“Yomelele NjengeLiwa LaseGibraltar”
Ngokuqinisekileyo iLiwa laseGibraltar lomelele ngoxa lingumwewe ophakame kangangeemitha ezingama-426 kumanzi afudumeleyo, naluhlaza eMeditera. Kwimini ezolileyo, ukususela kwiikhilomitha eziliqela kumzantsi waseSpeyin naseMorocco, ngaphesheya kweMeditera, ngokulula ubani unokuyibona inkcochoyi etsolo yaseGibraltar.
Imbali engeGibraltar isusela emva kuloo maxesha obumnyama xa oomatiloshe bamandulo, ababekholelwa ukuba umhlaba usicaba, bacinga ukuba ukunqumla iNyoba yaseGibraltar kuya kubakhokelela kwincam yehlabathi nakwisihogo sentshabalalo. Kwakhona kwakucingwa ukuba ngaphaya kwale Nyoba kwakukho enye yeeNtsika zikaHercules, enye iseJebel Musa eCeuta, kunxweme lwaseAfrika. Entsomini kuthiwa iqhawe lomGrike elalinguHercules lazicanda iintaba.
Isixeko saseGibraltar sakhiwa ngama-Arabhu awayesuka kumNtla Afrika kwinkulungwane yesibhozo yeXesha lethu Eliqhelekileyo saza kamva sasekwa ngowama-1160. Igama elithi Gibraltar lisuka kwigama lesiArabhu elithi Djabal-Tarik, okanye iNtaba kaTarik. UṬāriq ibn Ziyād wayeyinkokeli yama-Arabhu eyoyisa ukumkani wokugqibela wesizwe sakudala samaJamani ngowama-711 C.E.
Ngowe-1462 abemi baseSpeyin bayithimba iGibraltar, yaza kamva yahluthwa kubo yiBritani ngowe-1704. Kude kube namhla, isaqhubeka ilelinye lamagxamesi okugqibela oBukhosi bamaNgesi bamandulo. Kodwa iLiwa laseGibraltar liqhubeka lingumfuziselo wento eyomeleleyo nehlala ihleli.
Amabandla amabini ekuthethwa kuwo (isiNgesi neSpanish) amaNgqina kaYehova amalunga ne-120 eGibraltar avakalisa ithemba lolawulo loBukumkani bukaThixo kubemi baseGibraltar, ithemba elomelele ngakumbi kunelo Liwa!—Tito 1:1, 2; Hebhere 6:17-19.