Abantu Abaselula Bayabuza
Kutheni Ndingaveli Nje Ndizibulale?
Nyaka ngamnye ulutsha oluninzi luzama ukuzibulala. Amawaka alo aye azicim’ igama. Ngenxa yokuba ulutsha oluninzi olukwishumi elivisayo luzibulala, abapapashi “bakaVukani!” bavakalelwa ukuba kubalulekile ukuba bakhe bawuhl’ amahlongwane lo mba.
“BUTHABATHE ubomi kum. Kum ukufa kungcono kunokudla ubomi.” Ngubani lo wayethetha loo mazwi? Ngaba ngumntu owayengakholelwa kuThixo? Ngaba ngumntu owayeshiye uThixo? Ngaba ngumntu owayeshiywe nguThixo? Akunjalo. Lo mntu wayethetha la mazwi yindoda eyayizinikele uYona kodwa eyayinentliziyo elihlwili.a (Yona 4:3) IBhayibhile ayithi uYona wayeza kuzibulala. Kunoko, isicelo sakhe sibonisa ukuba maxa wambi kwanomkhonzi kaThixo usenokonganyelwa ziingxaki.—INdumiso 34:19.
Xa lusonganyelwa ziingxaki olunye ulutsha luye lungazi ukuba lusaphilela ntoni. Lusenokuvakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo uLaurab oneminyaka eli-16 ubudala, owathi: “Kangangeminyaka, kangangezihlandlo ezahlukeneyo ndikhe ndadandatheka. Ndandisoloko ndicinga ngokuzibulala.” Ukuba kukho umntu omaziyo owakhe wathi kuwe ufuna ukuzibulala—okanye nawe unengxaki efanayo—yintoni onokuyenza? Makhe siqale sihl’ amahlongwane ngonobangela wokucinga ngaloo ndlela.
Unobangela Wokuphelelwa Lithemba
Yintoni enokwenza ukuba umntu acinge ngokuzibulala? Zininzi izinto ezibandakanyekileyo. Enye yazo kukuba, siphila ‘kwixesha lamanqam ekunzima ukujamelana nalo’ yaye ulutsha oluninzi olukwishumi elivisayo luxinezelekile. (2 Timoti 3:1) Kwakhona, ukungafezeki kwabantu kusenokubabangela ukuba bahlale becinga ngezinto ezibuhlungu ezibehlelayo nezenzeka ehlabathini. (Roma 7:22-24) Maxa wambi oku kubangelwa kukuphathwa kakubi. Kwezinye iimeko oku kungenxa yempilo. Kwelinye ilizwe kuqikelelwa ukuba abantu abangaphezu kwama-90 ekhulwini bazibulala ngenxa yokuba begula ngengqondo.c
Kakade ke, sonke sinazo iingxaki. IBhayibhile ithi: “Yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini.” (Roma 8:22) Lo ndalo iquka nolutsha. Ulutsha lusenokuxinezeleka ngenxa yezi zinto zilandelayo:
◼ Ukufa kwesalamane okanye umhlobo
◼ Iingxwabangxwaba zentsapho
◼ Ukungaphumeleli esikolweni
◼ Ukwaliwa
◼ Ukuphathwa kakubi (njengokubethwa okanye ukuxhatshazwa ngokwesini
Yinyaniso into yokuba nokuba sekutheni ulutsha lonke lukhe lujamelane nenye yezi meko zidweliswe ngasentla. Kutheni abanye bekwazi ukumelana nezi ngxaki? Iingcali zithi ulutsha oluxhom’ izandla luvakalelwa kukuba alunakuze luncedakale yaye luphelelwe lithemba. Ngamanye amazwi, lucinga ukuba akukho nto lungayenza ukuphucula imeko yaye akukho nto iza kutshintsha. UGqr. Kathleen McCoy wathi kuVukani!: “Amaxesha amaninzi olu lutsha asikuko nokuba lufuna ukufa. Lufuna nje ukudambis’ intlungu.”
