Isizathu Sokuba Ndiyeke Umsebenzi Ondihlawula Imali Eninzi
Kubalisa uMartha Teresa Márquez
NDANDIKUTHANDA gqitha ukucula ndisakhula, ndandicula nakunomathotholo. Ndaya esikolweni ngoxa ndandisengumntwana kodwa kamva ndaya kuqeqeshelwa ukucula kwisiXeko saseMexico ndikwiqela elikhulu leokhestra elicula iingoma zeklasiki.
Ngowe-1969, xa ndandineminyaka engama-24 ubudala umhlobo wam owayengumdanisi wandimema ukuba ndiye kwindawo yokutyela ekwanayo nebhari nekwakuvavanywa abaculi kuyo, ngoko eyayisaziwa, iLa Rampa Azul. Ndacula ingoma eyaziwayo ethi Cucurrucucú Paloma eyaqanjwa nguTomás Méndez waseMexico yaye yathandwa gqitha ngabaphulaphuli. Waqala ngolo hlobo umsebenzi wam. Ndandicula ndodwa yaye ndizibiza ngokuba ndinguRomelia Romel.
Ndandisebenza noTomás Méndez kuquka nabanye abanesiphiwo sokuqamb’ ingoma nokucula njengoCuco Sánchez noJuan Gabriel. Ndandikuthanda ukubona igama lam kwizibane, kumaphephandaba nakumaphephancwadi. Ndandicula kwimijuxuzo yasebusuku, kunomathotholo nakwiikonsathi ezazibakho kwiindawo ngendawo eMexico naseBelize. Kwakhona ndasebenza noLeonorilda Ochoa owaziwayo, omsebenzi wakhe ikukuhlekisa abantu xa inkqubo yakhe ekumabonwakude yayisentsha eMexico.
Ekuhambeni kwexesha nam ndaduma noko yaye ndandihlawulwa umvuzo oncumisayo—ndandithenga ubunewunewu obunjengezacholo, iidyasi zoboya obumfumamfuma, indlu ephezu kophahla lwesakhiwo esiphakamileyo. Kwakungekho nto ndandingenayo kodwa nakuba kwakunjalo ndandingonwabanga. Ndandiziva ndingento yanto. Nangona ndikhule ndingumRoma Katolika ndandiba neentloni zokuya ecaweni. Ndandivakalelwa kukuba andicocekanga kuba ndandiziphethe kakubi.
Indlela Endamthanda Ngayo UYehova
Ngoxa ndandiqhelisela ingoma yam yokuqala endandiza kuyishicilela, ndazityand’ igila kumhlobo wam uLorena Wong owayecula uhlobo oluthile lweengoma zesintu zaseMexico ndimchazela ngendlela endandivakalelwa ngayo. Ndathi kuye ndingakuthanda ukuba ngunongendi ndize ndincede amahlwempu. Wathi: “Ufun’ ukuba ngunongendi? Ushiywa ziingqondo!”
Emva koko wandibuza: “Ngaba uyalazi igama likaThixo?”
“Yinkosi uYesu Kristu,” ndaphendula ndatsho.
“Hayi, igama lakhe nguYehova,” watsho. “UYesu nguNyana wakhe.”
“NguYehova?” Ndambuza. Ndandiqala ngqa ukuliva elo gama. ULorena wandinika iBhayibhile waza wathembisa ukuba uza kundithumelela umntu omfundisa iBhayibhile, oliNgqina likaYehova.a
Qho xa ndibona uLorena, ndandidla ngokumbuza ndithi: “Uza kude umthumele nini na lo mntu oza kundifundisa?” Ndandifuna ukwazi okungakumbi ngoThixo.
Ngeli xesha engekafiki loo mntu, ndaqalisa ukuzifundela iBhayibhile ibe ndazibonela ukuba nyhani igama likaThixo nguYehova. (INdumiso 83:18) Yandimangalisa loo nto. Kwakhona ndafunda iMithetho Elishumi yaye ndothuka xa ndabona umthetho othi: “Uze ungakrexezi.” (Eksodus 20:14) Ngelo xesha ndandihlalisana nendoda etshatileyo yaye sasinonyana owayeneenyanga ezisibhozo ubudala. Ndandinaye nomnye unyana kwenye indoda endingazange nditshate nayo.
