IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/10 iphe. 30
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Zininzi Iziphazamiso”
  • Kufuneka Iitoliki
  • Umthombo Wegolide Ongasoze Uwucingele
  • Funa Into Exabiseke Ngakumbi Kunegolide
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Ngaba Ubutyebi BukaKumkani USolomon Babubaxiwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Bathi Bekhangela Igolide, Bafumana Indlu
    Vukani!—2011
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 2/10 iphe. 30

Okwenzeka Ehlabathini

“Sele bengama-60 ekhulwini abantu abasebenzisa iiselfowuni ehlabathini . . . Izinto zitshintshe kakhulu kunakwiminyaka emithandathu edluleyo, xa babengaphantsi kwe-15 ekhulwini abantu abaneeselfowuni.”—IMACLEAN’S, YASEKHANADA.

Ngaphezu kweminyaka elishumi edluleyo, iindidi ezintsha zezilwanyana ezili-1 068 ziye zabonwa kummandla omkhulu waseMekong kuMzantsi mpuma Asia.—IWORLD WILDLIFE FUND, YASEUNITED STATES.

“Abemi behlabathi abangaphantsi kwesi-5 ekhulwini ngabaseMerika kodwa amabanjwa amalunga nama-25 ekhulwini ehlabathi avela eMerika. Kwelo kuvalelwa abantu abangama-756 kubemi abali-100 000, nani elo eliphantse liwuphinde kahlanu umlinganiselo wehlabathi lonke.”—ITHE ECONOMIST, YASEBRITANI.

“Zininzi Iziphazamiso”

Ezinye izinto zobugcisa bezonxibelelwano zinokuphazamisana nokunikela ingqalelo kwabantu kwezinye izinto. Iingcali ezihlola indlela abantu abazisebenzisa ngayo izinto zobugcisa—izinto ezifana nokuthumela imiyalezo, iikhalenda ezikukhumbuzayo, iiemail nemiyalezo ethunyelwa ngekhompyutha—zithi aba bantu baba nengxaki “yokuba neziphazamiso ezininzi nokungakwazi ukunikela ingqalelo epheleleyo.” Iphephancwadi iNewsweek lithi, xa umana uphazamiseka rhoqo, “uba sengozini yokungaze ukwazi ukucinga ngento enye kangangexesha elide uze ungakwazi ukwenza into ibe nye uyigqibe.” Phakathi kwezinye izinto, ezi ziphazamiso zinokukwenza “ube nengxaki yokulibala uze “ungazikhumbuli kakuhle izinto” uze wenze nezinye iimpazamo ezinokuba yingozi.

Kufuneka Iitoliki

Iinkundla, abezomthetho, izibhedlele namanye amaziko eenkonzo zoluntu eUnited States zisoloko zifuna ukuncedwa ziqonde oko kuthethwa ngabantu. Ijelo leendaba iReuters lithi, “iyanda into yokubakho kwabantu abathetha iilwimi ezahlukahlukeneyo,” nto leyo eyenza kufuneke iitoliki zokunceda abantu bakwazi ukunxibelelana kakuhle. Enye inkampani eseKhalifoniya iqesha iitoliki ezingama-5 200 ezithetha iilwimi ezili-176—ukususela kwezixhaphakileyo ezifana nesiTshayina, isiRashiya neSpanish, ukuya kutsho kwezo zinqabileyo, njengezo zithethwa kwamanye amazwe aseAfrika naseMexico. Le ngxelo ithi, ngaphantsi nje komzuzu, ezi nkampani “zinokufumanisa ulwimi oluthethwa ngumntu” zize zibeke itoliki emnxebeni ukuze “abantu bakwazi ukuthetha.”

Umthombo Wegolide Ongasoze Uwucingele

Ezivela kwingxelo yeendaba zeReuters, eJapan zithi, iSithili saseNagano, esikumntla-ntshona weTokyo siye “safumanisa umthombo omtsha wesimbiwa—ilindle.” Uhlolisiso ludize ukuba uthuthu oluvela kwilindle elitshisiweyo elisetyenzwa kwiziko elibizwa ngokuba yiSuwa linomlinganiselo ophezulu wegolide kuneore ethathwa kwimigodi yaseJapan enegolide eninzi. Esi sithili silindele iiyen ezili-15 lezigidi, ngaphezu kwee-R1 296 000 ngale golide kunyaka nje omnye wengeniso. Ngokutsho kwale ngxelo, kucingelwa ukuba le golide ininzi kweli lindle “ibangelwa bubuninzi babavelisi boomatshini abasebenzisa igolide kule ngingqi.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share