumlweni, enengcamango enye engqondweni.’—Filipi 2:2.
Xa kukho umanyano olunjalo, kubakho unqulo olunye. Ngenxa yoko, iBhayibhile ithi “inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo.”—Efese 4:4, 5.
Oko IBhayibhile Ikubonisayo
IBhayibhile ibonisa ngokucacileyo ukuba iZibhalo ziyakuxhasa oku kuthethwa ngasentla. Xa uyihlolisisa, uya kufumanisa ukuba uThixo ubesoloko esebenzisa indlela enye yonqulo. Ukususela ekuqaleni kwembali yoluntu, uThixo wayesebenzisa oosolusapho okanye iintloko-ntsapho njengabameli bakhe. Ezona zazibalasele, nguNowa, uAbram (Abraham), uIsake noYakobi.—Genesis 8:18-20; 12:1-3; 26:1-4; 28:10-15.
Inzala kaYakobi yaba ngamakhoboka eYiputa. Nakuba yayiphethwe ngenkohlakalo, yanda yaba zizigidi. UThixo wayikhulula ekuthinjweni, wayiweza uLwandle Olubomvu ngokungummangaliso. Emva koko wayenza abantu bakhe, wadlulisela imithetho yakhe kuyo ngoMoses. Yaba luhlanga lukaSirayeli wamandulo, uhlanga lukaThixo.—Eksodus 14:21-28; 19:1-6; 20:1-17.
Okuphawulekayo kukuba, uThixo akazange akholiswe ziindlela zonqulo ezazisetyenziswa ngabantu bezinye iintlanga ezazingqonge amaSirayeli. Eneneni, wayebohlwaya abantu bakhe xa bephambuka emithethweni yakhe baze baxelise imikhwa yonqulo lwezinye iintlanga.—Levitikus 18:21-30; Duteronomi 18:9-12.
Kuthekani ngabantu bezinye iintlanga ababefuna ukunqula uThixo oyinyaniso? Kwakufuneka bahlukane nonqulo lobuxoki kuqala baze bazihlanganise namaSirayeli ekunquleni uYehova uThixo. UThixo wakholiswa ngabaninzi babo waza wabamkela njengabakhonzi bakhe abanyanisekileyo. Phakathi kwaba, kwakukho amabhinqa afana noRahabhi owayengumKanan noRute owayengumMowabhikazi; amadoda afana noUriya umHiti noEbhedi-meleki umTiyopiya; namaqela abantu abafana namaGibheyon. UKumkani uSolomon wakwaSirayeli wathandaza ngokusuk’ entliziyweni, ethandazela bonke abantu ababeye bazihlanganisa nabantu bakaThixo kunqulo oluyinyaniso, abafana naba bachazwe ngasentla.a—2 Kronike 6:32, 33.
Emva Kokuza KukaYesu Emhlabeni
Emva kokuba uYesu ethunyelwe emhlabeni, kwaqaliswa unqulo lwenyaniso ngokusekelwe kwiimfundiso zakhe yaye iinjongo zikaThixo zacaciswa ngendlela ebalaseleyo. Ekuhambeni kwexesha, abanquli bokwenyaniso babizwa ngokuba “ngamaKristu.” (IZenzo 11:26) Ngenxa yoko, amaYuda kwakufuneka ashiye unqulo lwawo lwangaphambili ukuze uThixo akholiswe ngawo. Yayingengombandela nje wokukhetha phakathi kweendlela ezimbini zonqulo okanye ukunqula ngendlela ubani athanda ngayo. Njengoko sele sibonile kwiLizwi likaThixo, abanquli bokwenyaniso babemanyene ‘kukholo olunye.’—Efese 4:4, 5.
Kwabanye, into yokuba namhlanje uThixo usebenzisa abantu abakunqulo olunye kuphela, isenokungaginyeki ncam. Kanti ke, iBhayibhile ibonisa ukuba kunjalo. Mandulo, abantu abaninzi ababenqula ngendlela yabo, bakuqonda oko. Bazihlanganisa nabanquli bakaYehova bokwenyaniso yaye bayeka ukuba namathandabuzo baza bafumana iintsikelelo novuyo olukhulu. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi emva kokuba enye indoda engumTiyopiya yamkele ubuKristu yaza yabhaptizwa, ‘yahamba inemihlali.’—IZenzo 8:39.
Nabani na namhlanje owamkela unqulo lokwenyaniso aze aphile ngokuvisisana nalo, uya kufumana iintsikelelo ezifanayo. Kodwa ekubeni zininzi kangaka iinkonzo, unokulubona njani unqulo olunye lokwenyaniso?
[Umbhalo osemazantsi]
a Unokuzifundela iingxelo zeBhayibhile ezithetha ngaba bantu kwezi Zibhalo zilandelayo: Yoshuwa 2:1-7; 6:22-25; Rute 1:4, 14-17; 2 Samuweli 11:3-11; Yeremiya 38:7-13; noYoshuwa 9:3-9, 16-21.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Yintoni eya kwenzeka kunqulo oluvelisa iziqhamo ezingento yanto?