Itsunami YaseJapan Yowama-2011—Abantu Abasindayo Babalisa Oko Kwabehlelayo
Khawufunde oko sikubaliselwa ngabantu abasinda kwinyikima eyehla eJapan nakwitsunami eyalandelayo.
NGOLWESIHLANU, ngoMatshi 11, 2011, ngo-2:46 emva kwemini, ilizwe laseJapan lantlithwa yinyikima yesine ngobukhulu kwezakha zabhalwa embalini yehlabathi. Yabangela kwabakho itsunami enkulu eyashiya abantu bothuke kakhulu kangangeveki eziliqela. Abantu abangama-20 000 bafa okanye balahleka. Noko ke, abanye abangamawaka basinda. Khawuve oko kubaliswa ngabo basindayo.
UTadayuki nomfazi wakhe uHarumi, babesekhayeni labo eIshinomaki, eMiyagi Prefecture, xa beva ukuxokozela yaza indlu yabo yaqalisa ukunyikima ngamandla. UTadayuki uthi: “Sabalekela phandle yaye sothuka kukubona umhlaba ucandekile. Sasibukele njengoko indlu yethu yayinyikima kuphuma uthuli kwiintanda zodonga.”
Le nyikima yaqala kumgama oziikhilomitha ezili-129 ukusuka kunxweme lwaseMiyagi. Itsunami yabangela umonakalo kangangeekhilomitha ezingama-670 ukugudla unxweme lwePacific, eJapan. Kwezinye iindawo amaza ayephakame kangangeemitha ezili-15, aza adiliza neentsika eziselunxwemeni yaye nemilambo yaba nezikhukula ezikhulu ibe akhukulisa neendawo ezihlala abantu umgama oziikhilomitha ezingama-40.
Iindawo zombane, ipetroli namanzi acocekileyo zatshabalala. Izindlu, iivenkile nemizi-mveliso emalunga ne-160 000 zonakala yaye ezinye zakhukuliseka. Ngesinye isihlandlo, inkitha yamaxhoba amalunga nama-440 000 yayixhwarhe kwizindlu zokwexeshana ezingama 2 500, njengezikolo namaholo asekuhlaleni. Abanye abaninzi babehlala kumakhaya ezalamane nabahlobo babo. Kwafa amashumi amawaka abantu, yaye imizimba yabaninzi engamawaka ayikafunyanwa nangoku.
Ukulahlekelwa Nentlungu Engathethekiyo
Itsunami yabulala abantu abaninzi kakhulu kunabo babulawa yinyikima. UYoichi, owayehlala eRikuzentakata, eIwate Prefecture, wakhawuleza warhanela ukuba kuza kulandela itsunami emva kwenyikima, ngoko wafunela abazali bakhe ikhusi kwindawo ekufutshane. Emva koko wazama ukunceda abamelwane. Besaxhalabele abazali, uYoichi nomfazi wakhe, uTatsuko babefuna ukubuyela kubo kodwa beva iindaba zokuba itsunami iyasondela.
Babalekela kwesinye isakhiwo kodwa abazange bakwazi ukungena kuso kuba sasivalwe zizinto ezaziwiswe yinyikima. Babona isakhiwo esimnyama esasikumzi-mveliso owawukufutshane nabo sikhukuliseka sisiza ngakubo. UTatsuko wakhwaza wathi: “Balekani!”
Ekugqibeleni baya kungena esikolweni esasimi kumhlaba ophakamileyo. Belapho, bazibonela ngawabo amehlo itsunami ikhukulisa wonke ummandla okufutshane nabo. Omnye umntu wathi: “Nantso indlu yam isimka namanzi.” Ummandla omkhulu weRikuzentakata wonakaliseka, yaye abazali bakaYoichi bakhukuliseka. Umzimba kayise awuzange ufunyanwe; yaye okanina wafunyanwa ekugqibeleni.
UToru wayesebenza kumzi-mveliso okufutshane nonxweme eIshinomaki. Xa kwaphela inyikima yokuqala, wakhawuleza wakhwela emotweni yakhe wabaleka. Wakhwaza nabanye ukuba babaleke kuba wayerhanela ukuba kuza kulandela itsunami.
