‘Kufuneka Sikuyeke Ukuthanda Ukucingela Iziqu Zethu Kuphela’
● IGIBRALTAR ekwincam esemazantsi eSiqithi saseIberia iye yatyhubela amagingxi-gingxi, ihleli nje iyangqingwa yaye iyahlaselwa. Kodwa ngenye impelaveki ngo-Oktobha 2008, le dolophu “yahlaselwa” ngabemi baseSpeyin abamalunga newaka, phofu bengezanga ngabubi. Babezele ukwakha iHolo yoBukumkani eyayiza kusetyenziswa ngamabandla amabini amaNgqina kaYehova aseGibraltar.
Igosa eliyintloko karhulumente laxelela uVukani! ukuba la makhulukhulu abasebenzi amkelekile eGibraltar. Lathi “anegalelo ekuphuculeni abantu baloo ngingqi.” Laphawula ukuba, “ngamaNgqina kaYehova awathumela abantu abaninzi kangako eGibraltar ukuza kwakha isakhiwo esinye—yonke loo nto beyenza ngokuzithandela.”
Amagunya alapho awuxhasa lo msebenzi ngokuthi ngobubele anike amaNgqina isiza esifanele indawo yonqulo. Yintoni eyavula iintliziyo zala magunya?
Eli gosa lathi: “Ndicinga ukuba enoba ungaya phi na, ukuthand’ uThixo kuyeyona nto yakha abantu. Zonke iinkonzo zaseGibraltar zinelungelo elikumgaqo siseko lenkululeko yonqulo, ngenxa yoko kunyanzelekile ukuba urhulumente angacaluli mntu xa kufikwa kwimiba yonqulo. Ukongezelela, ukunika amaNgqina isiza esifanelekileyo sokwakha indawo aza kunqulela kuyo kuza kunceda abantu bale ndawo.
Laleka ngelithi: “Kufuneka siyiyeke le nto yokuthanda ukucinga ngeziqu zethu kuphela. Yaye la matsha-ntliziyo enu akhutheleyo aye asibonisa ukuba singayenza loo nto.”
Nakuba isaqhwithi sakha sakulibazisa ukuqalisa kwalo msebenzi, iHolo yoBukumkani yagqitywa ngoMvulo, kusuku lwesithathu iqaliwe. USecundino Nogal owayeliliso kulo msebenzi wathi: “Uninzi lwala matsha-ntliziyo lwahlala usuku olungakumbi ukuze ugqitywe lo msebenzi. Siyiqhelile into yokuhlangabezana neengxaki. Indlela esakha ngayo ifuna ukuba sibe bhetyebhetye. Kodwa ngaphezu kwayo yonke eny’ into, ayifuni sicinge ngeziqu zethu kuphela ibe yiloo nto esenza saneliseke kangaka.”a
[Umbhalo osemazantsi]
a IGibraltar Chronicle, iphephandaba lalapho lathi: “Ngempelaveki izaqhwithi ezazixakeke ngayo zidiliza, amaNgqina kaYehova aseGibraltar . . . agqiba ukwakha itempile [iHolo yoBukumkani] yawo ngeentsuku nje ezintathu, esebenzisa inkungu nelanga yamatsha-ntliziyo.”