Ngenye imini ngoxa ndandiqhelisela ingoma endandiza kuyicula kweny’ ishowu, kwankqonkqozwa. Kwathi kanti ngulaa mntu wayefunda iBhayibhile noLorena, uMauricio Linares nenkosikazi yakhe. Bandibonisa injongo kaThixo ngoluntu baza bandishiyela incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade.b Ndayifunda ndayigqiba ngobusuku nje obunye nangona kwakunzima ukuwaqonda amanye amagama. Ndaqala ngolo hlobo ke ukumthanda uYehova.
Ukutshintsha Indlela Endandiphila Ngayo
Njengoko amaNgqina ayendinceda ukuba ndifunde iBhayibhile ndize ndiphucule nendlela endandifunda ngayo, ndabona ukuba ndimele nditshintshe indlela endiphila ngayo ukuze ndikholise uYehova. Ndaqalisa ukulahla imifanekiso, iimbasa namakhubalo ethamsanqa nangona ayenziwe ngegolide.
Kwakunzima gqitha ukuyeka ukutshaya nokunxila. Xa ndidlula kwivenkile ethengisa utywala ndandidla ngokuvuza izinkcwe. Kwanyanzeleka ukuba ndahlukane nabahlobo bam bonke ngenxa yokuba babedla ngokundimemela kwiindawo ezintle ekutyiwa kuze kuselwe kuzo. Ndandisazi ukuba ndandiza kuphela sele ndisela kakhulu.
Kwakhona kwakunzima kum ukuyeka ukuya kumatheko abantu abazizityebi nabaziwayo. Xa ndandimenywe kwitheko lomhla wokuzalwa lembethi mangqindi yaseCuba ndathandaza ndathi: “Lelokugqibela eli Yehova. Andizi kuphinda ndiye yaye andiphindi ndenze izinto ongakholiswayo zizo.” Yaye andizange ndiphinde ndiye.
Ndaluphelisa ulwalamano olwaluphakathi kwam notata wonyana wam wesibini. Nakuba wayesisityebi yaye endithembisa oni noni ukuba andahlukani naye, ndamshiya. Kwakunzima kakhulu ukwahlukana naye kuba ndandimthanda yaye naye wayeyazi loo nto. Ezigwagwisa wathi: “NdinguThixo wakho! NdinguKristu wakho!”
Ndaphendula ndathi: “Kusenokuba bekunjalo, kodwa ngoku uThixo wam nguYehova.” Wandisongela esithi uza kuthatha unyana wakhe aze andenzakalise.
Kwangaxeshanye abanye abantu babesithi ukucula kuyafana neminye imisebenzi—ndinako ukuba liNgqina ndiphinde ndicule. Kanti abanye babesithi: “Akukho cingo liza kukubiyela, likukhusele ungatshayi, ungaseli, ungakuhoyi ukuhendwa ngabalandeli bakho.” Ndabuqonda ubulumko balo mazwi.
Ngoxa ndandiseyimvumi eyaziwayo, abantu babesoloko bendinika imali kuba befuna nje ndiziphathe kakubi. Ndandizimisele ukuba ndingazivumeli ukuba ndilingwe ngolo hlobo. Ngowe-1975, ndasaphula isivumelwano sokuba ndiye kucula eTshayina yaye kwiinyanga ezintandathu emva koko ndabhaptizwa ndaza ndaba liNgqina likaYehova.
