Idyslexia Ayikhange Ibe Ngumqobo
Kubalisa uMichael Henborg
Ndinengxaki yokufunda—i-“dyslexia.” Le meko, yachaphazela notata, umama, kunye nabantakwethu abancinane abathathu, kuye kwaba nzima kum nokufunda nolwimi lwam lwesiDatshi yaye esikolweni benditsala nzima. Sekunjalo, ndiye ndafumana uncedo nokhuthazo, ngokukhethekileyo kwintsapho yakowethu.
INTSAPHO YAKOWETHU ibingamaNgqina kaYehova ukususela kwizizukulwana ezine, yaye bekusoloko kubalulekile ukuba sifunde iBhayibhile noncwadi olusekelwe eBhayibhileni. Kwakhona, mna nomninawa, uFlemming sasipheleka utata rhoqo kubulungiseleli bamaKristu, nto leyo eye yasinceda sabona ukubaluleka kokufunda nokubhala.
Njengomntwana, ndandifunda inkupho yeMboniselo kunye noVukani! yaye ndandithabatha iiyure ezili-15 ukuze ndifunde iphephancwadi ngalinye! Ukongezelela, ndaqalisa nokufunda iBhayibhile yonke. Ndangenelela neSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, esikumabandla amaNgqina kaYehova emhlabeni wonke. Esi sikolo siqeqesha abafundi abatsha ukufunda nokuthetha kakuhle nokunikela neentetho phambi kwabaphulaphuli. Onke la malungiselelo aye andinceda nangakumbi kwingxaki yam yedyslexia. Kodwa ke, ndandingazi ukuba ndiza kuphinda ndibe nengxaki xa kufuneka ndifunde ezinye iilwimi. Mandinichazele.
Ukufunda IsiNgesi
Ngowe-1988, xa ndandineminyaka engama-24 ubudala, ndaqalisa ukukhonza njengovulindlela, umlungiseleli wexesha elizeleyo weendaba ezilungileyo. Ekubeni kukho iimbacu ezininzi eDenmark, ndandifuna ukwabelana nazo ngenyaniso yeBhayibhile. Ngoko ke, ukuze ndikwazi ukwenjenjalo, kwafuneka ndifunde isiNgesi—yaye ndakufumanisa kunzima kakhulu. Sekunjalo, ngonyamezelo nezifundo ezisecaleni, ngokuthe ngcembe ndaphucula, yaye ukuhambeni kwexesha ndakwazi ukwabelana ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo nabantu abathetha isiNgesi ababesuka kwamanye amazwe ababe kwidolophu yakowethu eCopenhagen. Enyanisweni, ndenza iimpazamo ezininzi, kodwa andizange ndikuvumele oko kundiyekise.
Ulwazana lwesiNgesi lwandenza ndakhonza njengetsha-ntliziyo kumsebenzi wokwakha wamaNgqina kaYehova kumazwe ahlukahlukeneyo. Okokuqala ndathunyelwa eGrisi, yaye kamva ndancedisa kumsebenzi wokwakha kwisebe laseMadrid, eSpeyin.
Ekubeni ndandifuna ukuzibhokoxa ngakumbi kumsebenzi wokushumayela, ndafaka isicelo sokuya kwisiKolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, esilungiselelwe ngamaNgqina kaYehova. Esi sikolo sithabatha malunga neeveki ezisibhozo zoqeqesho ngokukhethekileyo kumadoda angamaKristu angatshatanga akulungeleyo ukuthabatha naziphi na izabelo kwiindawo ekufuneka abalungiseleli beendaba ezilungileyo. (Marko 13:10) Ndamenywa ukuba ndiyokufunda ulwimi lwesiNgesi kwiklasi eyayibanjelwe eSweden.
Le klasi yaqalisa ngoSeptemba 1, 1994. Ndazilungiselela, ngokufunda isiNgesi kangangeyure ezine ngosuku kangangenyanga, yaye ndakuvuyela ukuba kwibandla lesiNgesi. Xa saqalisayo isikolo, andizange ndivumele ingxaki yokungakwazi ukufunda indiyekise ukwenza inkqubela. Ngokomzekelo, xa umhloli wayebuza umbuzo, ndandisiphakamisa isandla ukuze ndiphendule, nangona ndandingaqinisekanga ngamazwi achanileyo endandinokuwasebenzisa. Emva kokugqiba esikolweni, ndabelwa ukuba ndikhonze njengovulindlela eCopenhagen. Kwakunzima ukufunda isiNgesi, kodwa kwakuseza nezinye iingxaki.
