IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/10 iphe. 24
  • Iliso Lembaza (odontodactylus scyllarus)

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iliso Lembaza (odontodactylus scyllarus)
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Iziqulatho
    Vukani!—2010
  • Landela Ukhanyiselo Lwehlabathi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • “Ukhanyiso Lufikile Ehlabathini”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Vukani!—2010
g 11/10 iphe. 24

Ngaba Ladalwa?

Iliso Lembaza (odontodactylus scyllarus)

● Imbaza, efumaneka kwiGreat Barrier Reef yaseOstreliya, inawona mehlo akha antsonkotha kunazo zonke ezinye izilwanyana. UGqr. Nicholas Roberts uthi: “Iyamangalisa yaye ayikho into enjengale kuzo zonke izinto ezikhe zenziwa ngabantu.”

Khawucinge ngoku: Imbaza ikwazi ukubona ukukhanya okubizwa ngokuba yipolarized light nto leyo abantu abangakwaziyo ukuyenza. Ipolarized light, inokuhamba ngendlela ethe ngqo okanye ijikeleze. Ngokungafaniyo nezinye izidalwa, imbaza ayipheleli nje ekuboneni ipolarized light xa ihamba ngendlela ethe ngqo naxa ijikeleza kodwa iyakwazi nokuyiguqula. Oko kunceda imbaza ibone kakuhle.

IiDVD player zisebenza ngendlela efanayo. Ukuze ikwazi ukufumana inkcazelo ekwiDVD kufuneka iguqule ipolarized light ihambe ngendlela ejikelezayo ize iphinde iyibuyisele kwindlela ethe ngqo. Kodwa imbaza yenza okungakumbi kunoku. Nangona iDVD player eqhelekileyo iguqula ukukhanya okubomvu kuphela—okanye ukukhanya okuluhlaza kwiiDVD player ezinemifanekiso ecace gca—iliso lembaza likwazi ukuguqula yonke imibala ebonakalayo.

Abaphengululi bakholelwa ukuba xa oononjineli benokujonga kwiliso lembaza banokuvelisa iDVD player edlala amacwecwe anenkcazelo engakumbi kuneeDVD zale mihla. Lo kaRoberts uthi: “Eyona nto ichulumancisayo yindlela elula ngayo le nto. Isebenza kakuhle kunawo onke amalinge esikhe sawenza.”

Ucinga ntoni? Ngaba iliso lembaza elimangalisayo lazivelela? Okanye ngaba ladalwa?

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 24]

Courtesy Stephen Childs

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share