Izinto Ezaba Lucelomgeni Nezandivuyisayo
Ndandiza kuzixhasa njani mna nentsapho yam? Ndandingafundanga kwaye ndingenabo ubuchule bokwenza ezinye izinto ngaphandle kokucula. Usisi wam uIrma, abantwana bakhe abathathu noonyana bam amabini babexhomekeke kum. Kwanyanzeleka ukuba simke apho sasihlala khona sifudukele kwindlu enamagumbi amancinane amabini. Kwakulucelomngeni nyhani ukusuka kubomi obutofotofo uze uphile nje ubomi obunzima. Ndandigculelwa ngudade wethu nangabantwana bendinyanzela ukuba ndiqhubeke nomculo, kodwa ndandizimisele ukwenza nantoni na efunekayo ukuze ndikhonze uYehova.
Ndaqalisa ukuthengisa izinto zexabiso endandinazo—izacholo, iidyasi ezinoboyo obumfumamfuma, imoto—ibe saphila ngemali endandiyifumene. Ekuhambeni kwexesha loo mali yaphela. Ukuze sibaleke ukungcungcuthekiswa ngutata wonyana wam wesibini, ngowe-1981 safudukela kwisixeko esikwelinye icala apho wayengazi kusifumana khona.
AmaNgqina alapho andifundisa ukwenza iitamales, iidoughnuts kunye nokunye ukutya endandinokukuthengisa. Kamva ndafumana umsebenzi kumzi-mveliso yaye ndandisebenza ebusuku. Kodwa lo msebenzi wawuphazamisana nokubakho kwam kwiintlanganiso zamaKristu kwakunye nendlela endandimkhonza ngayo uThixo. Ngenxa yoko, ndawuyeka ndaza ndaqalisa ukwenza iitamales ekhaya. Ndandidla ngokuzifaka kwingobozi ndize ndizithengise esitratweni. Ndakwazi ke ukuzixhasa ngoxa ndikwinkonzo yexesha elizeleyo.
Andizisoli Ngokhetho Endalwenzayo
Xa abantu bendibuza ngendlela endivakalelwa ngayo kuba ndashiya umsebenzi onemali njengokuba ndandiyimvumi, ndibaxelela ukuba ayikho into eyogqitha ulwazi endinalo ngoYehova nangeenjongo zakhe ezimangalisayo. Kuyandivuyisa ukubona oonyana bam behambela phambili ekwazini iBhayibhile, besahlulela ubomi babo kuYehova yaye betshata amanye amaKristu. Bobabini oonyana bam, bencediswa ngamakhosikazi abo bakhulisa abantwana babo ngendlela yokuba nabo bakhonze uThixo uYehova.
Ndiphantse ndibe neminyaka engamashumi amathathu ndinguvulindlela, njengoko amaNgqina kaYehova ebabiza ngolo hlobo abo benza umsebenzi wokushumayela ixesha elizeleyo. Ndincedwa nguThixo ndiye ndafundisa abantu abaninzi, kuquka uIrma nentombi yakhe inyaniso eseBhayibhileni yaye baye bahlulela ubomi babo kuThixo. Kundivuyisa gqitha ukubona abo bendibafundela, abaye banjengabantwana bam besahamba enyanisweni—uninzi lwabo lungoovulindela. (3 Yohane 4) Ndithetha nje ndineminyaka engama-64 ubudala yaye ndiqhuba izifundo zeBhayibhile ezili-18.
Ngokungafaniyo ngokuya ndandiseyimvumi ndide ndamazi uThixo yaye umnqweno wokunceda abanye uye waneliswa ngokuthobela umyalelo kaYesu ‘wokuya kwenza abafundi.’ (Mateyu 28:19, 20) Ndiyambulela uYehova kuba eye wandigcina yonke le minyaka yaye usaqhubeka esenjenjalo! Eneneni, ndiye ‘ndangcamla ndaza ndabona ukuba ulungile.’—INdumiso 34:8
[Imibhalo esemazantsi]
a ULorena Wong waba liNgqina likaYehova.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova kodwa ngoku ayisashicilelwa.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ndikunye noonyana bam, amakhosikazi abo nosisi wam onguvulindlela kunye nam
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ndaqhubeka ndisenza ii-tamales yaye ndandizithengisa esitratweni ukuze ndizixhase njengokuba ndikwinkonzo yexesha elizeleyo