Abafundi Abaxinezelekileyo
UJENNIFER oneminyaka eli-17 ubudala wayesoloko enkqenkqeza phambili esikolweni. Wayenenxaxheba nakwezinye izinto ezininzi ezenziwa esikolweni yaye wayethandwa kakhulu ngootitshala nangabacebisi bakhe. Kodwa kunyaka ongaphambi kokuba agqibe esikolweni, waqalisa ukuba nentloko enkqenkqethayo nokuthandwa sisicaphucaphu. Ngokutsho kwakhe, eyona nto yamgulisayo kukuchitha ixesha elide ezibhokoxa kumsebenzi wesikolo nokungalali ngokwaneleyo.
AsingoJennifer kuphela onale ngxaki. Baya besiba baninzi abafundi abaxinezelekileyo kangangokuba abanye bade babhenele koogqirha bengqondo. Ngenxa yoko, iqela lootitshala baseMerika lenze inkqubo yokuzama ukunciphisa oku kuxinezeleka kwabafundi. Le nkqubo ibizwa ngokuba yiChallenge Success.
Ukuba ungumfundi, mhlawumbi nawe unengxaki efana nale kaJennifer. Okanye ukuba ungumzali, usenokuba uyayibona ingxaki atyhubela kuyo unyana okanye intombi yakho ukuze aphumelele esikolweni. Ngaba ukho umthombo wokhokelo abanokubhenela kuwo abafundi kunye nabazali?