Ngaba Ladalwa?
Iqokobhe Lemollusk
◼ Oonokrwece babonakala be-ethe ethe, kodwa akudli ngokuba lula ukubaqhekeza. Ethetha ngexesha lokukhula kwabo, uKenneth Vecchio uthi: “Amanye kula maqokobhe kwakudla ngokufuneka ndiwaqhekeze ngehamile.” Ukomelela koonokrwece kubonakala kakhulu kumaqokobhe emollusk.a
Khawucinge ngale nto: “Inwebu engaphakathi yeqokobhe lemollusk (ebizwa ngokuba yinacre) inamaxolo amancinane athe qelele ngeenanometer. UChristine Ortiz ongunjingalwazi kwiSebe Lenzululwazi Yezinto Nezobunjineli kwiZiko Lobugcisa LaseMassachusetts, eUnited States uthi: “Ukuntsonkotha esikubone kwi-nacre xa ilinganiswa kuyamangalisa yaye kungunobangela wokuqina kweli qokobhe.”
Umbhali wenzululwazi uCharles Petit uthi xa ujonge inacre ngemikroskopu ubona “ulungelelwano lwayo olumangalisayo.” Uthi: “Xa uyijonga ngemikroskopu iba ngathi zizitena ezibekwe kakuhle, ezinamacala amathandathu esimbiwa esiyi-crystalline calcium carbonate. Ezi zitena zidityaniswe ngentlaka eneprotini ekhutshwa ngulo nokrwece.”
Izazinzulu zivakalelwa kukuba iqokobhe lemollusk linokusetyenziswa kwizinto ezininzi—izixhobo ezomeleleyo zokuzikhusela, izinki lemoto, namaphiko enqwelo-moya njalo njalo. UOrtiz uthi: “Indalo isebenzisa indlela yokwakha izinto ezincinane ukuze ivelise izinto ezisebenza ngendlela engenakulinganiswa nanto. Kwiinkalo ezininzi, oononjineli abangabantu boyisiwe kukwenza izinto ngobuchule obulolo hlobo.”
Ucinga ntoni wena? Ngaba eli qokobhe lemollusk linamandla amangalisayo lavela ngamabona-ndenzile okanye ngaba ladalwa?
[Umbhalo osemazantsi]
a Iimollusk zithambile yaye azinamathambo. Iimollusk zaselwandle ziquka iimbaza, iimbatyisi, iiscallop, iingwane neesquid.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Icala elenziwe banzi lomphakathi weqokobhe le-“mollusk”
[Inkcazelo]
Inset: © Eye of Science/Photo Researchers, Inc.