IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ijwyp inqa. 19
  • Kutheni Ndizisika?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Ndizisika?
  • Ulutsha Luyabuza
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutheni abantu bezisika?
  • Ukuba unale ngxaki, ungayeka njani?
  • Kutheni Ndizenzakalisa?
    Vukani!—2006
  • Isizathu Sokuba Ndiyeke Umsebenzi Ondihlawula Imali Eninzi
    Vukani!—2010
  • Ndinokuyeka Njani Ukuzenzakalisa?
    Vukani!—2006
  • Xa Umntwana Wakho Ofikisayo Ezenzakalisa Emzimbeni Ngabom
    Vukani!—2013
Khangela Okunye
Ulutsha Luyabuza
ijwyp inqa. 19

ULUTSHA LUYABUZA

Kutheni Ndizisika?

  • Yintoni ukuzisika?

  • Kutheni abantu bezisika?

  • Ukuba unale ngxaki, ungayiyeka njani?

  • Udliwano-ndlebe

  • Imibuzo onokucinga ngayo

  • Uludwe lwam lwezibhalo

Yintoni ukuzisika?

Abantu abazisikayo baziva benyanzelekile ukwenjenjalo, bezisika ngesixhobo esibukhali. Ngaloo ndlela bayazenzakalisa. Oku kuquka ukuzitshisa, ukuzikrwela okanye ukuzibethekisa. Eli nqaku lithetha ngokuzisika, kodwa imigaqo ekulo isebenza kuzo zonke iindlela zokuzenzakalisa.

Hlola ulwazi lwakho: Yinyaniso okanye Bubuxoki.

  1. Ngamantombazana kuphela azisikayo.

  2. Ukuzisika kunxamnye nomyalelo weBhayibhileni okwiLevitikus 19:28, othi: “Nize ningenzi ntlanga enyameni yenu.”

Iimpendulo ezichanileyo:

  1. Bubuxoki. Nangona ingamantombazana kakhulu anale ngxaki, namakhwenkwe akhe azisike.

  2. Bubuxoki. ILevitikus 19:28 ibhekisela kwisithethe sabahedeni kungekhona ekuzisikeni ekuthethwa ngako kweli nqaku. Noko ke, kusengqiqweni ngoMdali onothando ukuba angafuni sizenzakalise.—1 Korinte 6:12; 2 Korinte 7:1; 1 Yohane 4:8.

Kutheni abantu bezisika?

Hlola ulwazi lwakho: Sisiphi isivakalisi ocinga ukuba sesona sichanileyo?

Abantu bazisika . . .

  1. ngenxa yokuba bezama ukumelana nokubandezeleka.

  2. ngenxa yokuba bezama ukuzibulala.

Impendulo echanileyo: A. Abantu abaninzi abazisikayo abafuni kufa. Bafuna nje isiqabu ekuxinezelekeni kwabo ngokweemvakalelo.

Phawula oko kuthethwa lolunye ulutsha oluzisikayo.

UCelia: “Ndifumana isiqabu.”

UTamara: “Ukuzisika kubhetele kunentlungu endiba nayo ngokweemvakalelo.”

UCarrie: “Andikuthandi ukuziva ndikhathazekile. Xa ndizisika ndiyayeka ukucinga ngaloo nto indikhathazileyo.”

UJerrine: “Qho ndizisika ndiyalibala ngeengxaki endinazo.”

Ukuba unale ngxaki, ungayeka njani?

Ukuthandaza kuYehova uThixo linyathelo elisa ekuchacheni. IBhayibhile ithi: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.

Icebiso: Qala ngokwenza umthandazo omfutshane, mhlawumbi uthi kuYehova, “Ndidinga uncedo.” Ekuhambeni kwexesha uya kukwazi ukuphalaza imbilini yakho ‘kuThixo wentuthuzelo yonke.’—2 Korinte 1:3, 4.

Umthandazo awuyonto ikwenza uchache okwexeshana. Yincoko ebakho phakathi kwakho noBawo wasezulwini, okuthembisa oku: “Ndiza kukunceda ngokwenene. Ndiza kukubamba nkqi ngokwenene ngesandla sam sasekunene sobulungisa.”—Isaya 41:10.

