Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Ngaba Esi Yayisisigqibo Esifanelekileyo?
Funda iGenesis 39:1-23. Jonga umfanekiso uze ubhale iimpendulo zakho kule migca ingezantsi.
1. Ngubani ibhinqa elikulo mfanekiso?
․․․․․
2. Ngubani yona le ndoda?
․․․․․
3. Sisiphi isigqibo esenziwa yile ndoda?
․․․․․
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Kwakutheni ukuze le ndoda yenze eso sigqibo? Ngaba yasokola ngenxa yokuba yenza eso sigqibo? Ngaba ucinga ukuba yenza isigqibo esifanelekileyo, ukuba kunjalo kutheni usitsho nje? Kunini apho unokusokola khona xa wenze isigqibo esifanelekileyo?
YINTONI OYAZIYO NGOKUMKANI USAWULE?
4. Yintoni eyayibalasele kwindlela awayemile ngayo uSawule?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda eyoku-1 kaSamuweli 9:1, 2.
․․․․․
5. Kwakutheni ukuze uYehova amgatye uSawule?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda eyoku-1 kaSamuweli 13:13, 14.
․․․․․
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Yintoni eyona nto ibalulekileyo kuThixo kunendlela umntu amile ngayo?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda eyoku-1 kaSamuweli 16:6, 7.
Kutheni ukwazi kunokukunceda ube nembono elungeleleneyo ngenkangeleko yakho?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda eyoku-1 kuTimoti 4:8.
BANTWANA KHANGELANI LE MIFANEKISO
Ngaba ungayifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
KWELI PHEPHANCWADI
Phendula le mibuzo, uze ufakele iindinyana zeBhayibhile.
IPHEPHA 4 IBhayibhile ikhuthaza ntoni ngomsebenzi? INtshumayeli 3:․․․
IPHEPHA 7 Yintoni esimele siyisebenzele? Yohane 6:․․․
IPHEPHA 10 UThixo umise imini yokwenza ntoni? IZenzo 17:․․․
IPHEPHA 28 Kwenzeka ntoni kwisibini xa sitshata? Genesis 2:․․․
● Iimpendulo zikwiphepha 14
IMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31
1. Ngumfazi kaPotifare.
2. NguYosefu.
3. Akazange abe neentlobano zesini nomfazi kaPotifare.
4. USawule wayemde yaye eyinzwana.
5. USawule akazange amthobele uThixo.