Ngaba Ayikho Enye Indlela Yokucombulula Le Ngxaki?
Kusenokwenzeka ukuba kukho othile omaziyo ‘ofuna ukudambisa intlungu’ kangangokuba ude walitsolisa elokuba ufuna ukuzibulala. Ukuba kunjalo, yintoni onokuyenza?
Ukuba umhlobo wakho uxinezeleke ukusa kwinqanaba lokuba afune ukuzibulala mkhuthaze ukuba afune uncedo. Emva koko kungakhathaliseki ukuba yena uvakalelwa njani, thetha nomntu oqolileyo. Ungakhathazeki ngokuba oko kusenokuchaphazela ubuhlobo benu. Ngokuchazela abantu abanokumnceda ubonisa ukuba ‘uliqabane lokwenyaniso elizalelwe ixesha lokubandezeleka.’ (IMizekeliso 17:17) Usenokusindisa nobomi balo mntu.
Kodwa kuthekani ukuba nguwe ocinga ngokuzibulala? UGqr. McCoy ubongoza esithi: “Cel’ uncedo. Chazela omnye umntu ngendlela ovakalelwa ngayo—umzali, isalamane, umhlobo, utitshala, umntu okhonza naye—umntu okhathalayo, ongazokukubetha ngoyaba oko umxelela kona, oza kukuphulaphula noza kunceda abanye abantu ababalulekileyo kuwe ukuba bakuphulaphule xa uthetha.”
Akukho nto uza kuphulukana nayo kodwa kuza kuncedakala kwawena ukuba uyathetha ngeengxaki zakho. Makhe siqwalasele lo mzekelo weBhayibhile. Ngesinye isihlandlo ebomini bayo, indoda elilungisa uYobhi yathi: “Umphefumlo wam uziva uzothekile bubomi bam.” Wolek’ umsundulu wathi: “Ndiza kuthetha ngobukrakra bomphefumlo wam!” (Yobhi 10:1) UYobhi wayephelelwe lithemba yaye wayefuna ukuthetha ngentlungu yakhe. Unokufumana isiqabu ukuba uzityand’ igila kumhlobo oqolileyo.
AmaKristu adandathekileyo anokuncedwa nangabadala bebandla. (Yakobi 5:14, 15) Kakade ke, xa uthetha ngeengxaki zakho lo nto ayizukuzenza zisuke zithi shwaka. Kodwa kusenokukunceda uzijonge ngendlela elungeleleneyo yaye xa uxhaswa ngumntu omthembileyo usenokufumana isicombululo.
Iimeko Ziyatshintsha
Xa uxinezelekile khumbula oku: Nakuba kusenokubonakala kungekho themba ekuhambeni kwexesha izinto ziza kutshintsha. Umdumisi uDavide ongumakad’ enetha weengxaki, ethandaza wathi: “Ndityhafile kukuncwina kwam; ubusuku bonke ndiyasidadisa isingqengqelo sam; umandlalo wam ndiwenza uphuphume iinyembezi zam.” (INdumiso 6:6) Kwenye indumiso wabhala wathi: “Ukuzila kwam ukutshintshe kwaba kukungqungqa.”—INdumiso 30:11.
UDavide wazi ngokusuka kuye ukuba iingxaki zifika zidlule. Kuyavunywa ukuba, ezinye iingxaki zisenokubonakala zikongamela okwangoku. Kodwa yiba nomonde. Izinto ziyatshintsha, amaxesha amaninzi zibe bhetele kunokuba bekunjalo. Kwezinye iimeko, iingxaki ziba bhetele ngendlela ongakhange uyicinge. Kwezinye, usenokufumana indlela yokumelana nengxaki engakhange ithi qatha kwaukuthi qatha engqondweni. Ingongoma isekubeni, iingxaki ezixinezelayo azizokuhlala zikho ngonaphakade.—2 Korinte 4:17.
