Uncedo Lwabo Bafelweyo
“UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo.”—INdumiso 34:18.
EMVA kokufelwa sisalamane usenokuba neemvakalelo ezininzi, kuquka ukothuka, ukuba lusizi, mhlawumbi nkqu nokuziva unetyala okanye unomsindo. Njengokuba sele kutshiwo kwinqaku elandulela eli, abantu abayinyamezeli ngendlela efanayo intlungu. Ngoko ke, usenokungabi nazo ezi mvakalelo yaye usenokungazibonakalisi njengabanye. Sekunjalo, akukho nto iphosakeleyo ngokubonisa indlela ovakalelwa ngayo okanye usizi.
“Musa Ukuyifihla Intlungu Okuyo!”
UHeloisa ugqirha ebekuthethwe ngaye ngaphambili, wazama ukuzibamba ezakhe iimvakalelo emva kokusweleka kukamama wakhe. Uthi, “Ekuqaleni ndakhala njengoko ndandidla ngokwenza xa kusweleke esinye sezigulana kodwa emva koko ndandingazivezi iimvakalelo zam. Ngenxa yoko, impilo yam iye yachaphazeleka kakhulu. Icebiso lam kwabo bafelwe ngabantu ababathandayo leli: Musa ukuyifihla intlungu okuyo! Yikhuphe de uzive ubhetele.”
Noko ke, njengoko ixesha lihamba usenokuvakalelwa ngendlela efanayo noCecília owaswelekelwa ngumyeni wakhe owayegula ngumhlaza. Uthi, “Ngamanye amaxesha, ndiye ndizive ndibuhlungu ngenxa yokuba kubonakala ngathi andichachi ngexesha ebekulindeleke ukuba ndichache ngalo.”
Ukuba ukhe uzive ngaloo ndlela khumbula ukuba ayikho nye indlela efanelekileyo yokujamelana nokufelwa. Abanye bayakhawuleza ukuchacha. Abanye bathath’ ixesha. Kwiimeko ezinjalo awufanele uzixheshe, ngoko musa ukuziva unyanzelekile ukuba uchache emva kwexesha elithile.a
Kodwa kuthekani ukuba awude uchache? Mhlawumbi imeko yakho iyafana neyendoda elilungisa uYakobi ‘owayengavumi ukuthuthuzeleka,’ xa waxelelwa ukuba unyana wakhe uYosefu ufile. (Genesis 37:35) Ukuba yindlela ovakalelwa ngayo leyo, yintoni onokuyenza ukuze ungabikho buhlungu ngokugqithiseleyo?
Zinyamekele. UCecília uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndizive ndidinwe ndiyimfe ndize ndiqonde ukuba ndikhathazeke ngokugqithiseleyo.” Njengoko izinto azithethayo zibonisa, intlungu yokufelwa inokukwenza udinwe emzimbeni nangokweemvakalelo. Ngoko ke, ufanele uyinyamekele impilo yakho. Phumla ngokwaneleyo uze utye ukutya okunesondlo.
Kuyinyaniso ukuba usenokungakucaceli ukutya, ukuya kuthenga okanye ukupheka. Noko ke, ukungatyi kunokukwenza ungenwe lula zizifo, nto leyo enokuyenza maxongo nangakumbi imeko yakho. Okungenani zama ukutya nokuba yintwana yokutya ukuze uhlale usempilweni.b
Ukuba kunokwenzeka, yenza uhlobo oluthile lomthambo enoba kukuhamba nje kuphela. Loo nto inokukunceda ubethwe ngumoya. Ngaphezu koko, umthambo olinganiselweyo unceda ingqondo isebenze kakuhle yaye loo nto inokukwenza uzive bhetele.
Lwamkele uncedo lwabanye. Oku kubaluleke nangakumbi xa ufelwe liqabane. Kusenokwenzeka ukuba kukho imisebenzi ebeliyenza iqabane lakho yaye ngoku akukho mntu wokuyenza. Ngokomzekelo, ukuba iqabane lakho belinyamekela imicimbi yezimali okanye eminye imisebenzi yasekhaya, usenokukufumanisa kunzima ekuqaleni ukuyenza ngokwakho le misebenzi. Kwiimeko ezinjalo, icebiso labahlobo linokukunceda kakhulu.—IMizekeliso 25:11.
