Okwenzeka Ehlabathini
“Abantu baseRashiya abangaphezu kwesiqingatha bathi ukunyoba abasemagunyeni yeyona ndlela ilula ‘yokucombulula iingxaki.’”—IREUTERS NEWS SERVICE, YASERASHIYA.
“Uhlolisiso lwabonisa ukuba abantu abadala baseTshayina abali-17.5 ekhulwini banesigulo esithile sengqondo . . . Abafazi banamathuba angakumbi okuxinezeleka nokuxhalaba kunokuba kunjalo ngamadoda.”—ICHINA DAILY, YASETSHAYINA.
“INational Safety Council ithi okungenani iingozi ezingama-28 ekhulwini ezenzeka eUnited States okanye ezisisi-1.6 sezigidi zibangelwa ngabaqhubi abafowunayo okanye abathumela iisms ngoxa beqhuba.”.—IUC BERKELEY WELLNESS LETTER, YASEUNITED STATES.
“Imbali Ezintloni”
IThe Irish Times ithi: “IReport of the Commission to Inquire Into Child Abuse ithi imbali yaseIreland ibangela iintloni. Ngokutsho kweli phephancwadi, le ngxelo ichaza imbali yokuphathwa kakubi kwabantwana kwiiCawa zamaKatolika, “bebethelwa izono ezinjengokuba neentwala” yaye bedlwengulwa. Eli phepha lithi abantu bayiqwabazel’ iliso le mpatho ngenxa yokunyaniseka okumfamekileyo “kwiCawa yamaKatolika.” Umxholo weli phephancwadi wawusithi “Urhulumente neCawa Bahlazekile,” ucaphula amazwi omntu owayevelana nabantwana abaxhatshazwa yile cawa.
Amanzi Enyangeni
Izazinzulu ezawa nesiphekepheke enyangeni zithi zabona amanzi kuthuli olwalulapho. Zahlola ezo ngqimba zothuli zisebenzisa izixhobo ezazinceda zakwazi ukuzibona kakuhle izinto eziyinxalenye yalo. UMichael Wargo osisazinzulu kwikhomkhulu leNASA eliseWashington, D.C. uthi: “Sifunda izinto ezininzi ngenyanga, ilanga nezinye iiplanethi.” Xa bekuhlolwa inyanga mvanje kuye kwafunyaniswa ukuba kumantla ayo kukho izigidi zeetoni zamanzi.
Izitena Zegolide Onokuzithenga Kumatshini
Kwiindawo ezininzi ehlabathini jikelele, izitena zegolide zezinye zezinto ezifumaneka koomatshini abafana nabo ukwazi ukuthenga iziselo kubo. Ngokomzekelo, kwenye yeehotele zaseAbu Dhabi, eUnited Arab Emirates, kukho umatshini onokuthenga kuwo izinto ezahlukeneyo ezingama-320 kuquka izitena zegolide ezinobunzima obuziigram ezili-10 kunye neengqekembe zegolide. Ixabiso legolide litshintshwa rhoqo emva kwemizuzu elishumi ukuze lifane nelehlabathi lonke. Ekuqaleni, kulo matshini wawuthenga kuphela ngemali yelo lizwe kodwa ke sithethanje abanini bawo benza amalungiselelo okwamkela neecredit card. Ijelo leendaba iReuters lithi isigqibo sokuthengisa igolide ngomatshini senziwa “ngenxa yokuba abantu abaninzi balapho banomdla wokuthenga izitena zegolide.”