Ukubaluleka Komthandazo
Eyona ndlela ibalulekileyo yokuphalaza imbilini yakho kukuthandaza. Unokuthandaza ngendlela uDavide awathandaza ngayo: “Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum, undikhokelele endleleni yexesha elingenammiselo.”—INdumiso 139:23, 24.
Ukuthandaza asiyonto nje yokucombulula iingxaki. Kukuthetha noBawo wethu osemazulwini ofuna ukuba ‘uphalaze intliziyo yakho’ kuye. (INdumiso 62:8) Hlolisisa ezi nyaniso zisisiseko ngoThixo:
◼ Uyazazi izinto ezingunobangela wokuba uxinezeleke.—INdumiso 103:14.
◼ Ukwazi ngaphezu kokuba uzazi.—1 Yohane 3:20.
◼ “Ukukhathalele.”—1 Petros 5:7.
◼ Kwihlabathi lakhe elitsha, uThixo uya “kuzisula zonke iinyembezi” emehlweni enu.—ISityhilelo 21:4.
Ukuba Unengxaki Yokugula
Njengokuba besisele sikhankanyile ngaphambilana amaxesha amaninzi xa umntu efuna ukuzibulala oko kubangelwa luhlobo oluthile lokugula. Ukuba kunjalo nakuwe, musa ukuba neentloni, cela uncedo. UYesu wavuma ukuba abantu abagulayo kufuneka baye kwagqirha. (Mateyu 9:12) Iindaba ezimnandi zezokuba izigulo ezininzi zinokunyangwa. Unyango lusenokukunceda uzive ubhetele!
IBhayibhile ithembisa ukuba kwihlabathi elitsha likaThixo, “akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) Okwangoku, yenza konke okusemandleni akho ukuze umelane neengxaki zobomi. UHeidi waseJamani wenza kanye lo nto. Uthi: “Maxa wambi ukudandatheka bekundongamela kangangokuba ndandiye ndifune ukufa kodwa ngoku ndiphila ubomi obuqhelekileyo, ndiyabulela ngokuzingisa emthandazweni nasekufumaneni unyango.” Kusenokwenzeka okufanayo nakuwe!d
Inqaku elilandelayo elithi “Abantu Abaselula Bayabuza” liza kuthetha ngendlela yokuhlangabezana nokuzibulala komntwana wakowenu
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” anokufunyanwa kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Imibhalo esemazantsi]
a NguRebheka, uMoses, uEliya noYobhi nabo bakhe bathetha ngale ndlela.—Genesis 25:22; 27:46; Numeri 11:15; 1 Kumkani 19:4; Yobhi 3:21; 14:13.
b Amagama akweli nqaku atshintshiwe.
c Noko ke, kubalulekile ukuphawula ukuba ulutsha oluninzi olugula ngengqondo aluzibulali.
d Ukuze ufumane inkcazelo eyongezelelekileyo engokumelana neemvakalelo zoxinezeleko funda ungcelele lwamanqaku anomxholo othi “Ukunceda Umlisela Nomthinjana Oxinezelekileyo” kuVukani! kaSeptemba 8, 2001 nongcelele olunomxholo othi “Ukuqonda Ingxaki Yeemvakalelo” kuVukani! kaJanuwari 8, 2004.
OZA KUCINGA NGAKO
◼ Kudla ngokuthiwa ukuzibulala akuzicombululi iingxaki zakho; kunoko uzidlulisela komnye umntu. Kuyinyaniso kangakanani oko?