IBhayibhile ithi umhlobo wenene, ngulowo “ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMizekeliso 17:17) Ngoko ke, musa ukuzenza ikheswa kuba ucinga ukuba uluxanduva kubahlobo bakho. Kunoko, ukuba kunye nabanye abantu kunokukunceda uchache. Emva kokusweleka kukanina, uSally ibhinqa eliselula uthi ukuhlala nabanye kwamnceda kakhulu. Uthi: “Abahlobo bam abaninzi babedla ngokundimema ukuba ndibathelele kwizinto ababezenza. Oko kwandinceda ndakwazi ukujamelana nobulolo. Ndandiyixabisa imibuzo efana nothi, ‘Uziva njani ngoku, njengokuba umama wakho engasekho?’ Ndafumanisa ukuba ukuthetha ngomama kwandinceda ndachacha.”
Mkhumbule umfi ngamanye amaxesha. Zama ukukhumbula amaxesha awonwabisayo owakha wawanandipha kunye naye, mhlawumbi ngokubuka iifoto. Kuyinyaniso ukuba ukukhumbula loo maxesha kusenokuba buhlungu ekuqaleni. Noko ke, ekuhambeni kwexesha ezo nkumbulo zisenokukunceda uxole kunokuba zikwenze buhlungu.
Usenokude uzibhale encwadini izinto enakha nazenza kunye. Usenokubhala izinto ezimnandi enakha nazenza ude uquke nezinto onqwenela ukuba ubuye wazithetha kuye ngoxa wayesaphila. Unokuyiqonda lula indlela ovakalelwa ngayo xa uyibhale phantsi. Ukubhala kusenokukunceda uchaze indlela ovakalelwa ngayo.
Ngaba ufanele uzigcine izinto zomfi? Abantu baneembono ezahlukeneyo ngalo mbandela yaye loo nto ayothusi kuba kaloku abantu bajamelana nentlungu yokufelwa ngeendlela ezingafaniyo. Abanye bacinga ukuba ukugcina izinto zomfi kubenza bangachachi ngokukhawuleza. Abanye bakufumanisa kuluncedo. USally ocatshulwe ngasentla uthi: “Ndiye ndazigcina izinto zikamama ezininzi. Ukwenjenjalo kukunceda uchache!”c
Thembela ‘kuThixo wentuthuzelo yonke.’ IBhayibhile ithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa.” (INdumiso 55:22) Ukuthandaza kuThixo akukuncedi uzive bhetele nje kuphela. Kukwayindlela yokwenene nebalulekileyo yokuthetha “noThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.”—2 Korinte 1:3, 4.
ILizwi likaThixo iBhayibhile liyakwazi ukubathuthuzela bonke abantu. UPawulos umpostile ongumKristu wathi: “Ndinethemba kuThixo . . . lokuba kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Ukucinga ngethemba lovuko eliseBhayibhileni kunokubathuthuzela ngokwenene abo bafelweyo.d ULauren owaswelekelwa ngumntakwabo wabubona ubunyaniso boku. Uthi: “Enoba ndandiziva ndibuhlungu kangakanani, ndandidla ngokufunda noba yindinyana nje enye yeBhayibhile. Ndandidla ngokufunda iindinyana ezikhuthazayo yaye ndandiziphindaphinda. Ngokomzekelo, andithuthuzela gqitha amazwi awathethwa nguYesu kuMarta emva kokufa kukaLazaro. Wathi: ‘Umntakwenu uza kuvuka.’”—Yohane 11:23.
“Ungakuvumeli Ukuba Kukongamele”
Nangona kungekho lula, ukuqhubeka nobomi emva kokufelwa kuyanceda. Ungaziva unetyala ngokungathi uyamngcatsha umfi okanye uyamlibala. Inyaniso kukuba awusoze umlibale umfi. Ngamanye amaxesha uza kumkhumbula kodwa ke intlungu iza kuya idamba ngokuthe ngcembe.
Kusenokwenzeka ukuba zikho nezinye izinto osenokuzikhumbula. Ngokomzekelo, uAshley ebekuthethwe ngaye kwinqaku elandulela eli uthi: “Ndikhumbula usuku olungaphambi kokufa kukamama. Wayebonakala ebhetele yaye wavuka okokuqala emva kweentsuku ezininzi elele ebhedini. Ngoxa udadewethu wayemkam’ iinwele, kukho into eyasihlekisayo yaye ndabona umama encuma, nto leyo esasingasayazi. Kwakumvuyisa ukuba kunye neentombi zakhe.”
Kwakhona usenokukhumbula izifundo ezibalulekileyo owazifunda ngoxa wawukunye nomfi. Ngokomzekelo uSally uthi: “Umama wayekuthanda ukufundisa. Wayendinika amacebiso amahle ngaphandle kokundinyanzela kwaye wandifundisa indlela yokuzenzela izigqibo.”