UToru uthi: “Ndaqala ndaleqa ekhaya, kuba indlu yethu yayikummandla ophakamileyo, kodwa kungekudala ndabambezeleka endleleni ngenxa yobuninzi beemoto. Ndeva kunomathotholo wemoto ukuba itsunami yayisele igalelekile kwidolophu ekufutshane. Ndavula ifestile yemoto ukuze ndikwazi ukubaleka ukuba ifika kummandla endikuwo. Kwathi kusenjalo ndabona udonga olukhulu lwamanzi amnyama olungaphezu kweemitha ezimbini ukuphakama lusiza lubaleka ngakum. Iimoto ezaziphambi kwam zaza kubetheka kweyam, yaye sonke sakhukuliseka.
“Ndazibona nje ndikwazile ukuphuma ngefestile, kodwa ndakhukuliseka ngaloo manzi amdaka nawayenuka kakubi. Ndaya kuphoseka kwindawo yokulungisa iimoto, apho ndabambelela kwezinye izinyuko ndaza ndanyukela kumgangatho wesibini. Ebunzimeni, ndakwazi ukuhlangula abantu abathathu. Abambalwa kuthi bakwazi ukunyamezela loo manzi awayeqhubeka enyuka kunye nobusuku obabuqhaqhazelisa amazinyo nobabuzele likhephu. Kodwa asizange sikwazi ukusindisa abanye ababecela uncedo.”
Ngaphambi kwenyikima, uMidori waseKamaishi, eIwate, wachitha ithuba elithile ezonwabisa noyisemkhulu noninakhulu. Wayesandul’ ukuphumelela amabanga aphakamileyo yaye wayese idiploma yakhe kuyisemkhulu owayehlutshwa yimpilo ukuze ambonise yona. Wayifunda ngemincili loo diploma waza wancoma uMidori ngawo wonke umgudu awawenzayo. Kwahlasela inyikima kwiintsuku nje ezintlanu emva kweso sihlandlo simnandi.
UMidori nonina, uYuko, baqonda ukuba itsunami iyalandela ngoko baxelela uyisemkhulu noninakhulu ukuba bemke kuloo mmandla. Kodwa uyisemkhulu wathi: “Hayi, andiyi ndawo. Iitsunami azizange khe zifike nakude kangaka.” Bazama ukumkhuphela ngaphandle, kodwa kwakunzima ukumphakamisa, ngoko baya kufuna uncedo. Kodwa ngelo xesha yayisele igalelekile itsunami. Indoda eyayimi kwenye induli ekufutshane yakhwaza isithi: “Khawulezani! Balekani!” Itsunami yayisele ikhukulisa indlu emva kwenye. Isikhalo sikaMidori saya siqatsela, esitsho kalusizi: “Tatomkhulu! Makhulu!” Umzimba katatomkhulu wakhe wafunyanwa kamva, kodwa okamakhulu wakhe awuzange ufunyanwe.
Imigudu Yokuzisa Uncedo
Urhulumente waseJapan wakhawuleza wathumela izicima-mlilo, amapolisa, nabezokhuseleko besuka kulo lonke elaseJapan. Ngokuqhwanyaza nje kweliso, abantu abangaphezu kwe-130 000 babesele bekho ukuza kuhlangula nokunceda abo bantu. Ethubeni, abantu abavela kwamanye amazwe neentlangano zamazwe ngamazwe zeza kunceda. Kungekudala kwafika amaqela amaninzi okuhlangula kunye nabezonyango. Babekhangela abantu abasindileyo, belungiselela iindlela zonyango ibe begutyula naloo monakalo wawumkhulu.
Iintlangano ezahlukahlukeneyo zazinceda abantu bazo. Phakathi kwazo kwakukho namaNgqina kaYehova. Emva nje kwenyikima netsunami yasemva kwemini ngoLwesihlanu, amaNgqina aqinisekisa enoba bonke abantu abaqhele ukuhlanganisana ukuze banqule kunye bakhuselekile kusini na. Noko ke, kwakunzima ukuhamba kwiindlela ezininzi, yaye kwakungekho mbane ibe neefowuni zazingasebenzi. Kwakunzima kakhulu ukukhangela abantu kuloo ndawo inkulu yayintlithwe yinyikima.
