IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/11 iphe. 26
  • Iglu Yombungu Owakha Indlu Yawo Phantsi Kwamanzi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iglu Yombungu Owakha Indlu Yawo Phantsi Kwamanzi
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Iziqulatho
    Vukani!—2011
  • Igophe Elithi Ndijonge
    Vukani!—2008
  • Ukufunxa Iglu—Ngaba Ngenene Kunokundenzakalisa?
    Vukani!—1994
  • Okwenzeka Ehlabathini
    Vukani!—2010
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 4/11 iphe. 26

Iglu Yombungu Owakha Indlu Yawo Phantsi Kwamanzi

Ngaba Yadalwa?

● Oogqirha badibanisa amathambo awophukileyo ngeentsimbi, izikhonkwane nezinye izinto kodwa ke ezo zinto zinkulu kakhulu ukuba zingasetyenziswa nakumathambo amancinane. De kube mva nje abaphandi bebengakwazi ukwenza iglu enokukwazi ukusebenza kakuhle emzimbeni womntu. Bafumana isicombululo esinokusebenza ngokufunda ngalo mbungu.

Khawucinge ngoku: Lo mbungu wakha indlu yawo phantsi kwamanzi ngeentlalutye zesanti nangeengceba zoonokrwece. Ezi zinto uzidibanisa ngeglu eveliswa lidlala elisesinqeni sawo. Le glu isebenza bhetele kakhulu kuneeglu ezenziwa ngabantu. Ineeproteni eziyenza ikhawuleze yome. Lo mbungu uye wabizwa ngokuba ngumakhi ophum’ izandla. URussell Stewart weYunivesithi yaseUtah uthi lo mbungu uye wacombulula “iingxaki zokudibanisa amathambo ezintsonkothileyo.”

Abaphandi baye bayikopa le glu baza benza iiglu ezomelele ngaphezu kwayo. Iglu abaye bayenza iyanyibilika xa amathambo sele emilile. Ukuba iyaphumelela, iza kuba luncedo kakhulu kubantu abophukileyo.

Ucinga ntoni? Ngaba le glu yalo mbungu yabakho ngamabona ndenzile? Okanye ngaba yadalwa?

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Oogqirha bafuna ukudibanisa amathambo ngaphandle kokusebenzisa iintsimbi

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]

Sandcastle worm: © Peter J. Bryant, University of California, Irvine

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share