Okwenzeka Ehlabathini
Olunye uhlolisiso luthi malunga ne-10.3 ekhulwini kumadoda aseBrazil aneminyaka ephakathi kweli-15 nengama-64 akhe aba neentlobano zesini ubuncinane nomntu omnye adibene naye kwi-Internet kwiinyanga ezili-12 ezidluleyo.—IBRAZILIAN MINISTRY OF HEALTH.
Ulwandlekazi lweArctic belusoloko lugqunywe ngumkhenkce omninzi onomphakamo ongangeemitha ezingama-80. Ngoku “lo mkhenkce ungaka . . . uye wanyibilika phantse wonke nto leyo eza kuvulela iinqanawa indlela.”—IREUTERS NEWS SERVICE, EKHANADA.
IMoscow neVatican ziye zachaza ukuba kuza kubakho ubudlelane phakathi kwazo.—IRIA NOVOSTI, ERASHIYA.
IKilimanjaro, intaba ephakamileyo eAfrika, “yaphulukana nama-26 ekhulwini omkhenkce ubuyigqumile phakathi konyaka wowama-2000 nowama-2007.”—IDAILY NATION, EKENYA.
Oonkom’ Edla Yodwa Abaxinezelekileyo
Ingxelo evela kwiDaily Telegraph yaseLondon ithi, ngokutsho kwabaphengululi, iBritani “yeyona ndawo inabantu abangoonkom’ idla yodwa ehlabathini lonke, abazithanda kakhulu kunabanye abantu.” Olunye uhlolisiso luye lwafumanisa ukuba abantu baseBritani ngabona baxinezeleke kakhulu. Ezinye iingcali zithi ukuxinezeleka kwabo kunento yokwenza nokuba ngoonkom’ idla yodwa kwabo. Ziye zathelekisa abantu baseNtshona nabantu baseTshayina naseTaiwan. Kubonakala ukuba ngenxa yokuba abantu baseTshayina naseTaiwan bethanda abantu, baye bakhuseleka kwizigulo zengqondo. Le Telegraph ikwabonisa ukuba eNtshona, “ukuzingca . . . kubenza baxinezeleke.”
Ukutshata Kwamafanasini Ecaweni YaseSweden
Ngo-Oktobha wowama-2009, iCawa yamaLuthere yaseSweden yavuma ukutshatisa amafanasini. Esi sigqibo senziwa emva kweenyanga ezimbalwa urhulumente waseSweden eseke umthetho ovumela amafanasini ukuba atshate. Iphephandaba iDagens Nyheter lithi: “Oku kuthetha ukuba iCawa yaseSweden yenye yeecawa zokuqala ehlabathini eziye zayitshintsha imbono eqhelekileyo yokuba indoda ifanele itshate nomfazi.”
Iintsana Zikhala Ngaluphi Ulwimi?
Ngokutsho kwabaphengululi baseWürzburg University, eJamani, ukususela nje kwiintsuku ezimbini luzelwe, usana lukhala ngolwimi lwabazali balo. Aba baphengululi barekhoda izikhalo zeentsana zamaFrench ezingama-30 nezamaJamani ezingama-30 baza bahlolisisa isingqi nesandi. Iintsana zamaFrench ziqala ngesandi esiphantsi nesiye sinyuke, ngoxa ezamaJamani ziqala ngesandi esiphezulu size sehle. Kuzo zombini ezi ndidi zeentsana isikhalo sisondele kulwimi lwabazali. Ngoko, bakholelwa ekubeni usana luqala ukufunda ulwimi lusesesibelekweni yaye luqala ukuthetha ulwimi lwalo xa luqala ukukhala.