Abantu abaninzi abanengxaki yokuzisika baye bathuthuzeleka xa bethethe nomzali okanye omnye umntu omdala abamthembileyo. Makhe sihlole oko kuthethwa ngamabhinqa amathathu aselula aye enjenjalo.

Udliwano-ndlebe

  • UDiana, ona-21

  • UKathy, ona-15

  • ULorena, ona-17

Wawuneminyaka emingaphi ukuqala kwakho ukuzisika?

ULorena: Ndaqala xa ndandina-14.

UDiana: Ndandina-18. Ndandizisika suku ngalunye lweveki okanye suku ngalunye kangangeeveki ezimbini ndize ndingazisiki kangangenyanga.

UKathy: Ndaqala xa ndandina-14. Ndikhe ndivukwe likakade.

Yintoni eyayikwenza uzisike?

UKathy: Ndandinengxaki yokungazithandi. Ndandicinga ukuba akukho mntu ufuna ukuba ngumhlobo wam.

UDiana: Maxa wambi intlungu endinayo yayindenza ndibe nomsindo ndize ndiphelelwe lithemba. Kwakuba ngathi kukho irhamncwa elikhulu ngaphakathi kum, ibe yayiba ngathi mandizisike ukuze ndilikhuphe.

ULorena: Ndandixinezeleka okanye ndibe lugcwabevu ngumsindo okanye ndizive ndityhafile. Ndandiba ngathi ndingcolile ibe ndandifuna ukususa loo mvakalelo. Oku kwakundenza ndivakalelwe kukuba ndimele ndizisike.

Ngaba ukuzisika kwakukwenza uzive ubhetele?

UDiana: Ewe kuba bhetele. Kwakusithi xibilili ngokungathi kothulwe umthwalo omkhulu.

UKathy: Ukuzisika kuyafana nokulila. Ndandiziva bhetele xa ndizisikile kanye njengokuba nabanye abantu beziva bhetele xa bekhe balila.

ULorena: Ukuzisika kwakufana nokugqobhoza umngxuma omncinane kwibhaloni. Ayiqhabhuki kodwa umoya uphuma ngokuthe ngcembe. Kuba njalo nangeemvakalelo zam ezibuhlungu xa ndizisikile.

Ngaba wawusoyika ukuchazela abanye abantu ngale nto uyenzayo?

ULorena: Ewe ndandisoyika. Ndandisoyika ukuba abantu baza kucinga ukuba ndenza into engaqhelekanga. Okunye, ndandingafuni abantu bazi ngezinto ezenzekayo ebomini bam.

UDiana: Abantu babesoloko besithi kum ndiyakwazi ukumelana nobunzima ibe ndandifuna bahlale becinga ngolo hlobo. Ndandicinga ukuba, ukuba ndicela uncedo ndakuba ndilityutyusi.

UKathy: Ndandisoyika ukuba abantu baza kucinga ukuba ndixinezelekile, nto leyo eyayiza kundenza buhlungu nangakumbi. Sekunjalo, ndandivakalelwa kukuba ndimele ndizisike.

Yintoni eyakuncedayo wayeka ukuzisika?

ULorena: Ndachazela umama ngoko bendikwenza. Nogqirha wandinceda ndakwazi ukulawula iimvakalelo ezimbi. Ndakhe ndavukwa likakade, kodwa ukuqhubeka ndifunda iBhayibhile kwandinceda. Ndandisoloko ndisiya nakumsebenzi wokushumayela owenziwa ngamaKristu. Ndikhe ndikhathazwe ziimvakalelo zokuziva ndingento yanto, kodwa xa zivela andizivumeli zindilawule.

UKathy: Udade ongumKristu omdala kunam ngeminyaka elishumi wabona ukuba ukhona undonakele, ibe ekugqibeleni ndamchazela. Ndothuka ndakuva ukuba naye wakha wanengxaki efanayo. Loo nto yandenza ndaziva ndikhululekile ukuthetha naye. Ndancedwa nangugqirha owenza mna nabazali bam sayiqonda bhetele imeko endandityhubela kuyo.

