IOsteoporosis—Isifo Esingabonakaliyo
UAnna oneminyaka eli-19 ubudala wayechacha kwisifo sokutya ngendlela engalungelelananga esibizwa ngokuba yi-anorexia nervosa xa wawa ngequbuliso emva kokuba eve intlungu enganyamezelekiyo eyayisemqolo. Kwakuchachambe la mathambo mabini alapha ngezantsi emqolo yaye waba mfutshane kangangeesentimitha ezintlanu. Wayenesifo samathambo esaziwa ngokuba yi-osteoporosis.
SIBIZWA ngokuba sisifo esingabonakaliyo kuba amaxesha amaninzi akubikho nto ibonisa ukuba kukho into eyenzekayo emathanjeni de ungqubeke okanye uwe aze achachambe amathambo ngenxa yokuba ebuthathaka. Kudla ngokuchachamba amathambo kasikrotyana, eembambo, omqolo nawesihlahla. Abantu badla ngokucinga ukuba iosteoporosis idla ngokuphatha amabhinqa anempilo enkenenkene nasele ekhulile. Noko ke, njengokuba sibonile oko kwenzeke kuAnna nolutsha lunokuba nayo iosteoporosis.
Iyingozi Kakhulu Empilweni
IThe International Osteoporosis Foundation ithi, “kumazwe aseYurophu kubakho umntu ochachanjelwa ngamathambo ngenxa yokuba eneosteoporosis kwimizuzwana engama-30 nganye edlulayo.” EUnited States, bazizigidi ezili-10 abantu abaneosteoporosis yaye abazizigidi ezingama-34 basecicini lokuba nesi sifo ngenxa yokuba nkuphu-nkuphu kwamathambo. Ukongezelela iU.S. National Institutes of Health ithi “ibhinqa elinye kwamabini nendoda enye kwamane aneminyaka engama-50 ubudala nangaphezulu aza kuchachanjelwa ngamathambo ngenxa yokuba eneosteoporosis.” Ibe ayibonakali iza kuphucuka le meko.
IBulletin of the World Health Organization ithi, ehlabathini lonke liza kuphindaphindeka inani labantu abaza kuchachanjelwa ngamathambo ngenxa yeosteoporosis kule minyaka ingama-50 ilandelayo. Kuqikelelwa ngolu hlobo kuba kulindeleke ukuba liza kwanda inani labantu abakhulileyo. Sekunjalo, ziyoyikisa izinto ezibangelwa sesi sifo. Baninzi abantu abaye bakhubazeka nabaye babulawa sesi sifo. Phantse bangama-25 ekhulwini abantu abaneminyaka engama-50 nangaphezulu abachachanjelwa ngamathambo kasikrotyana abaye bafa ngenxa yeengxaki zonyango kunyaka nje emva kokuba kufunyaniswe ukuba amathambo abo aye achachamba.
Ngaba Usesichengeni?
Uphando lwakutshanje lubonisa ukuba imfuza yeyona nto yenza abanye abantu babe sesichengeni. Ukuba abazali bakha bachachanjelwa ngamathambo kasikrotyana, amathuba okuba nabantwana babe nengxaki efanayo anokuphindaphindeka. Enye into ebangela ukuchachanjelwa ngamathambo kukuba luthi usana lungekazalwa lungondleki, nto leyo eyenza ukuba luthi naxa sele lukhulile amathambo alo abe nkuphu-nkuphu. Kanti ke nokwaluphala kunokusibangela esi sifo. Njengokuba umntu esiya esiba mdala kokukhona amathambo akhe esiba buthathaka. Ezinye izigulo njengesifo sikaCushing, isifo seswekile nehyperthyroidism zinokuyibangela iosteoporosis.
Ukuyeka kwebhinqa ukuya exesheni kunciphisa ichiza iestrogen ekhusela amathambo. Yiloo nto ebangela ukuba phantse ngokuphindwe kane amabhinqa abe neosteoporosis kunokuba kunjalo ngamadoda. Ukuncipha kwe-estrogen okubangelwa kukususwa kwesiyilelo-maqanda sebhinqa kunokukhokelela ekubeni likhawuleze liyeke ukuya exesheni.
Ezinye izinto esinokuzitshintsha ezibangela ukuba umntu abe nesi sifo yindlela atya naphila ngayo. Ukutya okungenacalcium nokungenavithamin D kunokubangela ukuba amathambo abe buthathaka. Ukutya ityuwa kakhulu kunokukubeka esichengeni sokuba nesi sifo kuba umzimba uyalahlekelwa yicalcium. Ukuzintyintya ngotywala ube usitya ukutya okungenazondlo kunokubangela ukunkuphuka kwamathambo.
