Izimvo Zabafundi BakaVukani!
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Kuthekani Ukuba Umntwana Wasekhaya Uye Wazibulala? (Juni 2008) Ngaphambi kokuba asweleke, usisi wayexinezeleke kangangeminyaka emihlanu. Kuba ndandiyibona indlela eyayimkhathaza ngayo into yokugula kwakhe, ndandimsizela usisi. Noko ke, eli nqaku likaVukani! lathi simele sikhumbule izinto ezintle. Ndithi ndakubuyel’ umva ndizame ukucinga, ndiqale ndibone ukuba ubomi bukasisi babungasizeleki kodwa babuzele ngamaxesha amyoli kunabuhlungu.
US. Y., waseJapan
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Kutheni Abazali Bam Bengandithembanga? (Aprili 2008) Ukufunda nokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ekuVukani! kundincede ndaqonda ukuba ukuzenza ndithenjwe nokuqola kufana nokunyuka ngokwamanqanaba kungekhona umnyango ongena kuwo ngokuzenzekelayo. Ukuze bandinike inkululeko engakumbi, kwakufuneka ndibenze bandithembe abazali bam. Kwakufuneka ndiyenze ndiyigqibe imisetyenzana yasekhaya naleyo yasesikolweni. Ndiyanibulela ngamanqaku anjengala.
UT. L., waseUnited States
Ubomi Bomntu Oyialbhino (Julayi 2008) Njengoko nam ndiyialbhino ndavuya xa ndandiqala ukubona eli nqaku. Kodwa andizange ndiyithande into yokubona igama elithi “albhino” lisetyenziswa ngokuphindaphindiweyo kulo. Abantu baye balisebenzisa ngendlela enyelisayo eli gama nebonisa intiyo kubantu abanjengam.
UA. L., waseUnited States
“UVukani!” uphendula athi: Sicela uxolo ukuba oku kuye kwabakhathaza abafundi beli phephancwadi. Igama elithi “albhino” silisebenzise ngendlela elisetyenziswa ngayo ziingcali zamayeza. Noko ke, siyaqonda kona ukuba abanye baye balisebenzisa ngenjongo yokunyelisa. Kwelinye icala, abanye abantu abakule meko abanangxaki nokubizwa ngeli gama. Enyanisweni besingazimiselanga kukhathaza mntu.
Ndiyanibulela ngeli nqaku, kuba nam ndiyialbhino njengoJohn. Ndiyixabisa gqitha into yokufunda inqaku elithetha ngokuba yialbhino eliyinyaniso, elixhaswa ngezibakala, elicingisisiweyo, nelinemfundiso. Loo nto ibangele ukuba abahlobo bam bayiqonde kakuhle imeko endikuyo.
UT. M., waseUnited States
Uthando Olunamandla Kunenkanyamba! (Agasti 2008) Amanqaku afana neli andikhumbuza ukuba ndingazikhathazi ngekamva kodwa ndithembele kuThixo ngokupheleleyo. Ndalubona uthando lwabazalwana kwiminyaka emithathu edluleyo xa indlu yabazali bam abangengomaKristu yemka nezikhukula. AmaNgqina kaYehova asekuhlaleni akhawuleza abanceda. Ndiyambulela uYehova ngokuba sentlanganweni yakhe.
UD. W., wasePoland
Izinto Ezimangalisayo Ngombona (Agasti 2008) Kwisitiya sasekhaya kwatyalwa umbona kodwa sawuvuna uneenkozo ezingalinganiyo. Ngoku ngenxa yeli nqaku siyayazi into ebangela loo nto. Ngenxa yokuba sasityala izithombo zombona ezihlanu okanye ezithandathu kuphela, zazingakhuli ngendlela ebeziya kwenza ngayo kumasimi amakhulu. Kunyaka ophelileyo, ngenxa yokumvumvuzela umcwe ngamnye wemisontwana esemboneni, sikwazile ukuvuna izikhwebu ezincamisileyo ngencasa nezineenkozo ezilinganayo. Sibulela kakhulu.
UR. W., waseJapan