Ukufunda IsiTamil
NgoDisemba 1995, ndathunyelwa kwibandla elalithetha ulwimi lwesiTamil, kwidolophu yamaDatshi eHerning. Ndandicinga ukuba isiTamil lolona lwimi lunzima kwezikhoyo emhlabeni. Sinoonobumba abangama-31, nezivumelanisi okanye amaqabane nezikhamiso ukwakha oonobumba, okwakusenza ukuba ibe namagama angama-250!
Ekuqaleni, iintetho ndandizinikela ngesiDatshi zize ziguqulelwe kwisiTamil. Xa ndaqalisa ukunikela iintetho ngesiTamil, ndandizibuza enoba bayandiva kusini na abantu. Sekunjalo, abantu babephulaphula ngenyameko, nangona abanye babehleka. Ukuze ndifunde ngokukhawuleza, ndaya kwilizwe apho isiTamil sasithethwa khona zizigidi—eSri Lanka.
Xa ndafika eSri Lanka ngo-Oktobha 1996, elo lizwe lalintyumpantyumpeka emfazweni. Kangangexesha, ndahlala kwidolophu yaseVavuniya, kwimida yala maqela awayesilwa. AmaNgqina asekuhlaleni, nangona eyengenazinto, ayenothando nomoya wokubuka iindwendwe, yaye azama ngamandla ukundifundisa isiTamil. Ababengengawo amaNgqina babemangalisiwe kukufunda kwam ulwimi lwabo kuloo ngingqi, ekubeni ndandivela eNtshona. Uxabiso, nokuthobeka kwabo, kwenza kwaba lula ngam ukuthetha nabo ngeBhayibhile.
NgoJanuwari 1997, ndabuyela eDenmark, yaye kunyaka olandelayo, ndatshata noCamilla, owayenguvulindlela. Ndandifuna ukubuyela eSri Lanka, ngoko ngoDisemba 1999, ndabuyela, ngoku ndinomfazi. Kungekudala, sasiqhuba izifundo zeBhayibhile neentsapho nabantu abaninzi, yaye sasihamba namaNgqina asekuhlaleni ukuya kwizifundo zawo. Sasizinikele ngokupheleleyo kubulungiseleli nasekufundeni olu lwimi.
NgoMatshi 2000, sabuyela eDenmark. Kwakunzima ukwahlukana namaNgqina angoowethu kunye nezifundo zethu zeBhayibhile kuba sasibathanda ngokwenene. Kodwa sasisenomsebenzi omkhulu, owawuquka ukufunda olunye ulwimi.
Emva Kokufunda IsiTamil Safunda IsiLatvia
NgoMeyi 2002, xa sasineminyaka emine sitshatile, mna noCamilla, safumana isimemo sokukhonza njengabavangeli basemazweni eLatvia, ilizwe laseYurophu elingasempuma yeDenmark. UCamilla wafunda isiLatvia ngokukhawuleza yaye wayekwazi ukusithetha emva nje kweeveki ezintandathu! Kodwa kwakusenzima kwelam icala. Unanamhla ndisaziva ndingekenzi nto kuyaphi, nangona ndiye ndafumana uncedo. Sekunjalo, ndizimisele ukulufunda olu lwimi.a
UCamilla uyaqhubeka endixhasa, kwaye sobabini sisayinandipha inkonzo yethu yokuba ngabavangeli. Eneneni, siye safunda iBhayibhile nabantu abayixabisayo. Xa ndiwalibala amagama okanye ndisebenzisa igrama engeyiyo, amaNgqina asekuhlaleni nezifundo zeBhayibhile ngomonde bazama ukuqonda oko ndikuthethayo baze bandincede. Oku kundenza ndizithembe xa ndikumsebenzi wokushumayela naxa ndinikela iintetho kwiintlanganiso zamaKristu.
