Imfihlelo 4: Ukuhlonelana
‘Makususwe kuni konke ukumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.’—Efese 4:31.
Intsingiselo yoku. Enoba imitshato ineengxaki okanye iyaphumelela, zibakho iingxabano. Kodwa iintsapho eziphumelelayo ziyakucombulula ukungavisisani, zingakhange de ziphoxane, zithukane okanye zisebenzise ezinye iindlela. Lungu ngalinye liphatha amanye ngendlela ebeliya kuthanda ukuphathwa ngayo.—Mateyu 7:12.
Kutheni oku kubalulekile? Indlela esithetha ngayo inokuba sisixhobo esenzakalisayo. Umzekeliso oseBhayibhileni uthi: “Kulunge ngakumbi ukuhlala kwilizwe elisentlango kunokuhlala nomfazi onosukuzwano kunye nengqumbo.” (IMizekeliso 21:19) Kunokutshiwo okufanayo nangendoda enochuku. Xa ithetha ngendlela yokukhulisa abantwana, iBhayibhile ithi: “Musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangadakumbi.” (Kolose 3:21) Abantwana abahleli nje bayagxijwa banokuvakalelwa kukuba abanakuze babavuyise abazali babo. Banokude bangenzi mgudu wokuphucula.
Zama oku kulandelayo. Hlola enoba uyawahlonela kusini na amanye amalungu entsapho ngokuphendula le mibuzo ilandelayo.
◼ Kwintsapho yam, ngaba iingxabano zidla ngokuphela ngokuba elinye ilungu lentsapho liphume ligqwashula?
◼ Xa ndithetha neqabane okanye abantwana bam, ngaba ndiye ndisebenzise amagama athukayo njengelithi “sidengendini,” okanye amagama afana nalawo?
◼ Ngaba ndikhulele kwikhaya ekuthukwayo kulo?
Yenza isigqibo. Cinga ngendlela ibe nye okanye zibe mbini onokubonisa ngazo ukuba unentlonelo xa uthetha. (Nali icebiso: Zenzele isigqibo sokuba uza kuthi “ndi” kunokuthi “wena” xa uthetha. Ngokomzekelo, “Ndiba buhlungu xa u . . . ,” kunokuthi “Wena wasoloko u . . . ”)
Kutheni ungaxeleli iqabane lakho ngezinto ogqibe kuzo? Emva kweenyanga ezintathu, buza kwiqabane lakho enoba uphucule kusini na.
Cinga ngeendlela onokukuphepha ngazo ukuba rhabaxa xa uthetha nabantwana bakho.
Cela uxolo kubantwana bakho ngezihlandlo oye wathetha rhabaxa kubo okanye xa uthethe ngendlela enempoxo.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Ukusetyenziswa kwamazwi ahlabayo kunokuludlakaza ulwalamano lwentsapho, kanye ngendlela amaza olwandle aliqhekeza ngayo ilitye elomeleleyo