Ukungaziwa Kwemvelaphi Yeenkawu EziseLiweni
XA UCINGA ngeenkawu, mhlawumbi ucinga ngommandla weleeNjiko. Azininzi kangako iintlobo zeenkawu eziphila kumazwe anemozulu epholileyo. Mhlawumbi, inye okanye zimbini iindawo ezinjalo.
KwiiNtaba zeAtlas eMntla Afrika, apho kudla ngokubakho ikhephu ebusika, uya kufumana iinkawu iBarbary zibhadula kumahlathi omsedare nawom-oki. Elinye iqela lezi nkawu linokufunyanwa kwiikhilomitha ezingama-300 ukusuka emntla, kwiLiwa laseGibraltar, emazantsi eYurophu.
Izazi ngezemvelo zithi zivela phi ezi nkawu? Ezinye zikholelwa kwelokuba ezi nkawu zafika kwimimandla yaseYurophu kwakude kudala yaye ezo ziseGibraltar zizo zodwa ezasindayo. Ezinye zithi ama-Arabhu okanye abantu baseBritani beza nazo kweli Liwa. Ukanti kukwakho nenkolelo yokuba ezi nkawu zanqumla imijelo emxinwa eyahlula iYurophu zisuka eAfrika zihamba ngetonela engasekhoyo engaphantsi komhlaba. Enoba zivela phi na, ngoku zizo zodwa iinkawu ezifumaneka eYurophu.
Iinkawu iBarbary zihlala kumahlathi ompayina akumntla weLiwa. Nangona zimalunga nekhulu kuphela ezi nkawu, i-International Primate Protection League ithi, ziye zaba “ngabona bahlali badumileyo kusingasiqithi.”a
Ekubeni kusiza abakhenkethi abazizigidi ezisixhenxe eGibraltar nyaka ngamnye, ezi nkawu zifumana ukutya okuninzi. Nangona zitya ukutya kwasendle, zingamachule okucela ukutya kubakhenkethi—yaye maxa wambi ziyakuba. Kwakhona abasemagunyeni baphathela ezi nkawu iziqhamo nemifuno.
Ngaphandle kokutya, ezi nkawu zichitha inxalenye enkulu yosuku zilungisana. Iinkunzi neemazi zinyamekela zize zidlale namantshontsho. Ekubeni ziphila ndawonye, maxa wambi ziyalwa. Ngoxa ezindala iinkawu zisongela ezincinane zizikhwaza kuba zizigxotha, zinomkhwa wokutshixizisa amazinyo azo, nto leyo ezenza zizole.
Nangona kungaziwa ukuba zafika njani eGibraltar; sekunjalo, ezi nkawu zinobuhlobo ziyalihombisa iLiwa iGibraltar elisekuqaleni koLwandle iMeditera. IGibraltar ibingayi kufana ngaphandle kwazo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Iinkawu imacaque zaseJapan, eziluhlobo olunye nezi nkawu, nazo ziye zabangela umdla kubakhenkethi abaninzi, xa zidibene kwimithombo eshushu yaseJapan ebusika.