Imbono YeBhayibhile
Ngaba Abantu Abangendawo Baza Kutsha Esihogweni?
UGERTRUDE, umshumayeli wecawa yamaPentekoste wayekholelwa gqitha kwisihogo somlilo. Ukuva nje ukuba akukho ndawo ifana naleyo kwamenza wavakalelwa ngathi okusesikweni akukho emhlabeni. Wayeqiqa ngelithi ukungabikho kwesihogo kuthetha ukuba abantu abenza izinto ezimasikizi abazi kohlwaywa. UGertrude akazange agungqe kwinkolelo yakhe. Wathi: “Andiqondi ukuba ndingathanda ukukhonza uThixo singekho isihogo sokutshisa abantu abangendawo.”
Ngaba abantu abangendawo baza kutsha esihogweni njengoko iicawa ezininzi zifundisa? Ukuba akunjalo, baza kohlwaywa njani?
Ukuqala KukaThixo Ukohlwaya Abantu Abangendawo
IBhayibhile ithi, uThixo wasidala sifezekile isibini sokuqala. (Genesis 1:27; Duteronomi 32:4) Wabahlalisa kumyezo oyiparadesi waza wabanika ithuba lokuba baphile ngonaphakade. Noko ke, inye into ababeyalelwe abantu bokuqala, uAdam noEva. UThixo wabalumkisa wathi: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.”—Genesis 2:16, 17.
Ngelishwa, abazali bethu bokuqala abazange bathembeke okanye bathobele. Kwanyanzeleka ukuba uMdali abagwebele ukufa. “Uya kudla isonka sokubila kobuso bakho ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo. Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.”—Genesis 3:19.
Ukuba uAdam noEva babesengozini yokutsha esihogweni, uThixo ngewayebachazele kwangaphambili ngeso sohlwayo. Enyanisweni akazange athethe ngokuba baza kubandezeleka emva kokuba befile. Babeza kubandezeleka njani kuba kaloku babengenamiphefumlo ingafiyo neyayiza kuqhubeka iphila naxa sele befile? IBhayibhile ikwenza kucace oku xa isithi: “Umphefumlo owonayo—kuya kufa wona.”—Hezekile 18:4.a
NjengoMniki-bomi, uMdali wethu wazi konke ngobomi nokufa. KwiLizwi lakhe uthi: “Abafileyo, abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) Yiloo nto eyabangela ukuba uAdam noEva bangatshi esihogweni emva kokuba befile. Babebuyele eluthulini yaye babengasekho. ‘Babengazi nto konke konke.’
Ngaba Sinokubandezeleka Emva Kokuba Sifile?
IBhayibhile ithi kumaRoma 5:12: “Ngenxa yoko, kanye njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu.” Xa sithetha inyaniso, ngaba isengqiqweni into yokuba kuthiwe abantu batsha esihogweni ngenxa yezono zabo, ngoxa uAdam, oyena mntu weza nokufa ebantwini, wabuyela eluthulini emva kokuba efile?—1 Korinte 15:22.
Sonke silawulwa ngumthetho omnye noAdam. “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” Ukongezelela, xa umntu esifa, “ugwetyelwe kwisono sakhe.” (Roma 6:7, 23) Ukuba abantu abalungileyo nabangendawo bayafa yaye akukho mntu ubandezelekayo emva kokuba efile, sinokutsho njani ukuba uThixo usesikweni?
Okusesikweni KukaThixo
Injongo kaThixo ngabantu abathobelayo ayikatshintshi ukususela oko wadala isibini sokuqala waza wasiyalela ukuba sibe nabantwana size sinyamekele umhlaba. (Genesis 1:28) Le iseyinjongo yakhe kuba kamva wathi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.
Phawula ukuba, abantu abangamalungisa baya kuphila emhlabeni. Baza kube bengabikwa hlaba yaye bonwabile. Injongo kaThixo yantlandlolo yokuba umhlaba uzaliswe ngabantu abangamalungisa iya ‘kuphumelela ngokuqinisekileyo.’ Oko kuya kwenzeka xa emisela ihlabathi elitsha endaweni yale nkqubo ingendawo yezinto.—Isaya 55:11; Daniyeli 2:44; ISityhilelo 21:4.
Inyambalala yabantu abaye bafa bengazi nto ngemilinganiselo kaThixo iya kuvuswa ize ifundiswe indlela yokuphila kwihlabathi elitsha likaThixo. (Isaya 11:9; Yohane 5:28, 29) Kwelinye icala, bonke abo bangafuni kuphila ngokwemilinganiselo kaThixo baya kohlwaywa ‘ngokufa kwesibini.’ Abanakuze bavuke koku ukufa.—ISityhilelo 21:8; Yeremiya 51:57.
Lizicacele elokuba, uThixo onothando uYehova akanakuze abathuthumbise abantu ngokubatshisa esihogweni. (1 Yohane 4:8) Kwangaxeshanye akayi kubunyamezela ubungendawo ngonaphakade. Ingqinela oko iNdumiso 145:20 isiqinisekisa ukuba: “UYehova uyabalinda bonke abo bamthandayo, kodwa bonke abangendawo uya kubabhubhisa.” Ngaba oko akubonisi ukuba uThixo unothando nokusesikweni?
[Umbhalo osemazantsi]
a EBhayibhileni xa kuthethwa ‘ngomphefumlo’ kubhekiselwa emntwini kungekhona into eyahlukileyo emzimbeni. IGenesis 2:7 ithi: “Wandula ke uYehova uThixo wabumba umntu ngothuli lomhlaba waza wavuthela impefumlo yobomi emathatheni akhe, umntu ke waba ngumphefumlo ophilayo.” UAdam akazange anikwe umphefumlo owahlukileyo emzimbeni. Kunoko, yena uAdam wayengumphefumlo ophilayo.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
◼ Ngaba sinomphefumlo ongafiyo?—Hezekile 18:4.
◼ Bakweyiphi imeko abantu abafileyo?—INtshumayeli 9:5.
◼ UThixo uya kubohlwaya njani abantu abangendawo?—INdumiso 145:20.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
“Abafileyo, abazi nto konke konke.”—INtshumayeli 9:5
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 10]
Photo: www.comstock.com