UDiana: Ngeny’ ingokuhlwa ndandityelele esinye isibini endisithembileyo, yaye utata welo khaya waphawula ukuba ikhon’ ingxaki. Wandicenga esithi mandibachazele ingxaki. Inkosikazi yakhe yandanga ngendlela umama awayesenza ngayo xa ndandiseyintwazana. Andizange ndikwazi ukuzibamba, ndalila ibe nayo yandincedisa. Kwakunzima ukubachazela ukuba bekusenzeka ntoni ebomini bam, kodwa ndiyavuya kuba ndade ndabachazela.

Ikuncede njani iBhayibhile?

UDiana: IBhayibhile iye yandinceda ndabona ukuba andinakukwazi ukuyoyisa ndedwa le ngxaki. Kufuneka ndincedwe nguYehova uThixo.​—IMizekeliso 3:5, 6.

UKathy: Ukufunda iBhayibhile, nokwazi ukuba isigidimi sayo sivela kuThixo, kuyandithuthuzela!​—2 Timoti 3:16.

ULorena: Xa ndidibana nezibhalo ezindichukumisayo, ndizibhala encwadini ukuze ndiphinde ndizifunde.​—1 Timoti 4:15.

Ngaba sikho isibhalo esakuncedayo?

UDiana: IMizekeliso 18:1 ithi: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” Maxa wambi kuba nzima ukuba phakathi kwabantu, kodwa lo mbhalo undincede ndaqonda ukuba ukuzahlula kuyingozi.

UKathy: Iivesi ezimbini zeBhayibhile endizithandayo nguMateyu 10:29 no-31, kuzo uYesu uthi, akukho namnye ungqatyana ofayo ngaphandle kolwazi lukaYehova uThixo. Waleka ngelithi: “Musani ukoyika: nixabiseke ngaphezu koongqatyana abaninzi.” Nanamhl’ oku, ezi vesi zindikhumbuza ukuba uYehova undixabisile.

ULorena: Ndiyamthanda uIsaya 41:​9, 10, apho uYehova uthi kubantu bakhe: “Andikugatyanga. Musa ukoyika, kuba ndinawe. . . . Ndiza kukuqinisa.” Xa ndicinga ngento eqinileyo ndicinga ngento ekungenakuphumela nto ngapha kwayo njengodonga lwamatye. Esi sibhalo siyandomeleza, kuba ndiyazi ukuba uYehova uyandithanda yaye uya kusoloko esecaleni kwam ngalo lonke ixesha.

Imibuzo onokucinga ngayo

  • Xa udinga uncedo, ungalucela kubani?

  • Ungayibeka njani imeko xa uthandaza kuYehova uThixo?

  • Ngaba ungachaza ngeendlela ezimbini onokuzisebenzisa ukuze unciphise uxinezeleko (ezingaquki ukuzisika)?

Uludwe lwam lwezibhalo

Icebiso: Xa udibana nombhalo eBhayibhileni okuqinisekisayo ukuba uYehova uyakuthanda okanye onokukunceda uzijonge kakuhle izinto kwakunye neentsilelo zakho, wubhale loo mbhalo kuludwe lwakho. Bhala isivakalisi esinye okanye ezibini ecaleni kwawo esibonisa isizathu sokuba lo mbhalo ubaluleke kuwe. Ukukunceda uqalise ukubhala olwakho uludwe, nantsi eminye imibhalo eye yanceda uDiana, uKathy noLorena.

  • Roma 8:38, 39

    “Ezi ndinyana zindibonisa ukuba uYehova uyandithanda, naxa kukhe kube nzima.”​—UDiana.

  • INdumiso 73:23

    “IZibhalo ezinjengesi ziyandiqinisekisa ukuba andindodwa. Kuba ngathi uYehova ulapha ecaleni kwam.”​—UKathy.

  • 1 Petros 5:10

    “Isiqabu sisenokungakhawulezi sibe khona; kusenokufuneka sikhe sibandezeleke “okwethutyana.” Noko ke, ekugqibeleni uYehova usomeleza ukuze sinyamezele nantoni na.”​—ULorena.

Ezinye izibhalo onokuzihlola

  • INdumiso 34:18

  • INdumiso 54:4

  • INdumiso 55:22

  • Isaya 57:15

  • Mateyu 11:28, 29

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share