UTakayuki , ongumdala kwelinye ibandla lamaNgqina kaYehova eSoma, eFukushima Prefecture, wanxibelelana nentsapho ezimbalwa kuphela ngaloo mvakwemini yayimbi yangoLwesihlanu. Wathi: “Ndagqiba ekubeni abanye ndibakhangele ngosuku olulandelayo. Kwathi xa kuthi qheke ukusa, ndaqalisa ukukhangela ndihamba ngemoto ndaza kamva ndahamba ngenyawo kwada kwatshon’ ilanga. Ndaya kwiindawo ezingama-20, kuquka amaholo, ndikhangela amalungu ebandla. Ndandisithi xa ndibafumene, ndifunde iBhayibhile ndize ndithandaze nabo.”
UShunji waseIshinomaki, uthi: “Saphuma singamaqela ukuze siye kukhangela abantu esikhonza nabo. Ukufika kwethu kwindawo yentlekele, sabamb’ ongezantsi. Iimoto zazijinga kwiipali zombane, izindlu zaziphezu kwezinye, yaye izinto ezazikhukulisekile zaziyimfumba ephakame ngaphezu kwezo zindlu. Phezu kwenye imoto, kwakukho umzimba womntu ekusenokwenzeka ukuba wayebulewe yingqele yobusuku bangaloo mini. Enye imoto yayijonge phantsi ijinga phakathi kwezindlu. Kwakukho umzimba womntu ngaphakathi.”
Kwathi qabu kuShunji akufumana abanye abantu akhonza nabo befumene ikhusi. Uthi: “Xa ndadibana nabo, ndayiqonda indlela endandibathanda ngayo.”
“Nifike Singekanicingeli!”
AmaNgqina amabini angamantombazana, uYui noMizuki, babehlala kumakhaya ameleneyo eMinamisanriku, eMiyagi. Xa kwaphela inyikima yokuqala, babalekela phandle baza babonana. Babalekela kummandla ophakamileyo. Kungekapheli nemizuzu elishumi, babebukele njengoko amakhaya abo nedolophu yonke yayikhukuliswa ngaloo maza.
Xa uYui noMizuki badibana nabahlobo abangamaNgqina kwenye indawo yekhusi, bathandaza nabo. Ngentsasa elandelayo, amalungu ebandla labo kunye nawakumabandla akufutshane anqumla intaba, ebaphathele ukutya nezinto ezingakumbi eziluncedo. UYui noMizuki bevuyile bathi: “Besisazi ukuba niza kufika, kodwa nifike singekanicingeli!”
UHideharu, ongumveleli oliNgqina weBandla laseTome weza kule ndawo ayexhwarhe kuyo la mantombazana. Uthi: “Ubusuku bonke bendizama ukunxibelelana nabahlobo bethu abahlala kule ndawo ikufutshane nonxweme. Ekugqibeleni, ngentsimbi yesine ekuseni, ndafumana ingxelo yokuba abanye babalekele esikolweni esithile. Ngentsimbi yesixhenxe, sahlanganisana simalunga neshumi ukuze silungiselele iirice ball, yaye abathathu kuthi babasela oko kutya ngemoto. Kwakunzima ukuhamba kwiindlela ezininzi. Emva kweenzame ezininzi, sada saya kufika kweso sikolo. Nkqu nabantu imizi yabo yayikhukulisekile babesincedisa ukuxhasa abanye.”
Ukuqinisa Ulwalamano Lwabo NoThixo
AmaNgqina kaYehova ahlanganisana rhoqo ukuze afunde iBhayibhile, yaye amabandla athile akwenza oku ngeengokuhlwa zangoLwesihlanu. Kwakunjalo eRikuzentakata; kodwa ke iHolo YoBukumkani—indawo yamaNgqina yokunqula—yayisandula kukhukuliswa yitsunami. Elinye iNgqina lathi: “Masiqhubeni iintlanganiso, noba kunjani.” Ngoko kwakhethwa ikhaya elalingonakaliswanga kakhulu, yaye kwaxelelwa amalungu ebandla ngelo lungiselelo.
