IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/12 iphe. 19-21
  • Kutheni Abazali Bam Bengandiqondi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Abazali Bam Bengandiqondi?
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndimele Ndenze Ntoni Xa Abazali Bam Bexambulisana?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • Ndinokwenza Ntoni Ukuze Ndibazi Kakuhle Abazali Bam?
    Vukani!—2009
  • Kutheni Sisoloko Sixambulisana Nje?
    Vukani!—2010
  • Kutheni Sisoloko Sixambulisana Nje?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 5/12 iphe. 19-21

Abantu Abaselula Bayabuza

Kutheni Abazali Bam Bengandiqondi?

KHAWUCINGE NGOKU.

Yintsimbi yesithandathu ngokuhlwa, ngoLwesihlanu, uKhaya oneminyaka eli-17 ubudala wenza owenkawu ukuya kuphuma emnyango. Enethemba lokuba abazali bakhe abayi kumbuza nto iza kumfaka ekoneni, uthi kubazali bakhe: “Ndimkile sakubonana ukubuya kwam!”.

Ebemele ukuba sele esazi ukuba abazali bakhe baza kumbuza ixesha lokubuya.

Unina uyambuza: “Uza kubuya ngabani ixesha?”

UKhaya uthi xhungu aze eme. Uya e-eza ethetha into engavakaliyo aze athi: “Ndicela ningandilindi?” Emva koko uKhaya uvula ucango aze azame ukusithela. Kodwa kuthi kusenjalo uyise amkhwaze athi, “Khayalethu, khawume!”

UKhaya ukuphinda eme aze eve uyise ethetha ngqongqo esithi: “Uyalazi ixesha lokubuya. Ngentsimbi yeshumi umele ube lapha—ayikho enye into!”

UKhaya uyancwina njengoko ejonga kuyise, athi: “Kodwa Tata, uyayazi indlela ekuziintloni ngayo ukuxelela oontanga ukuba umele ugoduke ngokukhawuleza?”

Uyise akavakalelwa kwaphela. Uyaphinda: “Ndithe ngentsimbi yeshumi, siyavana!”

KUSENOKWENZEKA ukuba nawe ukhe wakwimeko efanayo. Enoba ingxaki yakho yayikukubekelwa ixesha lokubuya, ingumculo owudlalayo, abahlobo bakho okanye impahla oyinxibayo, abazali bakubekela imithetho engqongqo babe bengafuni kuva nentwana le. Ngokomzekelo:

“Emva kokuba etshate uMama, utata wesibini waba ngqongqo gqitha ngawo nawuphi na umculo endandiwuthanda. Ndagqibela ngokulahla zonke iiCD zam!”—UBrandon.a

“UMama undigxeka gqitha ngokungabi nabahlobo. Kodwa ndithi ndakumbuza ngomntu othile endifuna ukuba ngumhlobo naye, athi hayi kuba engamazi. Inzima gqitha le meko!”—UCarol.

“UTata noMama wesibini abavumi nakancinane ndinxibe izikipa ngaphandle kokuba zezo ndivakalelwa ukuba zikhulu gqitha kum. Yena uTata undimela ngelithi izinto ezimfutshane, zimfutshane gqitha ukuba zima entla kwamadolo!”—USerena.

Yintoni onokuyenza ukuba aniboni ngasonye nabazali bakho? Ngaba unokuthetha nabo ngaloo nto? UJoanne oneminyaka eli-17 ubudala uthi: “Abam abazali badla ngokungafuni kuva kwanto.” UAmy, oneminyaka eli-15 ubudala uthi: “Xa ndibona ngathi abazali bam abandiqondi, ndivele ndithule.”

Kodwa unganikezeli lula ngolo hlobo! Kusenokwenzeka ukuba abazali bakho bakulungele ukuphulaphula kunokuba wena ucinga.

Cinga ngoku: KwanoThixo waphulaphula xa abantu babethetha naye. Ngokomzekelo, uYehova wamphulaphula uMoses xa wayethethela amaSirayeli angathobeliyo.—Eksodus 32:7-14; Duteronomi 9:14, 19.

Usenokuvakalelwa ukuba abazali bakho abanaluvelwano njengoThixo. Yinyaniso ukuba kukho umahluko omkhulu gqitha phakathi kokuthetha kukaMoses noThixo ngentlekele eyayiza kwehlela lonke olo hlanga nokucela kwakho kuTata okanye uMama wakho bakuvumele ubuye emva kwexesha. Kodwa kukho umgaqo ezidibana ngawo ezi meko:

Ukuba unesizathu esivakalayo, abasemagunyeni—kule imeko, abazali bakho—banokukuvumela uzithethelele.