◼ Ungathetha nabani xa unomvandedwa?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 29]
UMYALEZO OYA KUBAZALI
Ukuzibulala yinto eqhelekileyo kwezinye iindawo emhlabeni. Ngokomzekelo, eUnited States ukuzibulala ngoyena nobangela wesithathu onkqenkqeza phambili wokufa kwabalishumi elivisayo abaphakathi kweminyaka eli-15 ukuya kwengama-25 ubudala yaye ebudeni bale minyaka ingamashumi amabini idluleyo, ukuzibulala kolutsha oluphakathi kweminyaka eli-10 ukuya kutsho kweli-14 ubudala kuye kwaphindaphindeka kabini. Olona lutsha lusesichengeni lokuzibulala lolugula ngengqondo, olunelungu okanye amalungu entsapho alo akha azibulala nolwalukhe lwazama ukuzibulala. Izinto ezisenokubonisa ukuba othile oselula ucinga ngokuzibulala ziquka ezi zilandelayo:
◼ Ukunganxibelelani nabantu bakowenu kuquka nabahlobo
◼ Ukutshintsha indlela otya ngayo nokuphuthelwa
◼ Ukuphelelwa ngumdla kwizinto ubukade ukuvuyela ukuzenza
◼ Utshintsho oluphawulekayo kobuntu
◼ Ukusebenzisa kakubi iziyobisi okanye ukuzintyintya ngotywala
◼ Ukuphisa ngezinto zexabiso
◼ Ukuthetha ngokufa
UGqr. Kathleen McCoy uthi kuVukani! eyona mpazamo inkulu enokwenziwa ngumzali kukuzibetha ngoyaba ezi zinto zingasentla. Uthi: “Abazali abacingi ukuba kusenokubakho undonakele emntwaneni wabo, ngenxa yoko abafuni ukuyikholelwa into yokuba umntwana unengxaki. Bazixelela ukuba ‘isenokuba yinto nje edlulayo.’ Kuyingozi ukucinga ngaloo ndlela. Azimele zithatyathwe lula izinto.”
Musa ukuba madolw’ anzima ukufun’ uncedo ukuba unyana okanye intombi yakho ixinezelekile okanye igula luhlobo oluthile lwesigulo sengqondo. Ukuba ukrokrela ukuba umntwana wakho okwishumi elivisayo ucinga ngokuzibulala, mbuze. Inkolelo yokuba xa uthetha ngokuzibulala uyakukhuthaza lulwimi etywaleni. Ulutsha oluninzi luyakhululeka xa ingabazali abaqala bathethe ngalo mba. Ngoko ke, ukuba umntwana wakho okwishumi elivisayo uyavuma ukuba ukhe acinge ngokuzibulala, mbuze ukuba uceba ukukwenza njani oku. Xa uyazi oko kuya kukunceda ubone indlela ekungxamiseke ngayo ukuba umncede.e
Musa ukucinga ukuba ukuxinezeleka kuza kuvele nje kuthi shwaka. Ukuba kubonakala kuthe cwaka musa ukucinga ukuba ingxaki ilungile. Ezinye iingcali zithi elo iba lelona xesha linzima. Kutheni kunjalo nje? UGqr. McCoy uthi: “Okwishumi elivisayo oxinezeleke kakhulu usenokungabi nawo amandla okuzibulala. Xa uxinezeleko lubonakala ludambile iba lelona xesha aba namandla okuzibulala.”
Ulutsha oluninzi ngenxa yokuphelelwa lithemba luye lucinge ngokuzibulala. Abazali nabanye abantu abadala abakhathalayo ‘banokuyithuthuzela imiphefumlo edandathekileyo’ baze babe yindawo yokuzimela yolutsha ukuba bayaziqaphela izinto ezibonisa ukuba umntwana ufuna ukuzibulala baze bafune uncedo.—1 Tesalonika 5:14.
[Umbhalo osemazantsi]
e Kwakhona iingcali zilumkisa ngelithi asengozini kakhulu amakhaya anamayeza ayingozi okanye anemipu eneembumbulu. Ngokuphathelele oku, iAmerican Foundation for Suicide Prevention ithi: “Nangona abantu abaninzi abanemipu begcina imipu yabo emakhayeni abo ukuze ‘bazikhusele,’ ama-83 ekhulwini kula makhaya azibulala ngompu yaye amaxesha amaninzi idla ngokungabi ngumntu wompu.”
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Eyona ndlela ibalulekileyo yokuphalaza imbilini yakho kukuthandaza