Ngaba Zinokusindiswa Zingatshabalali?
NGOWAMA-2002, iZizwe Ezimanyeneyo zachaza usukelo lokuba kuthi kuphela iminyaka elishumi, ube sele ucuthwe ngamandla umlinganiselo wokutshatyalaliswa kweentlobo ezithile zezilwanyana nowezinto eziphilayo. Ngokolo sukelo, unyaka wama-2010 wawuza kuba nguNyaka Wezinto Ezahlukahlukeneyo Eziphilayo Kwizizwe Ngezizwe.
Okubuhlungu kukuba, loo nyaka wafika kungekho kwathemba lokuba olo sukelo lungaphunyezwa. IBBC yathi, “Izinto ezenziwa ngabantu zitshabalalisa izinto eziphilayo, ngomlinganiselo ophindwe kali-1 000 kunokuba bekuya kuba njalo xa zizitshabalalela ngokwazo.” INew Zealand Herald yada yatsho ngokungqalileyo yathi: “Isityalo esinye kwezihlanu, isilwanyana esinye kwezihlanu ezanyisayo, intaka enye kwezisixhenxe nesilwanyana esinye kwezithathu eziphila emanzini nasemhlabeni ngoku zisecicini lookutshabalala.” Ubungqina bale ngxaki bubonakala xa sihlolisisa oko kuye kwenzeka kwiinkulungwane eNew Zealand.
Iintlobo Zezinto Eziphilayo ENew Zealand
Ngaphambi kokuba kubekho abantu abahlala eNew Zealand, umjikelo wezinto eziphila wawusebenza kakuhle gqitha. Kodwa abantu bokuqala ukuhlala apho, beza neentlobo zezinto eziphilayo ezabangela umonakalo ongathethekiyo kubomi bezinto zalapho. Ngokomzekelo, abantu ekuthiwa ngamaMaori beza nezinja bevela phesheya kwePasifiki, mhlawumbi kunye nempuku eyayikukutya kwawo ikiore (okanye ibuzi lasePolynesia).
Kwandula ke, ngenkulungwane ye-17 neye-18, kwafika abantu baseYurophu ngenqanawa eyayinamabuzi, iimpuku neekati—ezi kati zakhawuleza zaba ziingada zaphila endle. Abantu baseYurophu baphinda beza neebhokhwe, iihagu, namaxhama ukuze bafumane inyama. Ngenkulungwane ye-19, beza nepossum enomsila ofukufuku nemivundla—besenzela inyama—bengacinganga ngomonakalo oza kwenziwa zezi zilwanyana kwimithi, iintaka nezityalo zalapho.
Ngeminyaka yee-1860, le mivundla yanda ngendlela engalawulekiyo, de kwaziswa isilwanyana ekuthiwa sistoat. Kodwa esi silwanyana sakhetha ukuzondla ngawona maxhoba afumaneka lula, iintaka zalapho. Ngenxa yoko, le mivundla yatsho yanda nangakumbi.
Ngenxa yokwanda kwemiphumo yezi zilwanyana zanyisayo, iSebe Lokulondolozwa Kwendalo laseNew Zealand lithi namhlanje amantshontsho ekiwi emdaka azalelwa endle, asi-9 kwali-10 afa engekagqibi nonyaka. Sele zininzi iintlobo zezinto eziphilayo eziye zatshabalala: iintlobo zeentaka ezingaphezu kwama-40; ezamasele, ezi-3; ilulwane uhlobo olu-1 nezecikilishe ezi-3 ubuncinane—kuquka iinkumbula yezinambuzane ezahlukahlukeneyo. Zingaphezu kwesiqingatha seentlobo ezingama-5 819 izityalo nezilwanyana zaseNew Zealand ezisemngciphekweni wokutshabalala, nto leyo yenza elo lizwe libe lelona lisengozini yokulahlekelwa zizinto eziphila endle emhlabeni.
Imigudu Emihle
Amagosa karhulumente asephulweni lokuthintela izityalo nezilwanyana eziyingozi zingangeni eNew Zealand. Ukongezelela koko, iSebe Lokulondolozwa Kwendalo liye lenza imigudu yokutshabalalisa izinambuzane ezithile, ngakumbi eziqithini laza lalungiselela iindawo ezithile ezifanele izinto eziphila endle.