Kutheni ndifunda ezinye iilwimi nangona kunzima? Kungenxa yothando—kungekhona uthando ngeelwimi kodwa ngabantu. Kulilungelo elikhulu ukunceda abantu ukuze bamazi uThixo wenyaniso, uYehova, baze basondele kuye. Njengoba nabanye abavangeli basemazweni baye babona ngokuphindaphindiweyo, lo msebenzi wenziwa ngokucokisekileyo ingakumbi xa ubani ethetha nabanye ngolwimi lwabo abalincanc’ ebeleni.
Kangangeminyaka, mna nomfazi wam siye sakwazi ukunceda abantu abaninzi bafumana ulwazi oluchanileyo ngenyaniso eseBhayibhileni. Sekunjalo, asinako ukuzizukisa. Kunoko, sibulela uYehova ngenxa yemiphumo emihle esiye sayibona. Ngapha koko, siyatyala, sinkcenkceshele imbewu yenyaniso yeBhayibhile; kodwa nguThixo okhulisayo.—1 Korinte 3:6.
Iingenelo Endizifumanayo Noxa Ndinengxaki Yokufunda
Nangona idyslexia iyingxaki endinayo, sekunjalo ibe yingenelo. Njani? Xa ndinikela iintetho ebandleni, andisoloko ndibetheleleka kulwandlalo, ngoko ndiyakwazi ukubajonga abaphulaphuli xa ndithethayo. Kwakhona, ndisebenzisa kakhulu imizekeliso, ekhumbuleka lula. Ngalo ndlela, ukusa kwinqanaba elithile, imeko yam iye yandinceda ekubeni ndikwazi ukuphucula indlela endifundisa ngayo.
Umpostile ongumKristu uPawulos wabhala: “UThixo wanyula izinto ezibuthathaka zehlabathi, ukuze azihlazise izinto ezomeleleyo.” (1 Korinte 1:27) Isiphene sam siye sandenza ‘ndabuthathaka’ ngandlel’ ithile. Sekunjalo, mna nabanye abaninzi siye safunda ukuba uYehova unako ukusinceda kubuthathaka bethu. Kufuneka sizibekele usukelo, sibe nolindelo olufanelekileyo, sithandazele umoya oyingcwele kaThixo size senze zonke izinto esifuna ukuziphumeza.
[Umbhalo osemazantsi]
a Emva kokukhonza iminyaka emithandathu eLatvia, kutshanje abakwaHenborg baye bathunyelwa eGhana.
[Ibhokisi ekwiphepha 22]
YINTONI IDYSLEXIA?
Yintoni idyslexia? Igama elithi “dyslexia” livela kwigama lesiGrike elithetha “ukuba nengxaki yokuthetha.” Umntu onedyslexia uhlala nayo, yaye uba nengxaki ngeelwimi, kwaye kuba nzima gqitha ukufunda. Abantu abanedyslexia baba nengxaki yokwahlula oonobumba nezandi. Kodwa ke, abantu ababi neempawu ezifanayo.
Yintoni ebangela idyslexia? Unobangela wayo awukaziwa, nangona imfuza inegalelo ngandlel ithile. Ngoxa uphengululo lubonisa ukuba ingqondo ayikhuli ize isebenze ngendlela eqhelekileyo, oku akuthethi ukuba umntu onedyslexia akakho krelekrele okanye uyonqena ukufunda. Enyanisweni, abantu abanale ngxaki baba neziphiwo ezithile ezingafuni ubuchule obuthile beelwimi.
Inyangwa njani idyslexia? Kubalulekile ukuba ibonwe zisuka nje. Ukuze umntu afundiswe ulwimi, kusetyenziswa izivamvo ngokukhethekileyo esokuva, esokubona nesokubamba. Ukuze benze inkqubela, abafundi abaninzi kufuneka bancedwe ngokukhethekileyo bebodwa. Basenokufuna nokuthuthuzelwa ekubeni benengxaki yokufunda esikolweni. Xa befundiswa ngenkathalo nangenyameko, abafundi abanedyslexia banokukwazi ukufunda nokubhala kakuhle.b
[Umbhalo osemazantsi]
b Le nkcazelo ivela kwi-International Dyslexia Association. Kwakhona bona inqaku elithi: “Ukunceda Abantwana Abanengxaki Yokufunda,” kwinkupho yeli phephancwadi kaJanuwari 2009.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ndikunye nelinye iNgqina eSri Lanka
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ndikunye noCamilla eLatvia