IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/12 iphe. 10-12
  • Apho Imali Ihamba Ngemilenze Emine

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Apho Imali Ihamba Ngemilenze Emine
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Izifundo Endizifunda EBhayibhileni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Isifundo 2
    Izifundo Endizifunda EBhayibhileni
  • Sazimisela Ukubufeza Ubulungiseleli Bethu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ndiyavuya Kuba Ndaye Ndakhetha Lo Msebenzi
    Amabali Obomi AmaNgqina KaYehova
Vukani!—2012
g 8/12 iphe. 10-12

Apho Imali Ihamba Ngemilenze Emine

“KUMMANDLA wethu ihagu yenye yezinto ezibalulekileyo entsatsheni, ngoko ke, ukuyikhulisa kuyimbopheleleko enkulu,” utsho njalo uEnmarie Kani, intombazana eneminyaka eli-17 ubudala ehlala kwiinduli zasePapua New Guinea. “Xa uTata wayecela ukuba ndikhulise intshontsho lehagu, ndavuya kodwa ndinexhala. Ngendlela elalilincinane ngayo ndandicinga ukuba liza kufa.”

UEnmarie walinyamekela njani elo ntshontsho lehagu? Yintoni eyenza iihagu zixabiseke njengemali kubantu bamaphandle asePapua New Guinea? Khawuve oko akubalisele uVukani!

Khawusichazele indawo ohlala kuyo.

Mna nabazali bam nabantwana basekhaya abane—amantombazana amabini namakhwenkwe amabini—sihlala kwinqugwala elincinane elifulelwe ngengca kwilali esemagqagaleni kwiiNduli zaseNtshona. Le lali inabemi abamalunga nama-50, bonke bazizalamane zam, yaye sihlala ecaleni komlanjana onqumla kwintshinyela yehlathi elikwezo nduli.

Inkoliso yabantu belali yethu iphila ngokulima. Intsapho yakuthi inegadi enkulu yemifuno, apho silima khona ibhatata, amathanga, ikomkomere, ikofu nezinye izityalo. Ndikuthanda gqitha ukulima imifuno yaye ndiyakuthanda nokusebenza. Ikho neminye imisebenzi yendlu endiyenzayo, njengokucoca, ukuhlamba impahla, ndiphinde ke ndinyamekele ihagu yasekhaya.

Uyinyamekela njani lehagu yakowenu?

Xa uTata wathenga le hagu kunyaka ophelileyo, yayincinane kangangokuba yayiphelela esandleni. Mihla le ndandiyondla ngentlanzi esiliweyo yaxutywa nebhatata ecoliweyo, amanzi netyuwa kunye nencindi yomoba. Ebusuku xa kubanda gqitha kwezo nduli, yayilala kwingxowa engenanto yerayisi eyayijinga kwisilingi yendlu kufuphi neziko lomlilo lasekhaya. Ndandilala phantsi kufuphi nayo. Ngenxa yoko, le hagu ayizange nje isinde kodwa yaphila tofotofo!

Zange ndiyithiye igama. Ndandiyibiza nje ngokuba nguHagwana, ibe elo yaba ligama layo. Ndamnyamekela ke uHagwana ngokungathi lusana lwam—ndimondla, ndimhlamba yaye ndidlala naye kangangeeyure. UHagwana waqala ukundithanda kangangokuba wayendilandela naphi na apho ndiya khona.

Wathi akuba mdala, ndahamba naye kwindlela entsha esisayihamba kunye nangoku. Ndimfaka intambo, ndize ndiye naye kwisitiya sakuthi semifuno—uhambo lwemizuzu eli-15 ukusuka ekhaya. Apho ndibophelela loo ntambo emthini aze uHagwana avunduze kuloo gadi imini yonke. Esebenzisa loo ntamo yakhe yomeleleyo nemhemfu, ugrumba iingcambu nemisundululu kwangaxeshanye elima aze achumise umhlaba. Ekupheleni kosuku, ndiya naye ekhaya apho ndifika ndimondle ngebhatata ekrwada ngaphambi kokuba aye kulala kwindlwana yamaplanga.

Kutheni iihagu zibaluleke kangaka kubantu abahlala kwezi nduli?

