IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/09 iphe. 28-29
  • Lumkela Ityhefu Yelothe!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Lumkela Ityhefu Yelothe!
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ezinye Izinto Ezinetyhefu Yelothe
  • Bonke Abantu Kufuneka Balunyukiswe
  • Ityhefu—Yelothe Imiphumo Yayo Eyingozi
    Vukani!—1992
  • Ityhefu—Yelothe Ingxaki Yazwenibanzi
    Vukani!—1992
  • Indlela Yokuthintela Ityhefu Yelothe
    Vukani!—1992
  • Ingakanani Ityhefu Esekhayeni Lakho?
    Vukani!—1999
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 12/09 iphe. 28-29

Lumkela Ityhefu Yelothe!

Kwiminyaka yakutshanje oorhulumente baye bacela ukuba kubuyiselwe buphuthuphuthu izinto ezithengiweyo, njengezinto zokudlala nezacholo. Ngoba? Kuye kwafunyaniswa umkhamo oyingozi welothe kwezi zinto yaye abantwana abancinane bayathanda ukuzincanca okanye bazintlantlathe. Ityhefu yelothe inokuba yingozi kakhulu kubantwana abaneminyaka engaphantsi kwemithandathu ubudala, ekubeni inkqubo yabo yemithambo-luvo isakhula.

NGOKUTSHO kohlolisiso olwenziwa yiJohns Hopkins Bloomberg School of Public Health, ilothe ithintela iprotini enceda ukukhula kwengqondo nokwazi izinto. Kolu hlolisiso kwafunyaniswa ukuba ungama-50 ekhulwini umkhamo welothe ongena ebantwaneni, ngoxa uli-10 ukuya kutsho kwi-15 ekhulwini kubantu abadala.

Kuhlolisiso lwakutshanje kuye kwafunyaniswa ukuba kwanomkhamo welothe ongaphantsi kwalowo ubekwe ngurhulumente unokuba yingozi. Ngokutsho kweNational Safety Council, kwelaUnited States ilothe iye yabangela “iingxaki zokufunda, ukungakwazi ukunikela ingqalelo, ingxaki yesimilo, ukungakhuli kakuhle, ukuba neengxaki zokuva nezo zezintso” ebantwaneni. Amabhinqa akhulelweyo afanele akulumkele kakhulu ukuchanabeka kwilothe kuba oko kungenzakalisa imveku esesiswini.a

Kanti ilothe inokutyhefa ukutya nezinto eziselwayo ezigalelwe kwizitya ezenziwe zaza zapeyintwa ngelothe, ezifumaneka kwiinxalenye ezithile zeAsia neLatin America. Maxa wambi amanzi okusela adla ngokugcinwa kwiingqayi zodongwe ukuze aphole zize izinto ezishushu zigalelwe kwiikomityi ezipeyintwe ngelothe. Kuhlolisiso oluye lwenziwa kubantwana besiXeko saseMexico abangaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala kufunyaniswe ukuba phantse isiqingatha sabantwana abaneenyanga ezingaphezu kwezili-18 banomlinganiselo ophakamileyo welothe egazini labo. Kuthiwa oku kubangelwa kukutya okwenziwe kwizitya ezipeyintwe ngelothe. Ilothe yenza izinto zodongwe zimenyezele kodwa inokuphuma kwezi zitya xa kufudunyezwa ngazo okanye kwezo kufakwe kuzo iziqhamo nemifuno.

Ezinye Izinto Ezinetyhefu Yelothe

Nangona kutshanje amazwe ahambele phambili aye ayeka ukusebenzisa ipetroli enelothe, iWorld Health Organization (WHO) ithi kusekho malunga namazwe ali-100 asayisebenzisayo le petroli. Ilothe ayitshi. Amasuntswana ayo aphuma emotweni angcolisa umhlaba okuhola wendlela. Uthuli olunelothe luye luphefumlwe ngabantu okanye baluthwale ngezihlangu zabo baye kulufaka ezindlini.

Omnye umthombo wale tyhefu yipeyinti enelothe eyayisetyenziswa ezindlini ngaphambi kokuba umthetho ulawule ukusetyenziswa kwayo. EUnited States kuphela, kuqikelelwa ukuba imizi ezizigidi ezingama-38—imizi engama-40 ekhulwini—ipeyintwe ngepeyinti enelothe. Ipeyinti exobukayo okanye leyo iwayo xa kuxotyulwa iindonga eziza kupeyintwa inokuba yingozi.

Izixeko nemizi yakudala emininzi zinemibhobho yamanzi enelothe okanye imibhobho yobhedu edityaniswe ngelothe. IMayo Clinic, iziko lempilo elihambele phambili laseUnited States, licebisa ukuba uwavulele amanzi kangangemizuzu engama-30 ukuya kwengama-60 ngaphambi kokuba uwasele. Amanzi ashushu aphuma kule mibhobho akamele aselwe okanye kuphekwe ngawo—ingakumbi xa kusenziwa ukutya kosana.

Xa kususwe oyena nobangela wale tyhefu, ilothe itsho iphunguke egazini. Abantu aboyika ukuba banganelothe egazini labo basenokufuna ukuba lihlolwe. Ukuba kufunyaniswe ukuba umlinganiselo wayo uphezulu egazini lakho, umele udibane nabezonyango.

Bonke Abantu Kufuneka Balunyukiswe

Ityhefu yelothe inokubangelwa kukwakhelana kwelothe emizimbeni yethu kangangexesha elithile. Kodwa enoba uye wachanabeka kuyo kwakanye, xa ininzi inokukubulala. IU.S. Centers for Disease Control inengxelo yokuba ngowama-2006 umntwana owayekwisikolo sabantwana abancinane wabulawa kukuginya isacholo esinomlinganiselo ophezulu welothe.

Ibalaselisa ukubaluleka kokuba bonke abantu balunyukiswe, intyilalwazi yezamayeza ibonisa ukuba, sithethanje kukho umntwana omnye kwabangama-20 abakwisikolo sabantwana abancinane eUnited States onomlinganiselo ophezulu welothe egazini lakhe. Ukuba kunjalo kwilizwe elinemithetho elawula umlinganiselo welothe kunokuba kunjani kumazwe angenayo imithetho enjalo? Enyanisweni wonke umntu umele alumke!

[Umbhalo osemazantsi]

a Ityhefu yelothe inokungena nakubantu abadala, nto leyo enokuphazamisa imithambo-luvo, izihlunu ize yenze amalungu abe buhlungu, okanye umntu abe nengxaki yokulibala kuze kube nzima ukunikela ingqalelo.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 29]

EZINYE IZINTO EZIBONISA UKUBA UMNTWANA UNETYHEFU YELOTHE

Isisu esibuhlungu, ukuba ndlongondlongo, ianemia, ukungakwazi ukunikela ingqalelo, ukuqhina kwesisu, ukudinwa, intloko ebuhlungu, ukuba nochuku, ukungakhuli kakuhle, ukungabi namdla ekutyeni, ukuphelelwa ngamandla nokukhula kade.—IMEDLINE PLUS MEDICAL ENCYCLOPEDIA.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share