IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/11 iphe. 3
  • ‘Wenziwe Ngokumangalisayo’!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Wenziwe Ngokumangalisayo’!
  • Vukani!—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Esinokuwonga Ngayo Umbane
    Vukani!—2017
  • Injongo YeeOlimpiki Isengozini
    Vukani!—2000
  • ‘Senziwe Ngokumangalisayo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • InDalo
    Ukuqiqa NgeZibhalo
Khangela Okunye
Vukani!—2011
g 5/11 iphe. 3

‘Wenziwe Ngokumangalisayo’!

NGABA ukhe ube nomona xa ubona izinto ezimangalisayo ezenziwa zizilwanyana? Mhlawumbi unqwenela ukubhabha njengealbatross, ukudada njengedolphin, ukubona njengokhozi okanye ukubaleka njengehlosi.

Izilwanyana zikwazi ukwenza izinto ezimangalisayo. Kodwa nabantu zikho izinto abakwaziyo ukuzenza! Eneneni umzimba womntu uye wachazwa njengomatshini ogqibeleleyo. Kakade ke, umzimba womntu usebenza bhetele kunomatshini. Sinobuchule bokukwazi ukwenza izinto ezintsha, ukuba nomdla kwizinto esingazaziyo, ukucinga nokuba krelekrele—mpawu ezo ezisinceda sikwazi ukuvelisa oomatshini abatsha abasenza sikwazi ukwenza phantse nantoni na esiyicingayo. Sikwazi ukubhabha siye kufika emajukujukwini, sinqumle iilwandle sihamba ngaphantsi kwamanzi okanye phezu kwawo; sikwazi ukubona nezona ndawo zikude zasemajukujukwini; sifunde ngeeseli; senze amayeza, siphilise abantu size senze nezinto zobugcisa ezisinceda sikwazi ukuxilonga nokunyanga izifo.

Nkqu naxa bengancediswa ngoomatshini, abantu abasempilweni nabaqeqeshwe kakuhle bayakwazi ukwenza izinto ezikhwankqisayo. Ngokomzekelo, kwiMidlalo yeOlimpiki abantu abenza umthambo, abaqubhi, abadlala emkhenkceni nabanye, benza izinto ezimangalisayo ezishiya ababukeli bebambe ongezantsi.

Ngaba uyazixabisa iziphiwo ezikhethekileyo onazo? Kuyinyaniso ukuba usenokungabi ngumdlali weOlimpiki kodwa uneziphiwo ezininzi ofanele ube nombulelo ngazo. Umbhali weBhayibhile wamandulo owayenoxabiso ngeziphiwo awayenazo waculela uThixo ingoma, esithi: “Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo.”a (INdumiso 139:14) Cinga ngalo mbhalo njengoko ufunda la manqaku alandelayo. Aza kuthetha ngezinye izinto ezimangalisayo umzimba okwaziyo ukuzenza nangezona mpawu zibaluleke kakhulu ezisenza sahluke.

[Umbhalo osemazantsi]

a Abantu abanomdla wokwazi enoba sadalwa okanye sazivelela kusini na banokufunda incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? nethi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking. Ezi ncwadana zinemifanekiso unokuzifumana kumaNgqina kaYehova endawo ohlala kuyo okanye kubapapashi beli phephancwadi.

[Ibhokisi ekwiphepha 3]

INDLELA ESIDALWE NGAYO YONGA AMANDLA

Indlela esidalwe ngayo yonga amandla kuba akuyomfuneko ukuba izihlunu zisebenze kangako ukuze zixhase umzimba wethu. Isazi ngengqondo uJohn R. Skoyles uthi, ‘amandla esiwasebenzisayo xa simile akakho maninzi kangako kunalawo siwasebenzisa xa silele.’ Wongezelela athi, xa imile, inja yona isebenzisa amandla ongezeleleke ngama-70 ekhulwini kunaxa ilele.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share