Thina bantu bahlala kwezi nduli sinesaci esithi, imali yihagu ibe nehagu yimali. Mandulo, ngaphambi kokufika kwemali, abantu baberhweba ngeehagu—ibe oko kusenjalo nanamhlanje. Ngokomzekelo, omnye umthengisi weemoto kwezi nduli wayephisa ngehagu ephilayo kuye nabani na othenga imoto entsha. Iintlanga zidla ngokucombulula iingxaki zazo ngokuhlawulana ngemali neehagu. Abayeni abaninzi badla ngokulobola ngeehagu.

Uthetha ngokungathi ukuxhela ihagu uyitye kukutya imali esebhankini!

Uchan’ ucwethe! Ekubeni iihagu zixabiseke kangaka, inyama yehagu sidla ngokuyitya kwizihlandlo ezikhethekileyo, njengaxa kukho umngcwabo neminye imicimbi ebalulekileyo. Oko kuthetha ukuba ezinye iintlanga zalapha zidla amakhulu eehagu kwimicimbi emikhulu eyenzelwe ukubonisa ubutyebi bazo okanye ukubuyisa izitya.

Apha kokwenu niza kuzenza ntoni ezenu iihagu?

Unyanisile xa usithi “iihagu,” kuba uHagwana uye wazala amantshontsho aliqela, elinye kuwo siye salithengisa kutshanje nge-100 leekina (elingana ne-R300). Loo mali sayisebenzisa ukuhlawula ibhasi xa sasisiya kwindibano yesithili yonyaka yamaNgqina kaYehova kwidolophu ekufutshane yaseBanz. UTata ukhe athengise amanye amantshontsho kaHagwana xa kukho izinto amele azinyamekele apha ekhaya.

Kutheni ningafuyi iihagu ezingakumbi ukuze nifumane imali eninzi?

Usukelo lwethu asikokuba zizityebi, kodwa kukufumana izinto esizifunayo njengokutya, impahla nendawo yokulala. Intsapho yakuthi inikela ingqalelo kwizinto zokomoya. Ezi zinto ziquka ukukhonza uThixo wethu, uYehova; ukuya kwiintlanganiso zamaKristu; ukunceda abanye abantu kangangoko sinako—ngezinto eziphathekayo okanye ngokomoya—nokwenza izinto kunye njengentsapho. Siphila ubomi obulula, kodwa simanyene yaye sonwabile.

Enyanisweni, ndiyaphangela kuba ndiyalima ngoxa ndikhulisa neehagu—kodwa yimisebenzi yesingxungxo nje leyo. Owona msebenzi wam kukushumayela iindaba ezilungileyo, ukuxelela abamelwane bam inyaniso yeBhayibhile. Lo msebenzi uYesu awawuthuma abalandeli bakhe, undigcina ndixakekile kangangeentsuku evekini. (Mateyu 28:19, 20) Ndinethemba lokuba ngenye imini ndiya kusebenza kwiofisi yesebe lamaNgqina kaYehova ePort Moresby, apho kuguqulelwa khona uncwadi lweBhayibhile ngeelwimi zalapha. Kwanokuba akude kwenzeke oko, ndiya kuhlala ndivuyiswa kukukhonza uYehova nokuxabisa ukuthanda kwakhe ngaphezu kwayo nantoni na enye. Ndinombulelo gqitha ngenkxaso yezinto eziphathekayo endizifumana ngemali ehamba ngemilenze emine.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 12]

IINKCAZELO NGEHAGU

● Ubuncinane zifikelela kwizigidi ezibini iihagu ezifuywe kwisiqithi iNew Guinea, umlinganiselo wehagu e-1 kubemi balapho aba-3.

● Ngaphezu kwesiqingatha sabantu balapho abahlala ezilalini bafuye iihagu.

[Iimaphu ezikwiphepha 10]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

EINDONESIA

EPAPUA NEW GUINEA

EOSTRELIYA

EINDONESIA

EPAPUA NEW GUINEA

EPORT MORESBY

IINDULI ZASENTSHONA

EOSTRELIYA

[Umfanekiso okwiphepha 10, 11]

Ukuya egadini

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Ixesha lokuhlamba

[Umfanekiso okwiphepha 11]

Ixesha lokudlala

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share