Iglu Yombungu Owakha Indlu Yawo Phantsi Kwamanzi
Ngaba Yadalwa?
● Oogqirha badibanisa amathambo awophukileyo ngeentsimbi, izikhonkwane nezinye izinto kodwa ke ezo zinto zinkulu kakhulu ukuba zingasetyenziswa nakumathambo amancinane. De kube mva nje abaphandi bebengakwazi ukwenza iglu enokukwazi ukusebenza kakuhle emzimbeni womntu. Bafumana isicombululo esinokusebenza ngokufunda ngalo mbungu.
Khawucinge ngoku: Lo mbungu wakha indlu yawo phantsi kwamanzi ngeentlalutye zesanti nangeengceba zoonokrwece. Ezi zinto uzidibanisa ngeglu eveliswa lidlala elisesinqeni sawo. Le glu isebenza bhetele kakhulu kuneeglu ezenziwa ngabantu. Ineeproteni eziyenza ikhawuleze yome. Lo mbungu uye wabizwa ngokuba ngumakhi ophum’ izandla. URussell Stewart weYunivesithi yaseUtah uthi lo mbungu uye wacombulula “iingxaki zokudibanisa amathambo ezintsonkothileyo.”
Abaphandi baye bayikopa le glu baza benza iiglu ezomelele ngaphezu kwayo. Iglu abaye bayenza iyanyibilika xa amathambo sele emilile. Ukuba iyaphumelela, iza kuba luncedo kakhulu kubantu abophukileyo.
Ucinga ntoni? Ngaba le glu yalo mbungu yabakho ngamabona ndenzile? Okanye ngaba yadalwa?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Oogqirha bafuna ukudibanisa amathambo ngaphandle kokusebenzisa iintsimbi
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]
Sandcastle worm: © Peter J. Bryant, University of California, Irvine