Okwenzeka Ehlabathini
Kwiphulo lawo lokuthintela ukuthengiswa kwabantu, “amapolisa aseTshayina aye akhulula abafazi abangama-10 621 nabantwana abangama-5 896 ababexhwiliwe.” Kwaye kwabanjwa abarhanelwa abangama-15 673.—ICHINA DAILY, YASETSHAYINA.
“Bangaphezu kwe-1 000 ootitshala abaye bagxothwa eKenya ngenxa yokuxhaphaza abantwana abangamantombazana ngokwesini kule minyaka mibini idluleyo. . . . Uhlolisiso lwafumanisa ukuba . . . le ngxaki yayinkulu kakhulu kunokuba kwakucingwa”—IDAILY NATION, YASEKENYA.
Ngokolunye uhlolisiso, abantu abaye batshisa ulusu lwabo besebenzisa iibhedi zokutshisa ulusu kuba befuna ukuba mnyama banamathuba angama-75 ekhulwini lokuphuma amathumba kunabantu abangazange batshise ulusu lwabo. Abantu abaye basebenzisa oomatshini bokutshisa ulusu kangangeeyure ezingaphezu kwezingama-50 basethubeni eliphakathi ko-2.5 no-3.0 okuphuma amathumba.—ICANCER EPIDEMIOLOGY, BIOMARKERS & PREVENTION, YASEUNITED STATES.
“Asibhozo ekhulwini kuphela [amantombazana aseza kutshata aseKhanada] acinga ukuba ukungalali nandoda ngaphambi komtshato yinto entle,” ukanti wona “angama-74 ekhulwini ayahlalisana ngaphambi kokuba atshate.”—IWEDDINGBELLS, YASEKHANADA.
Ingozi Yamanzi Angcolileyo
Ngokutsho kweZizwe Ezimanyeneyo, “ngoku baninzi abantu ababulawa ngamanzi angcolileyo kunabo bafa ngogonyamelo kuquka iimfazwe.” IZizwe Ezimanyeneyo zithi, izigidi ezibini zeetoni zenkunkuma—evela kwiifama nakwiinkampani, kuquka ilindle nezinye izinto—ilahlwa kwimilambo nakwiilwandle yonke imihla, nto leyo esasaza izifo ize ingcolise nendalo. Ukongezelela, qho ngemizuzwana engama-20, kufa umntwana ongaphantsi kweminyaka emihlanu ngenxa yezifo ezibangelwa ngamanzi angcolileyo. UAchim Steiner ongumphathi weUN Environment Programme uthi: “Ukuba sifuna ihlabathi liphumelele . . . kufuneka sifumane iindlela ezikrelekrele zokunciphisa ubungakanani benkunkuma esiyenzayo size siyikhathalele nendlela esiyilahla ngayo.”
Ukucula Ukuze Ukwazi Ukuthetha Kwakhona
Izigulana eziliqela eziye zangakwazi ukuthetha ngenxa yokufa icala ziye zancedwa kukucula ukuze zikwazi ukuthetha kwakhona. Oogqirha bengqondo bakhuthaza abantu abafe icala ukuba bayicule into abafuna ukuyithetha. Le ndlela yokunyanga iye yaba nempumelelo. IThe Wall Street Journal ithi emva kokusebenzisa le ndlela yokunyanga kangangeeveki ezili-15, “ngokuthe ngcembe izigulana ziye zifunde ukuwathetha la mazwi beziwacula.”
“Liyanda Inani Labafundi Abakopayo”
ICanadian Council on Learning (CCL) ithi, kuhlolisiso olwenziwa eKhanada kubafundi abangama-20 000 abakunyaka wokuqala eyunivesithi, abangama-73 ekhulwini “bayavuma ukuba bakha bakopa.” Enye iyunivesithi ithi phakathi kowama-2003 nowama-2006 landa ngama-81 ekhulwini inani labafundi abakopayo nabacaphula imisebenzi yabantu ngaphandle kwemvume yabo. Umongameli weCCL uGqr. Paul Cappon uthi: “Kule minyaka ilishumi idluleyo i-internet nezinye izinto zobugcisa ziye zanceda abafundi abaninzi bakwazi ukukopa.”