Nakubeni umbane wawungekho, kwasetyenziswa ijenareyitha yombane ukuze kukhanyiswe. Kwakukho abantu abalishumi elinesithandathu. UYasuyuki osemtsha nowaphulukana nendlu yakhe ngenxa yetsunami ukhumbula oku: “Zazizehlela iinyembezi ngenxa yovuyo esasinalo. Ayikho enye indlela ebhetele esasinokuhlangulwa ngayo.” UHideko waphawula oku: “Umothuko omkhulu wawubaphazamisa abanye ezintlanganisweni, kodwa ngoxa sasikunye, ndandilibala ngoloyiko namaxhala endandisiba nawo.”
Ukususela ngoko, elo bandla alizange nakanye likuphose ukuhlanganisa rhoqo. Kwiintsuku ezimbini kamva, ngeCawa, umxholo wentetho eyayiza kunikelwa wawusithi “Ubuzalwana Bazwenibanzi Busindiswa Kwintlekele.”
Ukulungelelanisa Umsebenzi Wokuhlangula
Amasebe amaninzi kaRhulumente aqalisa umsebenzi wokuhlangula, njengokuba nesebe lamaNgqina kaYehova eliseEbina kufutshane naseTokyo lalisenza. NgoMgqibelo, usuku lwasemva kwenyikima, isebe lalisele liyahlulahlule yazinxalenye ezintathu le ndawo yayichatshazelwe yinyikima. NgoMvulo, kwintsuku ezintathu emva kwenyikima, abameli abavela esebeni batyelela ezo ndawo.
Umsebenzi wokuhlangula waqhubeka kangangeeveki neenyanga ezalandelayo. AmaNgqina amaninzi anikela ngezinto ezininzi zokunceda. Ngesinye isihlandlo, ukuze bakwazi ukuthumela uncedo kwezo ndawo zentlekele kwakusetyenziswa iindawo ezintathu zokuhlangula kunye nezingama-21 zokusebenzela nezitishi zokunxibelelana. Ebudeni beenyanga ezimbini zokuqala, amakhulu abantu ababeze kunceda ancedisa ekusasazeni iitoni ezingama-250 zokutya, impahla kunye nezinye izinto ezazifuneka. AmaNgqina amaninzi abelana nabamelwane bawo ngezo zinto zaziyimfuneko.
AmaNgqina kaYehova akwibandla laseRikuzentakata nelaseOfunato asebenzisa iHolo yawo yoBukumkani eyakhiwe ngokutsha ukuze akhuthaze abantu bahlale bethembele kuThixo. Oku kuza kunceda abantu bakwazi ukunyamezela ubunzima abajamelana nabo njengoko kufuneka baphinde babuqale phantsi ubomi babo yaye kufuneka bachache kumothuko ababenawo emva kwalo nyikima netsunami eyayimbi ngolo hlobo. KumaNgqina angaphezu kwama-14 000 awayekho kule ndawo yentlekele, ali-12 kuwo afa yaye amabini akakafumaneki nangoku.
AmaNgqina kaYehova amaninzi awayengamaxhoba ale ntlekele imanyumnyezi athetha into efanayo neyathethwa yenye intsapho. Ithi: “Xa sasibaleka le ntlekele, mntu ngamnye wayenebhegi enye kuphela. Kodwa zonke izinto esasiziswele sazifumana kubantu esikhonza nabo.” Kuvuyisa ngokwenene ukubona abakhonzi boThixo oyinyaniso, uYehova, bekwazi ukumanyana nabazalwana abasehlabathini lonke, nto leyo uYesu nabapostile bakhe bathetha ngayo! Olu lwalamano banalo alunakukhukuliswa ziitsunami okanye nayiphi na intlekele yemvelo.—Yohane 13:34, 35; Hebhere 10:24, 25; 1 Petros 5:9.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 18]
KULANDELA INTLEKELE YENYUKLIYA
Umonakalo owenziwa yitsunami eFukushima Daiichi kwisitishi senyukliya waba ngundaba-mlonyeni ehlabathini lonke. Iigesi eziyingozi ekuthiwa ziiradioactive emission zaligubungela lonke elaseJapan kunye namanye amazwe akufutshane. Amawaka abantu afuduswa kwiindawo awayehlala kuzo ngenxa yokoyikela ukuba angatsarhwa ngumoya wezi gesi ziyingozi.
