IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w24 Novemba iphe. 31
  • Izinto Ezinokukunceda Ufunde Yonke Imihla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izinto Ezinokukunceda Ufunde Yonke Imihla
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndingenza Ntoni Ukuze Ndikunandiphe Ukufunda IBhayibhile?
    Vukani!—2012
  • Ucwangciso Lwentsapho—Isifundo Sentsapho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Musa Ukuzoyikisela—Ukuzenzela Ixesha Nangona Uxakekile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Isifundo SeBhayibhile Somntu Wonke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
w24 Novemba iphe. 31
Udade uyafunda, esebenzisa ilaptop, iBhayibhile nencwadi yokubhala izinto azifundayo. Usebenzisa itshathi ethi “Amagunya Ehlabathi Esiprofeto SikaDaniyeli” kwiSihlomelo B9 seNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

Izinto Ezinokukunceda Ufunde Yonke Imihla

NGABA ngezinye iimini ukhe wonqene ukufunda iBhayibhile, okanye ngaba ukhe uyifunde njee ungenamdla wayo? Mhlawumbi sonke sikhe sibe njalo ngamanye amaxesha. Kodwa khawucinge ngezinye izinto esizenza yonke imihla, njengokuhlamba. Ukuhlamba kufuna ixesha, futhi kuye kubekho izinto ekufuneka uzenze ngaphambi kokuba uhlambe. Kodwa uziva uhlaziyeke nyhani xa sowugqibile. Kunokuba njalo ke naxa ufunda iBhayibhile, unokuhlaziyeka ube ngathi uhlambe ‘ngamanzi alilizwi likaThixo.’ (Efe. 5:26) Nanga amacebiso anokukunceda:

  • Zenzele ucwangciso lokufunda. Ukufunda iBhayibhile yenye ‘yezona zinto zibalulekileyo’ amele azenze umKristu. (Fil. 1:10) Ukuze ungalibali ukuyifunda, zenzele ucwangciso uze ulubeke kwindawo oza kulubona kuyo, njengakucango lwefriji. Enye into esenokukunceda kukuseta ialam kwifowuni yakho ukuze ikhale kwimizuzu embalwa ngaphambi kwexesha oza kufunda ngalo.

  • Uthanda ukufunda njani? Ngokomzekelo, ngaba iyaphela iyure ungekadinwa kukufunda, okanye ukhetha ukufunda ixeshana, umane uphumla? Nguwe ozaziyo. Ngoko cinga ngezo zinto xa uceba ukuba uza kufunda ixesha elingakanani. Ukuba xa kufika ixesha omele ufunde ngalo uziva usonqena, kutheni ungafundi imizuzu nje eyi-10? Ukufunda imizuzu eyi-10 kubhetele kunokungafundi nje tu. Mhlawumbi xa sowuqalile, uza kuzibona sowufunda ixesha elide kunaloo mizuzu.​—Fil. 2:13.

  • Cinga kusengaphambili ngento ofuna ukuyifunda. Ukuba ucinga ngento ofuna ukuyifunda xa kufika ixesha omele ufunde ngalo, ‘usenokungalisebenzisi kakuhle ixesha lakho.’ (Efe. 5:16) Kutheni ungabhali phantsi imixholo namanqaku ofuna ukuwafunda? Naxa kukho into ongayiqondi kakuhle nofuna ukuyazi, ungayibhala apho. Qho xa ugqibile ukufunda, unokongeza ezinye izinto obungathanda ukufunda ngazo.

  • Kulungele ukutshintsha. Kulungele ukutshintsha into ekucwangciso lwakho, njengobude bexesha ofunda ngalo okanye izinto obuza kufunda ngazo. Akubalulekanga ukuba ufunda nini, ixesha elingakanani okanye ufunda ntoni. Eyona nto ibalulekileyo kukufunda yonke imihla.

Kusinceda kakhulu ukufunda yonke imihla. Sisondela kuYehova, sifunda ukwenza izigqibo ezibalulekileyo ebomini, futhi siyahlaziyeka.​—Yosh. 1:8.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share