Ukukhumbula umhlobo okanye isalamane sakho esiswelekileyo kunokukunceda uqhubeke nobomi. Koko kanye okwafunyaniswa ligatyana lomfana elinguAlex. Uthi: “Emva kokusweleka kukatata ndagqiba kwelokuba ndiphile ngendlela awayendifundise ngayo kuba wayethe ndifanele ndibunandiphe ubomi. Kubantu abaswelekelwe ngabazali ndifuna ukuthi, Intlungu yokufelwa ngumzali ayisokuze iphele ngokupheleleyo, kodwa musa ukuyivumela ukuba ikulawule. Mlilele umfi kuba oko kuyimfuneko kodwa ungalibali ukuba kusafuneka uqhubeke nobomi.”
[Imibhalo esemazantsi]
a Xa ukwimeko enjalo, kuya kuba kuhle ukuba ungenzi izigqibo ezikhawulezileyo njengokuthenga umzi okanye ukuqalisa ulwalamano olutsha. Izigqibo ezinjalo ufanele uzenze xa sele uyiqhelile imeko yakho entsha.
b Nangona utywala bunokuyithomalalisa intlungu yokufelwa, isiqabu obuza naso sesokwexeshana. Utywala abunako ukukunceda ujamelane nentlungu okuyo yaye kunokukwenza ube likhoboka labo.
c Ekubeni umntu ngamnye echacha ngendlela eyahlukileyo, abahlobo nezalamane azifanele zinyanzele lowo ufelweyo ukuba achache ngendlela zona ezithanda ngayo.—Galati 6:2, 5.
d Ukuba ufuna ukwazi ngemeko yabafi nangesithembiso sikaThixo sovuko, funda isahluko sesi-6 nesesi-7 kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
“Enoba ndandiziva ndibuhlungu kangakanani, ndandidla ngokufunda noba yindinyana nje enye yeBhayibhile”—ULauren
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]
UKUHLANGABEZANA NOKUZIBEK’ ITYALA
Mhlawumbi uvakalelwa kukuba ukungakhathali kwakho kube negalelo ekufeni kwalowo umthandayo. Ukuqonda ukuba ukuziva unetyala—enoba unalo ngokwenene okanye uyakuthelekelela oko—yindlela yokwemvelo yokusabela xa ubuhlungu, kunokuba luncedo nako. Kwakhona akunyanzelekanga ukuba uzigcine kuwe ezo mvakalelo. Ukuthetha ngendlela oziva unetyala ngayo kunokukunceda ngokwenene.
Phofu ke, khumbula ukuba nokuba simthanda kangakanani na omnye umntu, asinakubulawula ubomi bakhe, singenakulithintela ‘ixesha nesihlo esingenakubonwa kwangaphambili’ ukuba sifikele abo sibathandayo. (INtshumayeli 9:11) Ngapha koko, ngokungathandabuzekiyo iintshukumisa zakho bezingekho mbi. Ngokomzekelo, ngokungalungiseleli ukuba adibane nogqirha ngokukhawuleza, ngaba ubunenjongo yokuba lowo umthandayo agule aze afe? Kakade akunjalo! Ngoko ngaba unetyala lokubangela ukufa kwakhe? Hayi.
Omnye umama wafunda ukujamelana nokuziva enetyala emva kokufa kwentombi yakhe kwingozi yenqwelo-mafutha. Uyacacisa: “Ndandiziva ndinetyala kuba ndandimthumile. Kodwa ndaqonda ukuba kwakungekho ngqiqweni ukuvakalelwa ngaloo ndlela. Kwakungekho nto iphosakeleyo ngokumthuma noyise. Kuphela nje kwabakho ingozi emanyumnyezi.”
‘Kodwa kukho izinto zininzi endinga ngendizithethile okanye ndizenzile,’ usenokutsho. Liyinyaniso elo, kodwa ngubani kuthi onokuthi ebengubawo, umama okanye umntwana ogqibeleleyo? IBhayibhile iyasikhumbuza: “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi. Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo.” (Yakobi 3:2; Roma 5:12) Ngoko samkele isibakala sokuba akufezekanga. Ukusoloko ucinga oo-“akwaba” akuyi kuguqula nto, kodwa kusenokukulibazisa ekubeni uchache.e
[Umbhalo osemazantsi]
e Izinto ezibhalwe kule bhokisi zithathwe kwincwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Maxa wambi, umzali ofelweyo kufuneka athuthuzele umntwana wakhe osele emdala
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
Ukubhala iimvakalelo zakho, ukubuka iifoto nokwamkela uncedo lwabanye zezinye zeendlela zokunyamezela intlungu yokufelwa