Eyona nto ibalulekileyo yindlela owubeka ngayo umcimbi! La manyathelo alandelayo aya kukunceda kule nkalo:

  1. Yiqonde eyona nto iyingxaki. Bhala apha ngezantsi ingxaki ocinga ukuba anivumelani ngayo nabazali bakho.

  2. Yiqonde indlela ovakalelwa ngayo. Bhala apha ngezantsi ilizwi elichaza indlela ovakalelwa ngayo ngenxa yembono abanayo abazali bakho ngaloo mbandela—enoba ikwenza buhlungu, uyadana, uyaphoxeka, uziva bengakuthembi, njalo njalo. (Umzekelo: Kwimeko esivule ngayo eli nqaku, uKhaya uthi ixesha elingqongqo lokubuya elibekwa ngabazali bakhe limshiya ephoxekile kubahlobo bakhe.)

  3. Zama ukuzifaka ezihlangwini zabo. Masithi unomntwana okwishumi elivisayo ojamelene nengxaki oyibhale kwiNyathelo 1. Ukuba ubungumzali ibiya kuba yintoni eyona nto ikuxhalabisa gqitha, yaye ngoba? (Umzekelo: Kwimeko esivule ngayo, abazali bakaKhaya basenokuba boyikela ukhuseleko lonyana wabo.)

  4. Wucingisise ngokutsha umbandela. Phendula le mibuzo ilandelayo:

    Yiyiphi into eluncedo oyibonayo kule nto ithethwa ngabazali bakho?

    Yintoni onokuyenza ukuze bayeke ukuxhalaba?

  5. Xubusha umbandela nabazali bakho kunye nezicombululo. Ngokusebenzisa la manyathelo angentla—uze ucinge ngamacebiso akwibhokisi ethi “Amacebiso Okunxibelelana”—usenokufumanisa ukuba uyakwazi ukuthetha nabazali bakho ngendlela ebonisa ukuqola. UKellie sekwazi ukuncokola kakuhle nabazali bakhe. Uthi: “Ukuxambulisana akunakukusa ndawo, yaye soze kukuncede. Into endincedayo kukuthetha phandle nabazali bam. Kudla ngokufuneka ngamnye abe nezinto ayekelelayo kuzo ibe loo nto iyasinceda.”

Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWebhsayithi ethi www.watchtower.org/ype

a Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.

AMACEBISO OKUNXIBELELANA

“Ukuphulaphula kuya kukunceda ngakumbi kunokusuka nje ube unkqangaza. Ukuba uyabaphulaphula abazali bakho uze uzame ukuqonda izizathu zento abayithethayo, nabo baya kwenza okufanayo.”—URianne.

Funda eyabaseFilipi 2:3, 4.

“Musa ukuphendulana nabo! Ndandikade ndisenjenjalo de ndaqonda ukuba ngendandikuphephile ukuxambulisana (nokohlwaywa) ukuba nje ndandilawule ulwimi lwam!”—UDanielle.

Funda iMizekeliso 17:27; 21:23.

“Linda de kube lixesha elifanelekileyo, xa usazi ukuba abazali bakho bakulungele ukukuphulaphula.”—UCollette.

Funda iMizekeliso 25:11.

“Abazali bakho bamele babone ukuba ubaphulaphula ngokwenene xa bethetha. Ngoko ngaphambi kokuba ubaxelele indlela ovakalelwa ngayo, baqinisekise ukuba uyakuva oko bakuthethayo futhi uyakuqonda.”—UEmily.

Funda iMizekeliso 23:22; Yakobi 1:19.

ISIBAKALA

Akuyomfuneko ukuxubusha ngazo zonke izinto eningavumelani ngazo. Kwezinye iimeko, ninokusuka nje ‘nithethe entliziyweni yenu, nize nithi cwaka.’ (INdumiso 4:4) Intombazana eselula egama linguBeatrice ithi: “Maxa wambi ndithi ndakucinga ngendlela engayi kubaluleka ngayo kwixa elizayo loo ngxaki ndithule.”

KUTHENI UNGABABUZI OKU NJE KUBAZALI BAKHO?

Nanisenza njani xa ninengxaki nabazali benu? Ukuba beninokuphinda nibe ngangam, ngaba ezo ngxaki beniya kuzilungisa ngendlela eyahlukileyo? Ukuba kunjalo, beniya kuzilungisa njani?

OKUTHETHWA NGOONTANGA

UWyndia—Ndiye ndizame ukucinga ngaphambi kokuba ndithethe. Ndizama ukucinga ngembono yabazali bam, ndithandaze ngaphambi kokuthetha nantoni na. Ukuba ndiyabona ukuba loo nto ndifuna ukuyithetha iza kuvusa uqhushululu, ndiye ndithule de ndibe nendlela yokuyibeka kakuhle.

URoss—Xa ndisiva ukuba ndiyacaphuka, ndiye ndizixelele ukuba ukuxambulisana ngokungeyomfuneko kunokundimoshela usuku lonke. Ngenxa yoko, andifane ndicatshukiswe yinto le yonke njengaxa ndandiselula.

URamona—Ndifumanisa ukuba kusoloko kububulumko ukuphulaphula oko kuthethwa ngabazali. Maxa wambi imbono yabo ayahluki kangako kuloo nto ndiyicingayo, size ke singaphikisani njengokuba bendicinga.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share