Esinye sezi ziqithi yiTiritiri Matangi, emgama kunxweme loSinga-siqithi waseAuckland iWhangaparaoa. Ekubeni atshatyalaliswayo amabuzi kwaza kwaphinda kwatyalwa nemithi yalapho engama-280 000 ngowe-1993 kweso siqithi, ngoku abakhenkethi bayakwazi ukuphulaphula baze babukele iintlobo zeentaka zalapho ezinqabileyo neziye zathuthelwa apho ngokutsha, kuquka isaddleback, itakahe, ikokako, irifleman nestitchbird. Ekubeni zikhula kule ndawo ingenazintshaba zazo, ezi zilwanyana zihle zikhe zivumele abakhenkethi basondele zingabaleki.
Ngowama-2003, isiqithi saseCampbell sabhengezwa njengesingenawo amabuzi emva kweminyaka emibini etshatyalalisiwe. Ukususela ngoko, izityalo ziyakhula neentaka zaselwandle zibuyela apho. Kukho neteal, idada elinqabileyo leSiqithi iCampbell—eliye lalondolozwa apho.
Kutshanje, kuye kwakho iphulo elikhulu kwisiqithi saseRangitoto nesaseMotutapu kuquka iHauraki Gulf yaseAuckland. Injongo kukukhusela iPohutukawa elona hlathi likhulu ehlabathini nokulondoloza izinto zemvelo zalapho endle. Emva kokutshatyalaliswa kwezinambuzane eziliqela neziyingozi—kuquka imivundla, iistoat, iihedgehog, iingada, amabuzi aseNorway, lawo eza neenqanawa, neempuku—kwaphinda kwabonakala iiparakeet ezinesacholo esibomvu nezinye iintaka ezintyilozayo kwezo ziqithi nakuba kwakusele kudlule inkulungwane zingabonwa!
Le mizekelo ibonisa oko kunokwenziwa ukuze kubuyiselwe iintlobo zezinto eziphilayo ezisesichengeni sokutshabalala nendlela yokulungisa umonakalo wexesha elidlulileyo. Abathandi bendalo naphina ehlabathini banokukhangela phambili kwisithembiso seBhayibhile sokuba uYehova uThixo, “uMenzi wezulu nomhlaba,” uya kuphelisa yonke into esongela indalo kuqula izinto eziphila endle.—INdumiso 115:15; ISityhilelo 21:5.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 25]
Sithethanje amantshontsho ekiwi asi-9 kwali-10 afa engekagqibi nonyaka
[Ibhokisi ekwiphepha 26]
UKUSETYENZISWA KAKUHLE KWEMALI
Ucelomngeni abajamelene nalo abalondolozi bendalo kukuba ziya zisiba ninzi izinto eziphilayo ezisesichengeni sokuphela ehlabathini lonke ngoxa kungekho mali yaneleyo ukuhlangabezana nale ngxaki. Enye indlela abayisebenzisayo kukunceda iingxwelerha, umgaqo osetyenziswa kumagumbi onyango olungxamisekileyo esibhedlele emhlabeni wonke. Enye indlela eli phulo lijolise ekulawuleni imali isetyenziswe kwizinto ezinemiphumo emihle, njengoko kuqwalaselwa (1) ukuxabiseka kwaloo nto isesichengeni, (2) amathuba akhoyo okuyisindisa kuloo ndlela icetywayo, kunye (3) neendleko zokwenza oko. Nakuba bengavumelani bonke abantu ngale ndlela, abaxhasi bayo bathi iluncedo ekusetyenzisweni kakuhle kwemali enqabileyo, ukuze kunikelwe ingqalelo kwizinto eziya kuba yimpumelelo.
[Imaphu ekwiphepha 26]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
ENEW ZEALAND
IHauraki Gulf
ISiqithi iTiritiri Matangi
IRangitoto neMotutapu
ISiqithi iCampbell
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ikiwi emdaka
[Inkcazelo]
© S Sailer/A Sailer/age fotostock
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Itakahe endala kwiSiqithi iTiritiri Matangi
[Umfanekiso okwiphepha 27]
ISiqithi iCampbell
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 27]
Takahe: © FLPA/Terry Whittaker/age fotostock; Campbell Island: © Frans Lanting/CORBIS