Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Yintoni Engekhoyo Kulo Mfanekiso?
Funda eyesi-2 yooKumkani 5:1, 9-16, 20-27. Ngoku jonga lo mfanekiso. Ziintoni ezingekhoyo? Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi. Dibanisa la machaphaza ukuze ugqibezele lo mfanekiso, uze ufake nombala.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
[Umzobo]
(Yiya kwimpapasho)
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Ziziphi izinto ezimbini awaxoka ngazo uGehazi?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda eyesi-2 yooKumkani 5:22, 25.
Ngubani owayesazi ukuba uGehazi uyaxoka?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda eyesi-2 yooKumkani 5:25, 26; 2 Kronike 16:9; Hebhere 4:13.
Kutheni ufanele ungaxoki?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda iMizekeliso 12:22; Yohane 8:44.
OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:
Fundani eli bali leBhayibhile kunye. Ukuba kunokwenzeka, omnye makabe ngumbalisi, owesibini abe nguElisha, owesithathu abe nguNahaman nabalindi bakhe aze owesine abe nguGehazi.
Gcina La Makhadi
Sika apha, uligobe uze uligcine
IKHADI LEBHAYIBHILE 8 UHEZEKIYA
IMIBUZO
A. Wayeneminyaka emingaphi uHezekiya xa waba ngukumkani wakwaYuda?
B. UYehova wabandisa ngeminyaka emingaphi ubomi bukaHezekiya?
C. Vala isikhewu. Ngenxa yemithandazo nokunyaniseka kukaHezekiya, uYehova wathumela ingelosi ukuba ibulale amajoni aseAsiriya angama-․․․․․.
[Isicangca]
4026 B.C.E. 1 C.E. 98 C.E.
UAdam uyadalwa Wayephila malunga Kubhalwa incwadi
neminyaka yama-700 B.C.E. yokugqibela yeBhayibhile
[Imaphu]
Wayehlala eYerusalem
IASIRIYA
IYerusalem
UHEZEKIYA
IMBALI YAKHE
Ngukumkani othembekileyo owalungisa itempile kaThixo, watshabalalisa izithixo waza wakhuthaza abantu ukuba benze iPasika. (2 Kumkani 18:4; 2 Kronike 29:3; 30:1-6) Nangona uyise uKumkani uAhazi wayengumzekelo ombi, uKumkani uHezekiya “waqhubeka enamathele kuYehova.”—2 Kumkani 18:6.
IIMPENDULO
A. Wayeneminyaka engama-25 ubudala.—2 Kumkani 18:1, 2.
B. Ngeminyaka eli-15.—2 Kumkani 20:1-6.
C. 185 000.—2 Kumkani 19:15, 19, 35, 36.
Abantu Namazwe
4. Igama lam ndinguKyrly yaye ndineminyaka emithandathu ubudala, elam nguSheen kwaye ndineminyaka esithoba ubudala. Sihlala kwiiPhilippines. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala kwiiPhilippines? Ngaba angama-62 000, ali-126 000 okanye ali-172 000?
5. Liliphi ichaphaza elibonisa indawo esihlala kuyo? Yenza isangqa kulo uze wenze ichaphaza elibonisa indawo ohlala kuyo ukuze ubone ukuba ukufutshane kangakanani kwiiPhilippines.
A
B
C
D
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba ungayifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
● Iimpendulo zomxholo othi “KHANIKHE NIZIKHUMBUZE NJENGENTSAPHO” zikwiphepha 20
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 30 NELAMA-31
1. Inqwelo yokulwa kaNahaman.
2. Iingxowa zesilivere.
3. Izambatho.
4. 172 000.
5. D.