IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/09 iphe. 12-15
  • Ngubani Okuncedayo Xa Ufuna Uncedo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngubani Okuncedayo Xa Ufuna Uncedo?
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Igalelo Ekuhlaleni
  • Ukuqeqeshelwa Ukusindis’ Ubomi
  • Iingozi Neengxaki
  • Iziko Loncedo Olungxamisekileyo—ELondon
    Vukani!—2006
  • Iziqulatho
    Vukani!—2009
  • Iziko Lonyango Elihambayo
    Vukani!—2010
  • Izibhedlele—Xa Ungumguli
    Vukani!—1991
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 4/09 iphe. 12-15

Ngubani Okuncedayo Xa Ufuna Uncedo?

Ngokucofa nje iqhosha, izibane ezixela ingozi kwinqwelo yethu yezigulana ziqalisa ukudanyaza phakathi kweemoto nezakhiwo. Isandi esenziwa yile nqwelo yezigulana simisa izithuthi nabantu abasendleleni, size ngaloo ndlela sikwazi ukutyhubela phakathi kwezo moto ukuze sincede umntu ofuna uncedo.

BENDISOLOKO ndinikela uncedo lokuqala kangangeminyaka engaphezu kwama-20, kubantu abagulayo nabonzakeleyo.a Kusenokuthi gqi nayiphi na ingozi nanini na. Ndiye ndabona iingozi ezahlukahlukeneyo, ezinye ziqhelekile ukanti ezinye zixhomis’ amehlo, yaye abanye abantu siye sakwazi ukubanceda ukanti abanye baye behlelwe ziintlekele ezimanyumnyezi.

Igalelo Ekuhlaleni

Abanikeli boncedo lokuqala bangundoqo kwezonyango eKhanada. Unyango olunobuchule abalunikelayo ngaphambi kokuba umntu afike esibhedlele lunokubusindisa ubomi okanye lunokunceda umntu angenzakali okanye agule kakhulu.b

Kwindawo ezininzi abanikeli boncedo lokuqala bafumaneka imini nobusuku unyaka wonke. Basenokuqeshwa ngumasipala, lishishini elithile okanye isibhedlele. Abanye basebenza nesebe leenqwelo lezigulana okanye isebe lokucima umlilo.

La madoda namabhinqa aqeqeshwe kakuhle, asabela ngokukhawuleza emva kokuxelelwa ngomntu ofuna uncedo. Asenokubizwa nanini na. Makhe sibone indlela abaqeqeshwa ngayo abantu abanikela uncedo lokuqala.

Ukuqeqeshelwa Ukusindis’ Ubomi

Nangona uqeqesho lwezonyango lokuqala nendlela olubizwa ngayo lungafani kumaphondo aseKhanada, ludla ngokwahlulahlulwa lube ngamacandelo amane—abo banceda kwimeko yongxamiseko, abo banceda abangonzakalanga kakhulu, abo banceda abonzakele kakhulu, nabo banceda abonzakele ngokumanyumnyezi. Urhulumente nabezonyango bafuna umntu abe nesatifiketi ukuze akwazi ukunikela uncedo lokuqala.

Apha eKhanada, kuye kwafuneka ukuba ndihlale eklasini iiyure ezininzi, ndisebenze esibhedlele nakwinqwelo yezigulana. Siye safundiswa indlela yokuxilonga umntu, ukusebenzisa oomatshini beoksijini, ukuncedisa umntu ukuba akwazi ukuphefumla kwakhona (CPR [cardiopulmonary resuscitation]), nendlela yokubopha izigulana ngebhandeji, ukubopha amalungu omzimba aphukileyo nokukhusela umqolo ungophuki.

Siye sachitha neeyure ezingama-300 siqeqeshwa kumagumbi ongxamiseko, kumagumbi abagula kakhulu, nakumagumbi okubelekisa. Andisayi kuze ndisilibale isihlandlo sokuqala endabelekisa kuso—kwakungummangaliso ngokwenene oko! Esi siganeko nezinye zandinceda ndalulungela uqeqesho olwalandela olo, olwaluquka iiyure ezingaphezu kwama-300 kwinqwelo yezigulana, ndisalathiswa yaye ndincediswa ngabantu abanikela uncedo lokuqala ababini nabanamava. Emva kokuphumelela iimviwo, ndafumana isatifiketi njengomncedisi kwezongxamiseko, ngoku obizwa ngokuba ngumntu onikela uncedo lokuqala.

