IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/11 iphe. 3
  • Unokuyiphucula Impilo Yakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokuyiphucula Impilo Yakho
  • Vukani!—2011
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Nyamekela Impilo Yakho!
  • Phucula Impilo Yakho
    Vukani!—2011
  • Izinto Exhomekeke Kuzo Impilo Yakho—Onokukwenza
    Vukani!—1995
  • Londoloza Ukholo Nempilo Yakho Yokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • 1 | Khusela Impilo Yakho
    Vukani!—2022
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 3/11 iphe. 3

Unokuyiphucula Impilo Yakho

URUSTAM, ohlala eRashiya usoloko exakekile. Ngaphambili wayekade engayikhathalelanga impilo yakhe kodwa ekuhambeni kwexesha waqonda ukuba loo nto yayibeka impilo yakhe esichengeni. Ngenxa yoko, wayeka ukutshaya nokuzinkcinkca ngotywala. Sekunjalo, ukusebenzisa ikhompyutha ixesha elide kwakumshiya ecubhukile.

Nangona uRustam wayeqala ngentsimbi yesibhozo kusasa emsebenzini, kwakuba nzima ukusebenza de ibe yintsimbi yeshumi yaye wayesoloko egula. Ngenxa yoko wayitshintsha indlela awayezenza ngayo izinto. Waba yintoni umphumo? Uthi: “Kule minyaka isixhenxe idluleyo, andikhange ndigule ngaphezu kweentsuku ezimbini ngonyaka. Ndiziva ndihlaziyekile—ndithe qwa yaye ndiphaphile—yaye ndiyabunandipha ubomi!”

URam uhlala eNepal nenkosikazi yakhe kunye nabantwana babo ababini. Azikho izindlu zangasese ezigungxulwayo kwindawo abahlala kuyo yaye kubhuza iingcongconi neempukane. Ngaphambili, uRam nentsapho yakhe babedla ngokuba neengxaki zokuphefumla nezamehlo. Nabo baye benza utshintsho oluye lwaphucula impilo yabo.

Nyamekela Impilo Yakho!

Enoba bazizityebi okanye bangamahlwempu, abantu abaninzi bayasilela ukubona indlela izinto abazenzayo eziyichaphazela ngayo impilo yabo. Basenokucinga ukuba into yokuba sempilweni yinto eyekelwa kumabona-ndenzile okanye into abangenakukwazi ukuyilawula. Loo mbono yenza abantu abaninzi bangayiphuculi impilo yabo nto leyo ekhokelela ekubeni bangaphili ubomi obunenjongo.

Kodwa inyaniso kukuba, enoba usisityebi okanye ulihlwempu, zikho izinto onokuzenza ukuze ukhusele uze uphucule impilo yakho neyentsapho yakho. Ngaba ukwenjenjalo kuwufanele umgudu? Ewe kunjalo. Unako ukuphucula ubomi bakho uze uphephe izinto ezisenokububeka esichengeni.

Ngamazwi nomzekelo wabo abazali bakufundisa abantwana babo indlela yokuhlala besempilweni. Ixesha nemali abayichitha bezama ukonga impilo yabo incinane xa ithelekiswa neendleko ebebeza kungena kuzo xa begula yaye behlawula iindleko zezonyango. Kubhetele ukukhusela impilo yakho kunokuyinyanga.

Kumanqaku alandelayo, siza kuhlola izinto ezintlanu ezisisiseko eziye zanceda uRustam, uRam nabanye abantu abaninzi. Ezi zinto zingakunceda nawe!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share