IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/10 iphe. 25
  • Ithambo—Linamandla Amangalisayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ithambo—Linamandla Amangalisayo
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • IOsteoporosis—Isifo Esingabonakaliyo
    Vukani!—2010
  • Ngoku Sibanye
    Culela UYehova
  • Ngoku Sibanye
    ‘Culela UYehova Ngovuyo’
  • Ukuqonda Isifo Samathambo
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 1/10 iphe. 25

Ngaba Ladalwa?

Ithambo—Linamandla Amangalisayo

● Xa lichazwa ithambo kuye kuthiwe “lisisixhobo esenziwe ngobuchule saluqilima.” Ngoba?

Khawucinge ngoku: Umntu unamathambo amalunga nama-206 namalungu angama-68. Elona thambo lide yifemur, okanye uxhongo; elona lincinane sistapes, ithambo eliphakathi endlebeni yomntu. Njengoko sinokubona kubantu abenza umthambo ngobuchule, amathambo, izihlunu, intlala namalungu anokwenza umzimba osempilweni ube bhetyebhetye uze ukwazi ukushukushukuma. INational Space Biomedical Research Institute ithi: “Ubhontsi nje uwodwa unokusiqinisekisa sonke ukuba ingcibi eyenze imizimba yethu (enoba ngamnye kuthi ucinga ukuba ingubani na) iyingcaphephe ngokwenene!”

Amathambo anokuthwala ubunzima obungathethekiyo. Eli ziko lithi: “Enziwe kanye njengekonkile eyenziwe yaluqilima. Iingcingo ezikwikonkile eyenziwe luqilima kwakunye nesamente, isanti namatye ziyenza yomelele ngendlela engathethekiyo. Noko ke, ithambo lona lomelele ukodlula nayiphi na ikonkile eyenziwe luqilima.” URobert O. Ritchie, ongunjingalwazi kwisebe lenzululwazi yezinto kwiYunivesithi yaseKhalifoniya, eBerkeley, eUnited States uthi: “Sesibawela nje ukuba besinokukwazi nathi ukwenza izinto zomelele ngolo hlobo.”

Ngokungafaniyo nekonkile, ithambo liyeyona nto ibalulekileyo kwimizimba yentaphane yezinto eziphilayo. Yaye lomelele hayi nje umdlalo. Liyakwazi ukuzinyanga, lisebenzise iincindi zamadlala ezilinceda likhule yaye liba negalelo xa kusenziwa iiseli zegazi. Kanti njengezihlunu, liba namandla ngakumbi njengoko lithwala ubunzima obungakumbi. Yiloo nto ebangela ukuba abantu abanemidlalo abayidlalayo babe namathambo amakhulu kunabo bangenzi mthambo.

Ucinga ntoni? Ngaba ithambo labakho ngamabona-ndenzile? Okanye ngaba ladalwa?

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Ithambo (lenziwe likhulu)

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 25]

Leg bone: © MedicalRF.com/age fotostock; close-up: © Alfred Pasieka/Photo Researchers, Inc.; gymnast: Cultura RF/Punchstock

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share