Kangangeminyaka emininzi ndiye ndasebenza kwindawo zasemaphandleni nasezidolophini. Ngokukhawuleza ndaqonda indlela obubaluleke ngayo ubuchule bokukwazi ukusindisa ubomi bomntu, xa kwangena umakhi owayeneentlungu esifubeni kwigumbi longxamiseko lasesibhedlele. Kamsinya nje esandul’ ukufika, intliziyo yakhe yayeka ukubetha. Ndandisebenza noogqirha nabongikazi ukuze simncede akwazi ukuphefumla nentliziyo yakhe ikwazi ukubetha kwakhona, saza samnika namayeza. Kwimizuzu nje embalwa, intliziyo yesi sigulana yaqalisa ukubetha saza sakwazi ukuziphefumlela. Emva koko sathunyelwa kwicandelo labagula kakhulu. Kusuku olulandelayo, ndathunyelwa kwelo candelo, yaye ugqirha owayelapho wandazisa kwindoda eyayihleli ebhedini ithetha nenkosikazi yayo. Ndandingayazi de yathi kum: “Usandikhumbula? Usindise ubomi bam izolo!” Ndachukumiseka ngokwenene.

Kwinxalenye yokugqibela yoqeqesho lwam kwakufuneka ndisebenze kunye nogqirha iiyure ezili-12 ukuze ndinyamekele isigulana esithile. Ekugqibeleni, ndaziphumelela iimviwo zam ndaza ndafumana isatifiketi sokuba ngumnikeli woncedo lokuqala ovunyiweyo.

Abantu abanikela uncedo lokuqala basebenza phantsi komalathisi wezonyango, odla ngokusebenza nekomiti yezonyango baze babhale phantsi iindlela abaceba ukuzisebenzisa kunyango. Abanikeli boncedo lokuqala basebenzisa ezi ndlela xa kukho imeko yongxamiseko, okanye bayalelwe liqela elithile loogqirha beqhagamshelana nabo ngothungelwano loonomathotholo okanye imfonomfono. Ngenxa yeso sizathu, kuye kwathiwa abanikeli boncedo lokuqala bamela amehlo, iindlebe, nezandla zoogqirha. Unyango olunikelwa ekhaya, kwizakhiwo zikawonke-wonke, okanye kwindawo ekwenzeke kuyo ingozi lusenokuquka ukusebenzisa umatshini weoksijini, ukunika loo mntu amayeza, ukwenza intliziyo ikwazi ukubetha kwakhona, ukufakela imibhobho nokwenza utyando.—Funda ibhokisi ethi “Oko Kufunekayo Ukuze Unikele Uncedo Lokuqala,” ekwiphepha 15.

Iingozi Neengxaki

Suku ngalunye umntu onikela uncedo lokuqala ujamelana neengozi kwakunye neengxaki. Umsebenzi wenziwa kuzo zonke iintlobo zemozulu, ngamanye amaxesha, phantsi kweemeko nakwiindawo eziyingozi. Nokuya kwindawo ekufuneka uncedo kuyo kusenokuba yingozi.

Abanikeli boncedo lokuqala basengozini yokuchanabeka kwigazi, nolwelo lomzimba, nezifo ezosulelayo. Ukuze sizikhusele, sinxiba iiglove, izigqubuthelo, iindondo okanye izigqubuthelo zobuso, nezambatho ezikhethekileyo xa kuyimfuneko.

Ukunyamekela izigulana kubandakanya ukuqhubana namalungu eentsapho zazo, abahlobo bazo, kunye nabantu abangabaziyo, abasenokwenza nantoni na ngenxa yendlela abavakalelwa ngayo ngeloo xesha. Kuyinto ebuhlungu gqitha xa umyeni nonkosikazi abachithe iminyaka bekunye besahlulwa kukufa. Akulula ukuchazela umntu ukuba iqabane lakhe lifile. Ngesinye isihlandlo kwafuneka ndixelele elinye ibhinqa ukuba umyeni walo ufile. Landibetha ngenqindi laza laphuma libaleka endlwini laya esitratweni laza lakhala kakhulu. Ndakwazi ukulifumana, lajika, landibamba, landanga, laza laqalisa ukulila ngokungathuthuzelekiyo egxalabeni lam.

Ukuqhubana nabantu abakhathazeke kakhulu okanye abasele utywala neziyobisi kufuna ube novelwano, inyameko nemfesane. Akunakuyazi into enokwenziwa ngumntu onjalo. Kulo msebenzi, ndiye ndalunywa, ndatshicelwa, ndahlaselwa zizigulana ezingakwazanga ukuzilawula.

Lo msebenzi uqoba amandla, ufuna uphakamise izinto ezinzima, ngamanye amaxesha phantsi kweemeko ekunzima ukujamelana nazo. Sichitha ixesha elininzi siguqa ngamadolo yaye sigoba ukuze sinyamekele izigulana. Ngokuqhelekileyo siye senzakale ngenxa yalo msebenzi. Sidla ngokwenzakala emqolo, emagxeni, nasemadolweni. Ngamanye amaxesha wenzakala kakhulu kuze kufuneke uyeke ukwenza lo msebenzi. Umntu ufanele akulungele ukusebenza ngamaxesha ahlukahlukeneyo emini nasebusuku.