Njengokuba kukhankanyiwe ekuqaleni kweli nqaku, uAnna waba neosteoporosis ngenxa yokuba wayenesigulo esibangelwa kukungatyi. Eso sigulo sasibangela ukuba angondleki, abhitye aze angayi nasexesheni. Ngenxa yoko, umzimba wakhe wayeka ukuvelisa iiestrogen, nto leyo ebangela ukuba amathambo akhe abe buthathaka.
Enye into eyongezelelekileyo enokubangela iosteoporosis kukungawenzi umthambo. Nokutshaya kunokusibangela esi sifo kuba kunciphisa iityuwa zomzimba. IWorld Health Organization ithi, ukuchachamba kwamathambo kasikrotyana omntu omnye kwabasibhozo kubangelwa kukutshaya. Noko ke, uphando oluye lwenziwa lubonisa ukuba xa umntu eyeka ukutshaya ayancipha amathuba okuchachanjelwa ngamathambo.
Ukuthintela Iosteoporosis
Umntu ufanele aqale ukuthintela iosteoporosis esakhula. Ngelo xesha ama-90 ekhulwini amathambo omntu sele egqibile ukukhula. Icalcium ehlala ethanjeni ibalulekile yaye yenza amathambo omelele. Okona kutya unokufumana kuko icalcium, lubisi nezinto ezenziwe ngobisi njengeyogurt netshizi; isardines nesalmon esetotini (uyitya namathambo ayo) iialmonds; ioatmeal; iimbewu zesesame; itofu; nemifuno enamagqabi aluhlaza.
Ivithamin D ibalulekile ukuze umzimba ukwazi ukuba necalcium. Le vithamin iveliswa lulusu xa uye waba selangeni. UManuel Mirassou Ortega, ongugqirha nolilungu leMexican Bone and Mineral Metabolism Association uthi: “Ukugcakamela ilanga kangangemizuzu elishumi ngosuku kuyanceda ekuthinteleni iosteoporosis njengoko livelisa umlinganiselo ongangama-600 wevithamin D.” Le vithamin D iyafumaneka nakumthubi weqanda, kwiintlanzi zaselwandle nakwisibindi.
Nokwenza umthambo kubaluleke gqitha ekuthinteleni iosteoporosis. Kubalulekile ukwenza umthambo ngoxa usakhula kuba komeleza amathambo ukuze naxa sele waluphele amathambo akho angabi nkuphu-nkuphu. Kunconyelwa kakhulu ukuphakamisa iintsimbi nokwenza umthambo onzima, ofaka izihlunu phantsi koxinezeleko ngoxa kwangaxeshanye uqiniseka ukuba akuwaqobi amathambo namalungu. Ukuhamba, ukusebenzisa izinyuko kwanokudanisa kuphakathi kwemithambo enceda kakhulu.a
Ngokuqinisekileyo esi sifo singabonakaliyo sinokuthintelwa. Njengokuba bekusele kutshiwo, ukuze womeleze amathambo akho kunokufuneka utshintshe indlela otya nophila ngayo. Enyanisweni kunokuba nzima ukutshintsha kakhulu kubantu abaninzi abangawenziyo umthambo. Kodwa bancedakala njani abantu abenza umthambo! Enye indlela abancedakala ngayo kukuba, ababi phakathi kwezigidi ezisehlabathini ezithwaxwa yiosteoporosis.
[Umbhalo osemazantsi]
a Xa amabhinqa esenza umthambo ngokugqithiseleyo de kuphazamiseke ukuya exesheni loo nto inokuwenza buthathaka amathambo ngenxa yokuphela kwe-estrogen. Kunconyelwa ukuba amabhinqa aneminyaka engaphezu kwengama-65 ubudala aye kuhlolwa ukuba amathambo awo omelele kangakanani na. Ukuba amathambo afunyaniswe ebuthathaka kakhulu usenokunikwa amayeza anokuthintela nanokunyanga iosteoporosis. Noko ke, ngaphambi kokusebenzisa olo nyango kuya kuba kuhle ukuhlola ukuba lunokuba yingozi kangakanani okanye lube yingenelo kangakanani.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 21]
Sinokusithintela esi sifo ngokutshintsha indlela esitya nesiphila ngayo ukuze someleze amathambo
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 19]
Iosteoporosis le sisifo samathambo esibonakala ngokuba nkuphu-nkuphu nokuba ethe-ethe kwawo nto leyo ebangela ukuba akhawuleze ukophuka. Inokubonwa xa amathambo ejongwe ngomatshini ohlola ukondleka kwawo.
[Imifanekiso]
Ithambo elisempilweni
Ithambo eline-osteoporosis
[Inkcazelo]
© BSIP/Photo Researchers, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Ukuphakamisa iintsimbi nokwenza umthambo onzima komeleza amathambo
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
I-calcium ifumaneka ubukhulu becala kwii-almonds nakwizinto ezenziwe ngobisi