Imbono YeBhayibhile
Kunini Apho Kunokuthiwa Ukuzikhusela Kuvumelekile?
EZINZULWINI zobusuku wothuswa yingxolo, uze usajonge leyo uve izingqi. Ukho lo mntu uqhekezileyo wangena emzini wakho. Uvalo lungongoza ngathi luza kuphuma ngomlomo, yaye awazi nokuba mawuqale uthini.
Leyo yingxaki anokuzibona sel’ ekuyo nabani na. Ulwaphulo-mthetho, nditsho nolo luty’ esikhumbeni, alusakhethanga lizwe litheni okanye sixeko sithile. Ngenxa yoloyiko, abantu abaninzi bazama ukuzikhusela ngokuthenga izixhobo okanye ukufunda ukulwa. Abanye oorhulumente baye baphumeza imithetho enika abantu kumazwe abo ilungelo lokubulala abo babahlaselayo. Kodwa ithini yona iBhayibhile? Ngaba ukho umntu onelungelo lokubulala kuba ekhusela yena okanye intsapho yakhe?
UThixo Uluthiyile Ugonyamelo
IBhayibhile iyalugweba ugonyamelo lwangabom nabantu ababhenela kulo. Umdumisi uDavide wathi xa ethetha ngoYehova uThixo: “Umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” (INdumiso 11:5) UThixo wagweba iintlanga eziliqela zamandulo, kuquka abantu bakhe, ngenxa yogonyamelo nokuphalaz’ igazi. (Yoweli 3:19; Mika 6:12; Nahum 3:1) Kwanokubulala umntu ngengozi kwakululwaphulo-mthetho phantsi koMthetho owanikwa uSirayeli.—Duteronomi 22:8.
IBhayibhile ibongoza abantu ukuba baphephe izinto ezinokubenza balwe ngokusukela uxolo suku ngalunye. Imilo enogonyamelo idla ngokuqala ngokugrwangxulana. IBhayibhile ithi: “Apho kungekho nkuni uyacima umlilo, nalapho kungekho mnyelisi usukuzwano luyadamba.” (IMizekeliso 26:20) Ukuzola kudla ngokuwudambisa umsindo kuze kuthintele iingxwabangxwaba. Umpostile uPawulos wathi: “Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:18.
Xa Usengozini
Ukusukela uxolo akuthethi kuthi akusayi kuze uhlaselwe ngogonyamelo. Kuyo yonke imbali abanquli bakaThixo baye bangamaxhoba okuhlaselwa ngogonyamelo. (Genesis 4:8; Yobhi 1:14, 15, 17) Ukuba umntu ugagana nomntu ophanga exhobile, ufanele enze ntoni? UYesu wathi: “Musani ukumchasa lowo ungendawo.” (Mateyu 5:39) Waphinda wathi: “Lowo uthabatha isambatho sakho sangaphezulu, musa ukwala kwanesambatho sangaphantsi.” (Luka 6:29) UYesu akazange akhuthaze ukusetyenziswa kwezixhobo ukuze umntu akhusele izinto eziphathekayo. Xa egagana nomphangi oxhobileyo, umntu olumkileyo akasayi kuxhathisa nezinto zakhe eziphathekayo. Ngokuqinisekileyo ubomi bubaluleke ngaphezu kwezinto eziphathekayo!
Kwelinye icala, kuthekani ukuba ubomi bomntu busengozini yomntu ohlaselayo? Umthetho kaThixo awawunika uSirayeli wamandulo uyasikhanyisela kule nkalo. Kwakusithi kwakubhaqwa isela emini lize libulawe, lowo ulibuleleyo abekwe ityala lokubulala. Ngokucacileyo oku kwakubangelwa kukuba ubusela babungelotyala lifanelwe sisigwebo sokufa yaye isela lalinokubonwa lize lohlwaywe ngokuvisisana nomthetho. Noko ke, ukuba umntu obeqhekeza ebusuku ubulewe, umninimzi wayengabekwa tyala lokubulala ngenxa yokuba kwakungenakuba lula ukubona oko kwenziwa nguloo mqhekezi yaye wayengenakuqiniseka ngeenjongo zalo mqhekezi. Kusenokwenzeka ukuba umninimzi uye wabona ukuba intsapho yakhe isengozini waza wazikhusela.—Eksodus 22:2, 3.
Ngaloo ndlela, iBhayibhile ibonisa ukuba umntu angazikhusela okanye akhusele intsapho yakhe xa ihlaselwa. Unokuhlanganisa xa ebethwa, abambe lowo uhlaselayo okanye ambethele ukuba angakwazi ukulwa. Kuloo meko, ukuba lo mhlaseli wenzakele kakubi okanye wafa, ukufa kwakhe kuya kugqalwa njengengozi kungekhona okwangabom.
Eyona Ndlela Yokuzikhusela
Lizicacele elokuba zikho iimeko onokuzikhusela kuzo ngendlela esengqiqweni. Abantu banelungelo lokukhusela bona nabathandekayo babo kugonyamelo nasekubulaweni. Xa ungenakukwazi ukubaleka, awukho umyalelo weBhayibhile okwalelayo ukuzikhusela. Sekunjalo, bekuya kuba bubulumko ukwenza konke esinokukwenza ukuze siphephe nayiphi na imeko enokubangela ugonyamelo.—IMizekeliso 16:32.
IBhayibhile ikhuthaza ukuba ‘sifune uxolo siluphuthume,’ kubo bonke ubomi bethu. (1 Petros 3:11) Yeyona ndlela isebenzayo ke le ukuba sifuna ukuba seluxolweni.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Kutheni kufuneka siluphephe ugonyamelo?—INdumiso 11:5.
◼ Sisiphi isenzo sobulumko onokusenza xa ukhusela izinto zakho eziphathekayo?—IMizekeliso 16:32; Luka 12:15.
◼ Sisiphi isimo sengqondo esinokuthintela ingozi ofanele ube naso xa kuvela ingxwabangxwaba?—Roma 12:18.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
IBhayibhile ibonisa ukuba umntu angazikhusela okanye akhusele intsapho yakhe xa ihlaselwa