Izinyo Elizilolayo Leurchin Yaselwandle
Ngaba Ladalwa?
● Iurchin yaselwandle izakhela isikhundla ngokomba ematyeni isebenzisa amazinyo ayo amahlanu. Nangona isemba yaye ikrwela ngawo ematyeni, amazinyo eurchin akabi buthuntu. UPupa Gilbert, ongunjingalwazi wezenzululwazi kwiYunivesithi yaseWisconsin–Madison eUnited States uthi: “Asinaso isixhobo esikwaziyo ukwenza oku.” Incedwa yintoni le urchin yaselwandle?
Khawucinge ngoku: Izinyo leurchin yaselwandle libunjwa ziikristale ezidityanisiweyo. Noko ke uGilbert uthi, “kukho izikhewu phakathi kwala mazinyo.” Ezi zikhewu zenza kube lula ukuba iingcamba zamazinyo ezigugileyo ziphume kuze kuvele ezinye ezibukhali. Eli zinyo alide libe buthuntu kuba liqhubeka likhula kwelinye icala ngoxa lizilola kwelinye. UGilbert uthi izinyo leurchin “liyenye yezinto ezimbalwa kwindalo ezikwaziyo ukuzilola ngokwazo.”
Abenzi bezixhobo zokusebenza banomdla kakhulu kwindlela elisebenza ngayo izinyo elizilolayo leurchin yaselwandle. Linokubanceda benze izixhobo zokusebenza ezikwaziyo ukuzilola. UGilbert uthi: “Into eza kusinceda kukufunda kwindlela elizilola ngayo eli zinyo.”
Ucinga ntoni? Ngaba izinyo elizilolayo leurchin yaselwandle labakho ngamabona-ndenzile? Okanye ngaba ladalwa?
[Umzobo okwiphepha 16]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Izinyo elikhulayo
Ingcamba yezinyo
Izinyo eliloliweyo
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Iurchin yaselwandle
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Amazinyo amahlanu
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 16]
Both photos: Courtesy of Pupa Gilbert/University of Wisconsin-Madison