UMegumi uthi: “Sasihlala kufutshane nesi sitishi senyukliya. Emva kosuku idlulile inyikima, saxelelwa ngomonakalo owenzeke kwisitishi senyukliya yaye kwathiwa masimke kuloo ndawo.” Udadewabo uNatsumi ukhumbula oku, “Iinqwelo-ntaka zazindanda apho, kukhala nezandi zezilumkiso, yaye kwakukho umntu owayekhwaza esithi masimke apho.” Kwiiveki ezalandelayo, babehamba behlala kwiindawo ezisithoba ezahlukeneyo. Ekugqibeleni, la mantombazana mabini avunyelwa ukuba abuyele ekhaya kangangeeyure ezimbini kuphela ukuze aye kuthatha izinto ezimbalwa.
UChikako, owayemalunga neminyaka engama-60 ubudala, owayeseNamie, eFukushima ukhumbula oku: “Xa kwahlasela inyikima, ndabalekela kwelinye iholo elikufutshane. Apho, mna nabantwana bam ababini sasilala obungehliyo ngenxa yomothuko esasinawo. Ngentsimbi yesixhenxe ekuseni, saxelelwa ukuba sikhawuleze sifudukele kwiholo elalikwenye idolophu.
“Indlela yayivalwe ziimoto ezininzi, ngoko saya kufika apho sasisiya khona ngentsimbi yesithathu emva kwemini. Safika apho seva ngogqabhuko-dubulo olwenzeka kwesa sitishi senyukliya esasihlala ecaleni kwaso. Ndandicinga ukuba siza kukhawuleza sibuyele ekhaya, ngoko asizange sihambe nanto.” UChikako kunye nentsapho yakhe babehamba behlala kwiindawo ezininzi de bafumana indlu kude nekhaya labo.
[Inkcazelo]
Photo by DigitalGlobe via Getty Images
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 20]
OKO SINOKUKUFUNDA XA SISONKE
UYoichi, waseRikuzentakata, ebesikhe sathetha ngaye ekuqaleni nowaphulukana nezinto zakhe ezininzi, wathi, “Ndinobungqina obubambekayo bokuba izinto umntu anazo azinakumkhusela.” Kudala abantu abakhonza uThixo benembono enjalo, ngakumbi abo babefundiswa nguYesu. Wabafundisa indlela izinto eziphathekayo ezingabalulekanga ngayo xa zithelekiswa nokukholiseka kuThixo nasekufumaneni iintsikelelo zakhe.—Mateyu 6:19, 20, 33, 34.
Enye into esiyifundayo kukuba, sifanele senze okuthile xa silunyukiswa. Enoba siyasinda okanye siyatshabalala, loo nto iya kugqitywa yindlela esisabela ngayo kwisilumkiso. Abantu abaninzi ababalekela kwiindawo eziphakamileyo eJapan basinda.
[Imaphu/Imifanekiso ekwiphepha 16]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
JAPAN
TOKYO
Kamaishi
Rikuzentakata
Minamisanriku
Ishinomaki
Soma
Isitishi senyukliya eFukushima
Ebina
Iofisi yesebe lamaNgqina kaYehova
[Imifanekiso]
Rikuzentakata, Iwate
Soma, Fukushima
Ishinomaki, Miyagi
Kamaishi, Iwate
Minamisanriku, Miyagi
[Umfanekiso okwiphepha 14]
UHarumi noTadayuki
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UYoichi noTatsuko
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UYuko noMidori
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UToru
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Imoto eyayiqhutywa nguToru
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UTakayuki
[Umfanekiso okwiphepha 18]
UShunji
[Umfanekiso okwiphepha 19]
UMizuki noYui
[Umfanekiso okwiphepha 19]
UHideharu
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Abasebenzi bokuhlangula
[Umfanekiso okwiphepha 20]
IHolo yoBukumkani yaseRikuzentakata emva kwetsunami
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Kwakhiwa ngokutsha kwiinyanga ezintathu kamva
[Umfanekiso okwiphepha 20]
IHolo yoBukumkani egqityiweyo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 14]
JIJI PRESS/AFP/Getty Images