Ukunyamekela abantu abagula zizifo ezisongela ubomi kuyaxinezela. Umntu onikela uncedo lokuqala kufuneka ahlale ezolile, asebenzise ingqiqo, aze enze izigqibo ezifanelekileyo xa iimeko zimbi. Abantu abanikela uncedo lokuqala bayazibonela indlela abantu ababandazeleka nabafa ngayo. Babona baze banyamekele abantu abangxwelerheka kabuhlungu. Ndikhumbula omnye umfana owenzakala ngendlela emanyumnyezi kwenye ingozi. Ukususela esifubeni ukusa emazantsi wayengasabonakali ukuba ngubani, kodwa wasicela mna nomntu endandisebenza naye ukuba simncede angafi. Okubuhlungu kukuba, phantsi kwaloo migudu sayenzayo neqela loogqirha nabongikazi, wafa emva kweyure.

Ezinye iziganeko zibuhlungu gqitha. Safowunelwa kwindlu eyayivutha ngumlilo ngenye intsasa. Umyeni wayesandul’ ukufika evela emsebenzini waza wafumana umfazi nentwazana yakhe eneminyaka emithathu ubudala bebaleka bephuma kwikhaya labo elitshayo. Abanye abantwana abathathu, oyena mncinane eneenyanga ezine ubudala yaye omdala eneminyaka emihlanu, notatomkhulu wabo babevaleleke ngaphakathi de kwafika abacimi bomlilo babakhuphela ngaphandle. Ndandiphakathi kwabo bangazange bakwazi ukusindisa ubomi babo.

Mhlawumbi uyazibuza ngesizathu sokuba umntu afune ukuba ngumnikeli woncedo lokuqala. Ngamanye amaxesha, ndiye ndizibuze kanye lo mbuzo. Kuye kundikhumbuze ngomzekeliso kaYesu womSamariya olungileyo owanceda indoda engxwelerhekileyo. (Luka 10:30-37) Ukuba ngumnikeli woncedo lokuqala kuquka ukuzinikela ukwenza konke okusemandleni akho ukuze uncede loo mntu ufuna uncedo. Kuyandivuza gqitha ukuba ngumnikeli woncedo lokuqala, kodwa ndikhangele phambili kwilixa laxa ndiya kuphelelwa ngumsebenzi. Ngoba? Kuba uThixo uthembisa ukuba kungekudala akuyi kubakho mntu oya kuthi: “Ndiyagula.” Ngapha koko ‘akusayi kubakho kufa nantlungu.’ (Isaya 33:24; ISityhilelo 21:4)—Kubalisa umnikelo woncedo lokuqala eKhanada.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo ngeemeko ezinokungqubana nesazela somKristu osebenza njengomntu onikela uncedo lokuqala, funda IMboniselo ka-Aprili 15, 1999, iphepha 29, nekaOktobha 1, 1975, iphepha 446-447.

b Kwamanye amazwe abakho abantu abanikela uncedo lokuqala kwiinqwelo zezigulana. Yimbopheleleko yomqhubi wenqwelo yezigulana ukuqinisekisa ukuba usa isigulana esibhedlele ngokukhawuleza.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]

Ndandingayazi de yathi kum: “Usandikhumbula? Usindise ubomi bam izolo!” Ndachukumiseka ngokwenene

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]

Kulo msebenzi, ndiye ndalunywa, ndatshicelwa, ndahlaselwa zizigulana ezingakwazanga ukuzilawula

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 15]

OKO KUFUNEKAYO UKUZE UNIKELE UNCEDO LOKUQALA

Umntu onikela uncedo lokuqala uqeqeshelwa ukuba aqinisekise ukuba isigulana siyakwazi ukuphefumla. Oku kusenokuthetha ukuba loo mntu afakwe umbhobho emlonyeni oya kuqhoqhoqho. Okanye kufuneke kusetyenziswe inaliti, umbhobho omncinane, ucingo, nemela ukuze kungeniswe umbhobho omkhulu kwintamo yesigulana oya ngqo kuqhoqhoqho. Ukufakwa kwenaliti nombhobho kuba luncedo xa omnye wemiphunga ungasasebenzi.

Umnikeli woncedo lokuqala umele akwazi ukutofa. Kusetyenziswa inaliti ukufaka umbhobho emithanjeni. Ngaloo ndlela, usenokukwazi ukufaka imixube yetyuwa. Okanye, kusenokusetyenziswa isixhobo esithile ukuze kufakwe ulwelo oluya ngqo kumongo wethambo.

Umnikeli woncedo lokuqala usenokusebenzisa icardiac monitor/defibrillator ukuze abone indlela ebetha ngayo intliziyo yesigulana. Ukongezelela, esi sixhobo sinokusetyenziselwa ukunceda intliziyo yesigulana ukuba ikwazi ukubetha kwakhona xa sihlaselwa yintliziyo okanye ekuthomalaliseni intliziyo ebetha ngamandla. Kwakhona esi sixhobo sinokusetyenziselwa ukunyusa isantya sentliziyo ebetha kancinane.

[Inkcazelo]

All photos: Taken by courtesy of City of Toronto EMS

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 12]

Taken by courtesy of City of Toronto EMS

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share